Isicwangciso seenkukhu sisenzo esinesakhono kakhulu kumafama engingqi

Vukuzenzele unnamed

Ushishino lweenkukhu kunye namaqanda eMzantsi Afrika luyakhula ngenxa yeSicwangciso seShishini leeNkukhu.

Ngethuba uBeverly Mhlabane etha tha uhambo esiya kuthenga amaqanda evenkileni, wayengazi ukuba ngelaxesha abuyela ngalo ekhaya kuyakuthi kuphume ingcinga yeshishini lakhe eliyimpumelelo. “Ngenye imini ndaya evenkileni uku yakuthenga amaqanda ndafi ka amaqanda ebiza kakhulu ngoko ke ndagqiba kweloku ba mandithenge iinkukhu ezili-10 ezibeka amaqanda ukuze sifumane amaqa nda asendlwini,” utshilo. Inkukhu ibeka iqanda qho kwiiyure ezingama-26, into ethetha ukuba uMhlabane uza kufumana umndili li wamaqanda asibhozo okanye alithoba ngemini.
Kwiinyanga ezimbini kamva, waqala ukuthengisa amaqanda kubamelwane.
Oku kukhokelele ekube ni aguqule igaraji yakhe ibe yindlu yorhwebelwano lweenkukhu. Ngelo xesha wayenaso nesitiya semifu no esingasemva kwendlu. UMhlabane, owayesaku ba yinjineli, wayesoloko enezicwangciso zokushi ya ushishino ukuze aqale ishishini lakhe lezindlu.
Ngowama-2014, ethubeni emva kokufumana iinkukhu zakhe, wathenga iihektare ezimbini zomhlaba eBenoni, eRhawutini, ngenjongo yokwakha iindawo zokuhlala. Nangona kunjalo, akakwazanga ukuqhubeka nesicwangciso sakhe kuba umhlaba wawumiselwe use tyenziso lwezolimo.  Wagqi ba kwelokuba andise ishishi ni lakhe lokufuya elincinane. Inkqubo ende  Ukunqongophala kwezi  bonelelo ezifana nokubiya,  amatanki amanzi  kunye nombane kuthe -tha ukuba waqala nje  ukusebenzisa umhla ba ngowama-2016.  Lo mama oneminya ka engama-49 ukhu  mbula kakuhle  ngedlela  awayeqhele ukukhange la ngayo kuGoogle ukwenza uphando  kwezolimo. Ukufunda kwakhe kube nomvuzo kwaye namhla nje, ungumnini one bhongo we-Zapa Farm, ishishini lezolimo lorhwebo elinempumelelo.
 Uqhubele phambili ukusu ka ekusebenziseni iihektare zakhe zomhlaba ezimbini ukuyakutsho kulwandiso lwemveliso yakhe yamaqanda kunye nokukhulisa  isipinatshi, ikale (uhlo bo oluthile lwekhaphe tshu), ipepile eluhlaza kunye neetumata, awa yezithengisa ekhuhlaleni,  de ekugqibeleni wafaka iito nela ezimbini ze mifuno , walima iihektare  eziyi-1.5 kwaye wakha  izindlu zokubeka amaqanda  ezingumthamo ongama-5 000kunye nama-2 000. Ifama ithumela kwiindawo zokutyela ezine zaseWimpy , i-Pick n Pay , kwi hotele yeHoliday Inn  nakwiivenkile zespaza  zase kuhlaleni, phakathi kwezinye. “Nangona kunjalo, sinonqongophalo njengoko izinto zethu ezifunwayo  zingaphezulu kwamandla  ethu, kwaye, ngenxa yoko,sifumana amaqanda  kwabanye e abavelisi  bengi ngqi. Sinovavanyo lwefuthe lokusingqongileyo oluvu nyiweyo lwee-nkukhu ezibeka amaqanda ezingama-120 000 kwaye ke ngoko sifuna imali  eyinkunzi yokwandisa,”  utshilo. ISicwangciso Se  shishini leeNkukhu  UMhlabane wancedwa ukuba ngumfama  onempumelelo. Ungomnye  wabalimi abasakhasayo abaninzi abaxhamlayo  kuXwebhu lweSicwangciso lweXesha elide lweeNkukhu,  olwaveliswa ngurhulumente kunye nabachaphazelekayo kushishino, kuquka abavelisi beenkukhu, amafama, abenzi bemveliso, abathengisi bama zwe angaphandle, abangeni sa elizweni kunye nabase benzi abalungelelanisiweyo. Sityikitywe ngowama-2019, esi sicwangciso sijolise ekukhuliseni imisebenzi kolu shishino ngamanyathe lo aliqela azakwaziswa kule minyaka imbalwa izayo.  Kwakungenxa yesicwangciso  apho uMbutho wee-Nkukhu waseMzantsi Afrika (i-SA PA) wahlawulela ilayisensi yokusebenzisa amanzi ka Mhlabane kwaye wamnika uqeqesho lokuvelisa amaqa nda.
 Inkxaso yamafama  Umphathi Jikelele we-SA PA u-Izaak Breitenbach uthi ushishino lutyale izigidi ekuxhaseni amafama antsundu nokukhulisa imveliso yeenkukhu nge-5%.  Kwiinyanga nje ezili-12, abalimi abalimela ukuthengisa besivumelwano abantsundu abali-13 baye basekwa kwaye imisebenzi engama-960 iye yaveliswa. “Ishishini lityale izigi di ezingama-R870 uku dala iimarike zabalimi abalimela ukuthengisa  besivumelwano  abantsundu  abangama-50 kunye nokuqu quzelela ukuthunye lwa kwemveliso kuma zwe angaphandle ukuve lisa imisebenzi yasekhaya.  Ushishino lwenzile  kana njalo kwaye lahlawu lela izifundo zeshishini  kumafama antsundu ali-19  akwinkqubo kunye neSebe lezoLimo, uHlaziyo loMhlaba  noPhuhliso lwamaPha  ndle,”utshilo.
Amafama antsundu  angamashumi amane  azimeleyo nawo anikwa  iingcebiso kunye noqeqesho olunxulumene neenkukhu. “Eli shishini likwanawo uvimba weenkcukacha zamafama asakhasayo, aphakathi namancinane (i-SMME) angama-670  esiwancedisayo ngeenkcuka cha ezifanelekileyo,” utshilo.  Ukongeza, i-SAPA yenze ukuba kufumaneke incwadi  ukuze ifundise amafama  ngemveliso yokufuya  iinkukhu kunye nokuphuhlisa  izicwangciso zamashishini
abo.  Abavelisi beenkukhu ba zinikele kutyalo-mali olutsha oluyi-R1.5 yeebhiliyo ni kumaziko abo emveliso kule minyaka mine izayo, ekufuneka ivelise eminye imisebenzi engama-4 000.  Eli shishini liza kutyala  kananjalo iibhiliyoni ezi yi-R1.7 ekusekweni kwamafa ma esivumelwawano  sorhwebo angama-50.
Olu tyalo-mali luza kuxha swa lushishino nazii arhente zikarhulumnte ezahlukeneyo .

