Sibulela abongikazi bethu

Allison Cooper

Abongikazi beli lizwe, kunye nabanye abasebenzi bezama yeza, babeke ubomi babo  esichengeni ukuze bancede abanye abantu ngexesha lobhubhane weSifo sentsho longwane yeCorona (i-COVID-19).
USuku lwaBongikazi lwe Hlabathi, olungomhla we-12 kuCanzibe, lithuba lokunika abongikazi udumo ngenkonzo abayinika abanye abantu.
Umongikazi osisigxina uLuyanda Ganuganu (25), wesiBhedlele i-Groote Schuur eNtshona Koloni, uthi olu suku lukwalithuba lokuba abongika zi baqhubeke nokukhanyisa isi -bane kumsebenzi wabo.
“Lithuba lokuba abongikazi babekelwe phezulu, kodwa kufuneka siqhubeke nokunika inkathalo ekumgangatho ophe zulu, ingakumbi ngeli xesha lobhubhane,” utsho.
UGanuganu ebephambili  ngexesha letyeli lokuqala nele sibini lalo bhubhane, esebenza ewadini yenkathalo ephezulu ye-COVID-19  yesi sibhedlele.
“Eyona nto ibimnandi  ibe ngamava endiwazuzi leyo ngethuba ndisebenza nezigulana, kodwa eyona nto ibimbi ibikukufa okuni nzi okwehlileyo kule  wadi. Bekungekho  lula emoyeni ngekwe mvakalelo.”UGanuganu, osele esebenze njengomongikazi osisigxina le minyaka mibini egqithileyo, wakhetha lo msebenzi kuba ethanda ukunceda abantu.
“Ndikhulele ezilalini eMpuma Koloni ndiyibona indlela aba ntu abasokola ngayo ngenxa yokunqongophala kweekli nikhi ezinabongikazi abane nkathalo. Oku kwaphuhlisa intshisakalo yam yokwenza umohluko,” utsho.
Ngexesha lobhubhane uGanuganu kuye kwafu neka ukuba afunde ukusebenza phantsi koxinzelelo.
“Izigqibo kufuneka zenziwe ngokukhawuleza kwaye kufu neka ucinge msinyane. Ndikwa funde indlela yokuthetha nezigulana,” wongeze ngeli tshoyo.UGanuganu uye wanzinye lwa kakhulu kukusebenza ngexesha letyeli lesibini. Na ngona ebefuna ukunceda abanye abantu, ubekwaxhala bele olwakhe usapho.
“Ndiye ndatshata ngeyo Mnga ka-2020 kwaye inko sikazi yam ibikhulelwe.  Ndibone amanina amani nzi akhulelweyo esweleka ewadini yeCOVID-19 . Kuye kwafuneka ndiqaphele nanga kumbi kuba bendingafuni uku beka ubomi benkosikazi yam emngciphekweni,” utsho.
UGanuganu unombulelo  ongazenzisiyo kubaphathi noogxa bakhe.“Ndifuna ukubabulela nge nkxaso yabo nangoku  ndinika ithuba lokuba  ndikhule njengomongikazi.
Kuyinto emnandi kakhulu ukusebenza nabantu aba baxhasayo abasebenzi abase batsha.”Umyalezo wakhe kuluntu kukuba luncedise abongikazi ngokuthi benze into efanele kileyo.
“Sincedeni ukuze sinincede.
Wonke umntu uyazi ukuba kulindeleke ukuba enze ntoni ngexesha leCOVID-19 . Nce dani niqhubeke nokulandela izikhokelo nemigaqo, “utsho uGanuganu. 
Umongikazi osisigxina uLuyanda Ganuganu oko ephambili kumlo ochasene neCOVID-19 kwisiBhedlele i-Groote Schuur.


