Usuku lweHlabathi lokuBhiyozela iDown Syndrome 

Kgaogelo Letsebe

UMbutho weHla bathi weDown Syndrome  uqinise kisile ukuba umhla wa ma-21 kweyoKwindla  ibeluSuku lweHlabathi lweDown Syndrome  lokubhiyozela abo balwe la ukubandakanywa  kwezithandwa zabo eziphi la nesi sigulo.
I-Down Syndrome  (iDS) kukuphazamiseka kweechromosome  (imiso ntwana) okuvela ngexesha lokukhulelwa. Ugqirha wase-MpumalangauGqr Midah Maluleka uthi, "Kukho inani elingaphezulu kwama-21 leechromosome  (i-Trisomy 21) elibangela ukulibaziseka ekukhuleni ngokwasemzimbeni nango kwasengqondweni. Akukho sizathu sibambekayo sale-chromosome  ingaphezulu.
Kuye kwangqinwa ukuba akunanto yakwenza nobu dala, ubume bezoqoqosho bezentlalo, ubuhlanga okanye inkolo. Kananjalo ayilulo ufuzo."UMaluleka wongeza  ukuba iDown Syndrome kokona kuphazamiseka kweechromosome  kwii ntsana ezisandul 'ukuzalwa.
"Usana olunye kwiintsana ezili-1 000 zizalwe kumazwe aphuhlileyo ehlabathi nosana olunye kwiintsana ezinga ma-650 zizalwe kumazwe asaphuhlayo, njenga wethu, ziyachaphazeleka.  Ubunci nane i-80% yabantwana aba chatshazelwe yi-DS bazalwa ngoomama abangaphantsi kweminyaka engama-35, ngaphandle kwabasetyhini abangaphezulu kweminyaka engama-35 bathathwa nje ngabasemngciphekweni ophezulu wokuba nomntwa na oneDown Syndrome ."Uthi ngenxa yokuba uku phazamiseka kunokubonwa ekukhulelweni, kukho iimpa wu ezikuxelelayo ekufu neka uzijongile. "Kwizigaba zokuqala zokukhulelwa, ukujonga umntwana esiswini sikanina kwiveki ye-12 ukuya kweye-13 kuyacetyiswa. Oku kulinganisa ngokuchaneki leyo ukubangqindilili kolwe lo emva kwentamo yosana, obubizwa ngokuba yinuchal translucency .  Oku kudla ngokuba kukhulu kwiintsana ezineDown Syndrome .
Olunye uvavanyo lwapha mbi kokubeleka lubizwa ngokuba iamniocentesis .
Apho kuqokelelwa ulwelo i-amniotic fluid  luthunyelwe kuhlalutyo lweechromo some . Olu vavanyo lumalu nga ne-98% echanekileyo kuxilongo."UMaluleka uthi abantwana abane-DS bayakwazi uku phila ubomi obupheleleyo, obunempilo nobude.  Nangona lungekho unya ngo, abantu abaneDown  syndrome  baxhamla ku makhaya anothando, ku -nyango olufanelekileyo, kungenelelo lwangethuba, kwiinkonzo zemfundo kunye nezakhono. Ngenxa yonya ngo olunenkqubela-phambili, uninzi lwabantu abazalwe beneDown syndrome  na mhlanje banexesha lokuphila ubomi obumalunga nemi nyaka engama-55. Abantu abane-DS baneemvakalelo neemfuno ezifanayo naye namphi na omnye umntu kwaye bafanelwe ngamathu ba kunye nokhathalelo olufa nayo, utshilo uMaluleka.
Utitshala waseMntla Ntsho na uTshepo Kekana uthi, "Ayingabo bonke abafundi abakhubazekileyo abadinga ukuya kwizikolo zokukhu bazeka kunye nezikhethe kileyo. Bambalwa abakwa ziyo ukumelana nezikolo zesiqhelo.  Ngokuqhubeka nokufunda, ukuxhaswa kunye nomonde, abafundi banokuphumelela.” 



