Amajelo eendaba anamandla abalulekile kakhulu kunangaphambili

vukuzenzele unnamed

Siphila kwilizwe apho ingezizo nje iintatheli kuphela kodwa naliphi na ilungu loluntu linakho ukuvakalisa izimvo zalo ngokukhululekileyo, izimvo zabo ngokwenene nangokungoneliseki kwabo ngaphandle kokoyika ukohlwaywa.
Sivela kude ukusuka kwimihla apho uqhankqalazo lwentlalo olwenziwa nga magcisa lwatsala imiyalelo yokubhangiswa, kwaye ingxelo egxekayo yeentatheli yayizibeka emngciphekweni wokuvalelwa okanye ukuvalwa kopapasho.Kutshanje, umbutho  i-Reporters without Bo rders upapashe Isalathiso se  Nkululeko yoPapasho ndaba seHlabathi sama-2021, isilinganiso sesimo senkululeko yamajelo eendaba kwihlabathi liphela.Ngokubanzi, kwafuma niseka ukuba kukho ukuhla kufikelelo loluntu kwii nkcukacha kunye nokonyu ka kwemiqobo ekusasa zweni kweendaba kumazwe amaninzi. Ingxelo yathi ubuntatheli "buvaliwe ngokupheleleyo okanye buthintelwe kakhulu" kumazwe angama-73 kwaye "buthintelwe" kwamanye angama-59. Into ekhathazayo kukuba inkululeko yamajelo eendaba iye yehla phantsi kobhu bhane we-COVID-19, ino thintelo lweendlela ezikhoyo ezahlukeneyo ezibonakala ngathi bezisetyenziselwa ukunciphisa umsebenzi wamajelo eendaba kwiindawo ezininzi.Kule ngxelo yakutshanje uMzantsi Afrika ubekwe kwindawo yama-32 kumazwe ali-180. Isalathiso sichaza imeko yenkululeko yamajelo eendaba eMzantsi Afrika njenge "siqinisekisiweyo kodwa sibuthathaka". Iphawula ukuba ngelixa uMgaqo-siseko woMzantsi Afrika uyikhusela inkululeko kwaye sinesiqhelo esisekiweyo sobuntatheli bophando, uninzi lwezi thintelo lusathintela ii ntatheli ekwenzeni imise benzi yazo. Oku kuquka imiyalelo yomthetho echasene nokuthatha imifanekiso yeeNdawo ezinguNdoqo zeSizwe okanye ukunika ingxelo ngemiba equka ukhuseleko lukarhulumente. Ingxelo ikwaphawula ukwanda kokugrogriswa kweentatheli ngowama-2020, ingakumbi kwiintatheli zabasetyhini kumajelo eendaba zoluntu. Ugrogriso olunjalo alwa mkelekanga kwaphela, ko dwa luyingozi ngokukodwa xa lujolise kwiintatheli zabasetyhini kwaye ngamanye amaxesha lukhatshwa  zizoyikiso zobundlobongela obuphathelele nesondo.  Lo ngumcimbi oxhalabisayo kakhulu kwaye awunakuvunyelwa.Kwangaxesha nye, siziva singaxhalabanga ngokwazi ukuba sinamajelo eendaba akhululekileyo, anamandla anakho ukunika ingxelo ngaphandle koloyiko okanye ukwenzelela kwabo bongameleyo, malunga nemiba engxamisekileyo yezentlalo yexesha lethu, kunye nokubonelela ngee nkcukacha ezichanekileyo, ezingakheth’icala eluntwini.Ngexesha apho sisebenza kunye ekwakheni uqoqosho lwethu kunye noluntu lwethu oluphakathi kobhubhane wentsholongwane ye-corona, amajelo eendaba anamandla abaluleke kakhulu kunangaphambili. Amajelo eendaba oMzantsi Afrika adlale indima eba lulekileyo ekufumaneni oku ninzi esikwaziyo namhlanje malunga nobungakanani bokubanjwa ngobhongwane kukarhulumente ngabantu nangamaziko, angoohlohlesakhe, narhwaphilizayo.Anikezela ngengxelo yawo engenasiphazamiso nokuba ajamelene nezigrogriso, ukulahlekisa ngabom, kunye nokuhlaselwa kwawo buqu.Urhwaphilizo ayingo mceli mngeni ekukuphela kwawo esijamelana nawo njengelizwe. Ubomi bemihla ngemihla babemi boMzantsi Afrika abaninzi busachatshazelwa yindlala, ukungalingani kunye nophuhliso olunqongopheleyo, ukuhanjiswa kweenkonzo ezikumgangatho ophantsi kunye nokunqongophala kwamathuba. Ukuba amajelo eendaba azokuhlala ethembekile kuxanduva lwawo loku xhasa intando yesininzi, iintatheli zethu kufuneka ziqhubeke ukwenza ingxelo ngaphandle koloyiko okanye ukwenzelela kweminye imiba yosuku. Ingxelo yawo engenasi phazamiso kufuneka iquke ubundlobongela obusekelwe kwisini, ulwaphulo-mthetho kwiindawo esihlala kuzo kunye neengxaki zentlalo ezifana nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi. Amajelo eendaba ethu kufuneka anikezele ngeenkcu kacha ezichanekileyo, eze nza ukuba uluntu lukwazi ukwenza izigqibo ezine ngqiqo, ukufikelela ku -mathuba nasekuphuculeni ubomi babo. Kufuneka ukuba baqhubeke ukuvelisa ubuntatheli obugqithisa ngaphaya kwezihloko kunye namaphepha angaphambili nolunegalelo kuphuhliso lwabantu. Kufuneka banike ingxelo kuzo zombini iindaba ezimnandi kunye neendaba ezimbi, inkqubela-phambili esiyenzayo kunye nemiceli-mngeni esijamelana nayo. Ukuthembeka kubalulekile ekugcineni ithemba phakathi kweentatheli kunye noluntu. Xa iintatheli zivumela ngokwazo okanye amaqonga azo ukuba asetyenziselwe ukulwa amadabi ezopolitiko okanye ukuba nempindezelo egameni lokufumana inzuzo, ukuthembeka kwabo kuyonakala. Xa amajelo eendaba e sasaza amabali angachaneka nga okanye awaziyo ukuba awayonyani, uluntu luphulukana nokholo kuwo.Kungumdla wabo bonke abantu abalithandayo eli lizwe kwaye banqwenela ukuba liphumelele ukuba amajelo eendaba axhaswe, kwaye angathintelwa emsebenzini wawo. Njengoluntu, masiqhubeke ukusebenza kunye ukukhusela ngononophelo inkulule ko yamajelo eendaba elizwe lethu. Yafunyanwa nzima kwaye ngaphandle kwayo, asinathemba lokuphume lela. 

