Iinkokheli zemveli ziphambili kwimizamo yokubuyisela kwimeko yesiqhelo

Vukuzenzele Unnamed

Kwezi nyanga zi mbalwa zidluli leyo, kuye kwafu neka siginye nokuba kuya krakra xa iinkosi ezimbini ezihlonitshwayo kwilizwe lethu ziye zasutywa ku kufa.
Kutsha nje abantu bakwaZu lu babeke kwikhaya lokugqi bela uKumkani u-Goodwill Zwelithini kaBhekuzulu olawule kangangesiqingatha senkulungwane. Ngenya nga yoMqungu, aBapedi ba ngcwabe uKgoshikgolo Thu lare Thulare III, osutywe ku kufa kungekapheli nonyaka emva kokubekwa kwakhe esihlalweni.
Ngokudlula kwabo emhla beni, siphulukene neentsha tsheli zolondolozo lwamafa ethu, kwaye sihlonipha aba gcini beembali zabantu babo.
Kwangelo xesha, ba bengabadlali bendima ebalulekileyo kuphuhliso lwasemaphandleni, kwaye babezinikele kwiinkqubo zokuqhuba ukuphakamisa iimeko ezibonakalayo za bantu babo.
Ngokufika kolawulo lwe ntando yesininzi ngonya ka we-1994, yayiyeyona nto iphambili kurhulumente omtsha ukubuyisela isidima nokuba semthethweni kobunkokheli bemveli ngo kuhambelana nomthetho wemveli namasiko kwaye kuxhomekeke kuMgaqosiseko weRiphabhlikhi.
Iziko lobunkokheli bemveli liyaqhubeka nokudlala indi ma ebalulekileyo kubomi bezigidi zabantu kwilizwe lethu liphela, ingakumbi emaphandleni. Iinkokheli zemveli zixhasa kwaye zi qhuba uphuhliso kwiindawo zabo.
Kutsha nje, ndiye ndafuma -na ithuba lokuthatha inxaxhe ba kwingxoxo mpikiswano kuvulo lweNdlu yeeNkokhe li zeMveli yeSizwe, ebikha thazwa ziingxaki ezinzima ezijamelene nelizwe ngoku.
Eyona nto yayihlaziya kakhulu kuthethathethwano olomeleleyo yayikukuba iinkokheli zemveli zinombu lelo ongazenzisiyo ngeemeko ezinzima zoqoqosho ezijame lene nelizwe lethu, kwaye zifuna ukuba yinxalenye yo kujongana nemiceli mngeni emininzi yokungafumani  uphuhliso kunye nentlu pheko kwiindawo zabo.
Ndisoloko ndisitsho ukuba ukubuyela kwethu kuqo qosho emva kobhubhane wentsholongwane iCorona  kufuneka kubandakanye wonke umntu, kwaye aku kho mntu ekufuneka ashi yeke ngasemva.
Impumelelo yesiCwangci so soKwakha ngoKutsha noKuvuselelwa koQoqosho ixhomekeke ekubumbeni ubudlelwane obuluqilima phakathi kungekuphela ku karhulumente, amashishini kunye nabasebenzi, kodwa kunye neenkokheli zemveli kunye nolunye ulwakhiwo loluntu.
Abakutsho ngokuphinda phinda kwingxoxo-mpiki swano kutsha nje kukuba abafuni kuxhomekeka kwi zibonelelo okanye kuluntu lwabo ukuba luhlale lujonge kurhulumente ngoncedo lwezezimali.
Bafuna ukubonelelwa ngenkxaso eyimfuneko, uqeqesho kunye nemeko efanelekileyo yokuvumela uluntu lwasemaphandleni ukuba luzimele.
Bafuna ukuvala iyantlu kwano phakathi kwasezido lophini nasemaphandleni ekufikeleleni kwiinkonzo zi karhulumente nakwizixhobo zecandelo labucala.
Into abangathanda ukuyi bona kukuba iindawo zasemaphandleni zibe nga maziko emisebenzi yezoqo qosho, amashishini kunye namathuba engqesho. Oku kubonisa iminqweno ye Modeli yoPhuhliso yeSithili (i-DDM), neyasungulwa ngowama-2019.
