Amakholwa abalulekile kwidabi lokulwa neCOVID-19

vukuzenzele unnamed

Kutshanje uni nzi lwabantu bezenkolo base Mzantsi Afrika baye bazi bandakanya nabanye abantu kwihlabathi jikelele kwimibhi yozo ebalulekileyo yezenkolo.  Amalungu enkolo yama Juda abhiyozele iPesach ,  amaKristu abhiyozela iPasika kwaye amaSi lamsi kungekudala  azakubhiyozela inya nga engcwele yeRamadan .
Ukuza kutsho kunyaka wesibini, le misitho iye  yaqatshelwa phakathi kobhubhane wehlabathi otshabalalisayo othe wa hamba nobomi babantu abangaphezulu kwezigidi eziyi-2.5 kwihlabathi jikelele.
Imibutho esekwe kwinkolo iye yabaluleka ekuphendu leni kwesizwe kwesi sifo, inganeli nje ukunika intuthu zelo kunye nokuhokelwa ngokwasemoyeni, kodwa nangokukhathalela abo basemngciphekweni kwiziphumo zobhubhane, kuquka ukunikezelwa kokutya,  indawo yokuhlala kunye nezinye iinkonzo zentlalo .
Inkolo idlala indima eba lulekileyo kubomi bezigidi zabantu baseMzantsi Afrika, kwaye ukukhonza kwama bandla kuyinxalenye eba lulekileyo yenkolo yabo.
Ukubanakho ukuba neendibano zeenkonzo zenkolo kuwakukuphumla okwamkelekileyo ukusuka kwixe sha lobunzima obukhulu  kubantu, iintsapho kunye noluntu. Kuyaqondakala ukuba emva konyaka wokuse benza phantsi kwezithintelo  zeendibano zenkolo uku ba uluntu lwezenkolo lufuna ukubuyela kwi meko yalo yesiqhelo.
Ekuqwalaselweni ko kubaluleka kokukhonza kwamabandla kubomi babantu bethu, urhulu mente ebesoloko ethetha thethana namabandla.
Iinkokheli zamabandla ziyayiqonda kwaye ziyayazi lengozi yokwenyani yexesha elitsha losuleleko olugqithi sileyo lweCOVID-19 . Uku sukela oko kwaqhambuka  ubhubhane, imibutho ye zenkolo ithathe amanya thelo afanelekileyo nancomekayo ukunqanda ukusasazeka kwesi sifo phakathi kwabakhonzi.
Enye into ebalulekileyo ku kuba kwixesha lamanqana ba okulumkisa ahlukeneyo, imibutho yezenkolo ilahle kelwe yimali eninzi kakhulu ethe yanesigrogriso kwi sakhono sokuhlangabezana neemfuno zayo. Njengo rhulumente sihlala sizinikele  ekusebenzisaneni nama bandla ukufumana izisombululo ezisebenzisekayo. Kwangaxesha-nye, impilo  yoluntu kunye nokhu seleko kufuneka zibe yeyona nto ethathelwa  ingqalelo ephambili kuthi.
Amabandla abonakalise utshintsho kunye neqhinga lokukhonza ngexesha apho bekukho ukungaqi niseki okukhulu malunga  nomkhondo wobhubhane.
Iinkonzo zamabandla zaziqhutywa nge-inta nethi kwaye abakho nzi bakhuthazwa ukuba  bathandaze emakhayeni abo endaweni yo kuzimasa iinkonzo. Oku kuncede kakhulu  iinzame zesizwe zokunqanda ukusasazeka kwesi sifo.
Iinkokheli zakalizwi zidlale indima ebalule kileyo ekukhuthazeni ukubambelela koluntu kumanyathelo ezempilo angqonge amasiko nezithe -the zenkcubeko ezibaluleki leyo ezifana nemingcwabo.  Ngokomlinganiselo olinganayo, abantu bethu babonakalise ukuzinikela kwabo ekubambeleleni kwizicwangciso-nkqubo ze zempilo zoluntu nasekugcinweni komgama ekuhlaleni.
Kwaye bayayiqonda ngo kuchanekileyo into yokuba kufuneka baqhubeke uku phepha iindibano ezinkulu.
Ngoku sikwixesha apho uku lumka kufuneka ngaphezulu kwako konke. Ubhubhane  weNtsholongwane yeCorona  awupheliswanga, nokuba kukwilizwe lethu okanye kwihlabathi jikelele. Isi grogriso setyeli lesithathu losuleleko olugqithisileyo siyinyani kwaye sihlala sikhona. Amava ehlabathi asifundisile ukuba akufu neki ukuba senze izinto ezi nomngcipheko okanye ezino bungozi. Amazwe amaninzi aye azinyenyisa izithintelo, yaye yavuka kwakhona intsholongwane, nto leyo inyanzelise ukumiselwa kwezithintelo ezingqongqo.
Iindibano ezinkulu, nokuba zezenkolo okanye zingenye indlela, zinako ukusasaza intsholongwane, nangona kukho ukusetyenziswa kwamanyathelo angqonge ukuhlala ukumgama  kunye nokusebenzisa isibulali  ntsholongwane. Izigidi za bemi boMzantsi Afrika be ziqwalasela inkolelo eba lulekileyo yokholo lwabo. Kwilizwe eligcina ilungelo lenkululeko yenkolo, kufu neka kwenziwe konke oku semandleni ukuxhasa abantu bethu ekusebenziseni eli lungelo. Kwaye ekusebenziseni eli lungelo, kufuneka siqini sekise ukuba asibeki amalungelo okanye ubomi babanye abantu emngciphekweni.
Le yinkqubo endithe ndafu mana kuyo inkxaso kunye nokuxatyiswa okupheleleyo zinkokheli zakalizwi endi the ndadibana nazo. Ziya luqonda uxanduva lwabantu bonke bokholo ngenene bonke abemi boMzantsi Afri ka – baqwalasela amanya thelo asebenzayo akhoyo okukhusela impilo yabantu kunye nokusindisa ubomi.
Ngaphezulu konyaka, siye sasebenzisana njengo luntu ukugcina lo bhubhane phantsi kolawulo. Ngoku njengoko sisebenzela ukumoyisa, kufuneka siqinisekise ngokuzimisela kokwabelana kwethu ukuba senza ngoxanduva nangokulumkileyo.
Ngokwenza njalo, siyaku be sinikezela ngesiphumo esisebenzayo kwimiyalezo yehlabathi yethemba, usindiso, inkululeko kunye no bumbano ekuya kuthethwa ngazo ezicaweni, kwizakhi wo zokukhonza, kwiitempile zamaSilamsi nakumakhaya omhlaba wethu kwiintsuku nakwiiveki ezizayo.

