Nceda Usindise Ubomi

Allison Cooper

Umbutho iSunflo wer Fund  imeme lela abemi boMza ntsi Afrika ukuba banyuse inani lwabantu abanike zela ngeeseli zegazi kwii ntlanga ezohlukeneyo uku sindisa ubomi babantwana.
NgokukaPalesa Mokomele, intloko kwicandelo lezente ngiso kunye noqhagamshe lwano yeSunflower Fund , amawaka ezigulana afu nyaniswa enezifo ezinxu lumene negazi minyaka le.
Kwixesha elidlulileyo, ezi ziphumo bezisoloko ziyi ngozi. Namhlanje, uqhaqho lokufakelwa kweeseli zega zi kunokuba lunyango olu nokusindisa ubomi njengoko kususwa iiseli ezingalunga nga  ze kufakwe ezo zise mpilweni.
Okulusizi kukuba, uninzi lwabantu obelunokuxhamla kule nkqubo alulufumani unyango oluyimfuneko kuba ukufumana umnikeli ono hlobo olufanayo lwethisiyu kunzima.
"Izigulana ezingengobe lungu zisengxakini ngenxa yenani eliphantsi labanikeli ababhalisiweyo abavela ku maqela abantsundu, abebala kunye namaNdiya," utshilo uMokomele.
Ithuba lesibini ebominiUbomi bukaZyaan Makda (19) baba nguqulukubhode emva kokufunyaniswa ukuba uneheterozygote hae moglobinopathy , isifo segazi esixhalabisa ubomi nesinga nyangekiyo, ngo-2007.
Elona thuba lakhe lokusinda yayikukufumana umnikeli ngegazi, kodwa zange afu mane umntu onokumenzela oko. Ngenxa yoko, kwafu neka afumane ukuthiwa igazi rhoqo emva kweeveki ezimbini.
“Imithambo esezandleni zam yafa ndaze ndafakwa isi tishi segazi esifubeni. Nda ndidinwa rhoqo, ndakhu tshwa inyongo yam kunye namatye enyongo kwaye ndanesifo sedlala eli ngasebenzi kakuhle. Ndandi soloko ndingayi esikolweni ngenxa yonyango kwaye ndandingakwazi ukutha tha inxaxheba kwezemi dlalo. Ukuchitha ixesha elide esibhedlele kwaba nzima kakhulu,” utshilo.
Imeko kaMakda yabangela ukulahlekelwa ziinkumbulo kunye nokuxhuzula kwaye kwafuneka ukuba athathe iminyaka emithathu enga yi esikolweni. Nangona wa yenezi ngxaki, wahlala ene themba. UMakda ekugqibe leni wamfumana umni keli, kodwa uhambo lwakhe lokuya empilweni lwaluse lude kakhulu ukuphela.
Kwafuneka enziwe uqhaqho ebuchotsheni ukuze ku suswe izivubeko ezaye zisengqondweni yakhe.
"Ngoku ndineminyaka emithathu emva kokwenza uqhaqho kwaye ndiphila ubomi endandingazange ndabucinga ukuba buno kwenzeka, ndibulela ngese nzo esimangalisayo somni keli wam waseJamani sobu ntu nobubele." Yiba lithemba lomntuUNaledi Senamela (14) kwafunyanwa ukuba uneleukaemia  (umhlaza wegazi) kuCanzibe ka-2020. Ujoyina izigulana ezingenakubalwa ezifuna umnikeli ofanayo.
“Oko ndafunyanwa ndi nesi sifo, andikwazanga ukuqhuba kakuhle esiko lweni. Andikwazi ukudlala ezemidlalo okanye ndenze izinto ebendizithanda,”  utshilo uSenamela, ophupha ngokuba ngugqirha.
Abanikeli abanomdla abaphakathi kweminyaka eli-18 nama-55 banokunceda uSenamela nabanye abani nzi abafuna umnikeli ngoku bhalisa kwiwebhusayithi yeSunflower Fund .
Okufunekayo nje kukwenza  uvavanyo olwenziwa nge siqwenga somqhaphu kunye nemizuzu embalwa yexesha lakho. Cela ikiti yomqhaphu wovavanyo kwiSunflower Fund  ngokundwendwela u-www.sunflowerfund.org okanye utsalele umnxeba ku-0800 12 10 82. 

 