Iinkokheli zemveli zikwi -meko efanelekileyo yokuqi nisekisa ukuba izicwangciso zezithili ziyahambelana kwaye ziyaphendula kwi imfuno zokwenene zoluntu kwaye zibonakalisa ubunya ni bobomi obuphilwa ema phandleni.
Njengokuba i-DDM ixha sa iinkqubo zalapha ekhaya  ezijolise kwiimfuno, uko melela kunye namathuba kwiindawo ezithile, iinko kheli zemveli ziye zangenele la kwindlela yabo kuphuhliso loqoqosho lwasekhaya.
Baqulunqe iSicwangciso esiKhulu seInvestRural , eyasungulwa eMntla Ntsho na kwinyanga ephelileyo.
Kuyakhuthaza kakhulu ukuba iinkokheli zemveli ziye zaxhasa esi sicwangciso kwaye zifuna ukusebenzisa na noorhulumente basekha ya ukuqinisekisa ukuba siyi mpumelelo.
Ngexesha lengxoxo kwi Ndlu yeeNkokheli zeMve li yeSizwe kwacetyiswa uku ba eyona mpumelelo ipha mbili kwinkqubo yoTyalomali lwaseMaphandleni kukuba imibutho yemveli iyaqeqeshwa, yomelezwe kwaye ixhotyiswe.
Abathathi-nxaxheba aba ninzi bazichaza izicwangciso zoqoqosho esele zikwisigaba esiphambili sophuhliso. Olu luhlu lususela kwiiprojekthi zezolimo ukuya kuhlolo kwe mveliso ezivela kwizilwanya na nezityalo ezohlukeneyo ukuya ekudaleni amandla amatsha ombane.
Okubonakalayo kukuba iziko lobunkokheli bemve li liyayiqonda into yokuba ukuqeqeshelwa umsebenzi wobugcisa kubalulekile ku shishino lwasemaphandle ni ngohlobo lwa mashishini amancinci, aphakathi kunye nookopolotyeni ukuze babe yinxalenye yoqoqosho olu phambili.
Iinkokheli zemveli ezithethi leyo ziveze umbono wazo 'weenkosi eziphuhlisayo', abangaziboni njengabagci ni bamafa emveli kuphela kodwa nanjengabaqhubi bempumelelo yezoqoqosho nenkqubela phambili. Ba chonge iiprojekthi ezininzi kunye namathuba ezoqo qosho azakudala imisebenzi kwaye aphucule ubomi kwii ndawo ezisemaphandleni.
Iinkokheli zemveli zikwa vakalisile ukuzimisela kwazo ukuthatha inxaxheba ebona kalayo kwinkqubo yokubu yiselwa komhlaba. Ukusuke la ngowama-2018, iinkokheli zemveli zenze malunga ne-1 500 000 yeehektare zomhlaba wabahlali ukuba ufumane uphuhliso, kwaye kuyathe njwa ukuba oku kuza kwa nda kwixesha elizayo.
Ukuphuhlisa iqhinga elilu ngelelanisiweyo nelizinzi leyo, sivumelene ngoku bamba iNgqungquthela yoMhlaba kaMongameli ku nyaka olandelayo. Oku kuza kuxoxwa ngemiba enzima malunga nokubuyiselwa komhlaba kunye nefuthe lawo kumhlaba wabahlali, uninzi lwawo usezilalini.
Imo yengxoxo-mpikiswano kwiNdlu kaZwelonke yayi yimbonakalo efanelekileyo yemeko apho ukubuyise lwa koqoqosho kubaluleke  kakhulu phakathi kwe ngqwalasela yethu. Kwa ngaxeshanye ibingumqo ndiso othembisayo wokuba iinkokheli zemveli ziyayi xabisa indima yazo yokuba yinxalenye yomzamo woku lungisa imeko yesizwe ngo kusebenza kunye nokwenza izinto ezintsha.
Elona lifa lilungileyo leenkokheli ezinkulu ku kuba imbewu yophuhliso abayityalayo ngexesha layo lokukhula, ikhula ibe yimithi enamandla ekhusela igqume uluntu lwabo kwizizuku lwana ezizayo ukuze sihlu me.
Njengokuba sisebenza kunye njengelizwe ukwakha kwakhona uqoqosho lwethu, sizakuqhuba ngokuthembela kwinkxaso yeziko lobunko kheli bemveli, eliyinxalenye engenakuchazwa yexesha lethu elidlulileyo, elangoku kunye nekamva lethu. 

