Imisebenzi karhulumente enobuchule

Vukuzenzele unnamed

Xa ndandonyulwa kwisikhundla so kuba nguMonga meli woMzantsi Afrika, ndathi ukwakha umbuso osebenzayo, onesakhono noziphatha kakuhle onge nalo urhwaphilizo zezona zinto zam eziphambili.
Kuphela ngumbuso one sakhono, osebenzayo, ozi phatha kakuhle kunye nojoli se kuphuhliso onokunikezela ngeenkonzo ngokuzinikela ekuphuculeni ubomi ba bantu beli lizwe.
Oku kuthetha ukuba imisebenzi karhulumente kufuneka ibenabasebenzi abangamadoda nabasetyhini abaqeqeshiweyo, abaneza khono, abangazicingeliyo nabathembakeleyo.
Kufuneka bazinikele ekuxhaseni iindlela zoku ziphatha zoMgaqo-siseko, kwaye kufuneka, njengoko nditshilo kwintetho yam yokungeniswa esikhundleni, "bangabingabo abasebenza ngokuthembakeleyo kwe zinye iinjongo ngaphandle kwezo zikarhulumente".
Kwezi veki zimbini zidlu lileyo, uthethathethwano noluntu belusenziwa ku xwebhu lomgaqo-nkqubo obalulekileyo oluza kunika amandla amakhulu kwiinza me zethu zokuxhasa, ukuqi nisa, kunye nokuxhobisa abasebenzi bakarhulumente.
Umthetho osaqulunqwayo weNkqubo-sikhokelo wo kuPhunyezwa kweSizwe kuQeqesho lwaBasebenzi bakaRhulumente lujolise ekwakheni umbuso osebe nzela ngcono abantu bakuthi, olukhuselweyo kungenelelo olungafanelekanga lwezo politiko nalapho ukuqeshwa kwenziwa ngokwezakhono kunye nemfundo.
Le Nkqubo-sikhokelo ya vunywa yiKhabhinethi kwe yeNkanga kunyaka ophe lileyo kwaye uthetha thethwano olucwangcisi weyo kunye namacandelo ohlukeneyo oluntu ngoku luyaqhuba.
Iminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ku lawulo lwentando yesininzi, kunokuthethwa ngemise benzi karhulumente ukuba, ngelixa kukho imisebenzi eyenziwe kakuhle, sinemiceli mngeni emandla kumasebe amaninzi karhulumente ma lunga nezakhono, ubuchule kunye nobungcali.
Rhoqo, abantu baye baqeshwa bonyuselwa kwizikhundla eziphambili abangazifanelanga okanye abangazifundelanga. Oku kuchaphazela ukusebenza kukarhulumente, kodwa kukwa negalelo ekuqesheni ngokuzalana, ungenelelo lwezopolitiko kumsebenzi wamasebe, ukunqongophala koxanduva lokuphendula, ukuphatha gwenxa kunye norhwaphilizo.
Kukwakho ingxaki eha mbelana nokungenelela kwezopolitiko nongenelelo lwabaphathi kulawulo lwe misebenzi karhulumente.
Umntu kufuneka ajonge kuphela ekungazinzini kumasebe karhulumente xa kutshintshwa abaphathi abaphezulu okanye betha thelwa indawo ngabanye abaphathi ngalo lonke ixesha xa kuqeshwa uMphathiswa omtsha.
Abalawuli-Jikelele kunye neentloko zamasebe epho ndo bayachaphazeleka ngokukodwa. Kwamanye amasebe, ii-DGs, ii-HoDs kunye nabaphathi abaphezu lu babe nozinzo lwengqesho, okwenza ukuba amasebe asebenze ngokuphazamiseka okuncinci. Kwinkoliso yala masebe apho kukho uzinzo kubunkokheli, iziphumo zophicotho-zincwadi zihlala zintle kwaye neengxowamali zikarhulumente zitha thelwa ingqalelo. Apho kukho iinguqu zeentloko zamasebe, kuhlala kukho  ingxwabangxwaba kula wulo.
Esinye sezindululo ezi phambili ezenziwe kulo mthetho osaqulunqwayo wenkqubo-sikhokelo kukuba imisebenzi karhulumente kufuneka ingenziwa upoli tiko kwaye amasebe karhulu mente kufuneka akhuselwe kwezopolitiko.
Ukuqeqeshelwa umse benzi kuyafuneka ukuze kubekho uzinzo kwimi sebenzi karhulumente, ingakumbi kwizikhundla eziphezulu. Abasebenzi bakarhulumente kufuneka babenakho ukuqhubeka nokwenza imisebenzi yabo "ngaphandle kwazo naziphi na iinguqulelo zaBapha thiswa, aMalungu eBhunga oLawulo oluPhezulu okanye ooCeba ngaphakathi kwi qela elilawulayo elongamele ulawulo, okanye utshintsho kwimibutho yezopolitiko emva konyulo".
Siphakamisa uninzi lwe enguqu ezibanzi, ezinje ngokwandisa ixesha lokuhla la kweeNtloko zamaSebe ngokusekelwe kwisakhono nemfundo kunye nokuse benza, ukwenza uvavanyo lokubanako ukusebenza olubhekiselele kumsebenzi kunye nokubandakanya iKo mishoni yezeMisebenzi ka Rhulumente kudliwano ndlebe lwaBalawuli-Jikelele kunye noSekela BalawuliJikelele.
Ukwazisa iimvavanyo zokunyaniseka kubo bonke abagqatswa abakuluhlu olufutshane kuza kunceda ukuze sikwazi ukufumana abasebenzi bakarhulumente abanokusebenza ngokunya nisekileyo. Sikwafuna ukwa ndisa iimviwo zokungena ezinyanzelekileyo esazazisa ngeyeTshazimpunzi wama2020 emva kwabaphathi abaphezulu. Amazwe asa phuhlayo aphumeleleyo ana manyathelo afanayo anceda ukuqhubelelisa phambili ubuchule kwimisebenzi ka rhulumente.
Njengoko siqaphela ku mthetho osaqulunqwayo wenkqubo-sikhokelo, “imi thetho exabileyo ebambe zelayo kufuneka iqhubeke ngokuthembeka nangoku zimisela ukufezekisa igunya lezopolitiko elibekwe nga bavoti kunye neqela, kodwa bayeke ukuba ngabadlali bezopolitiko ngokwabo.”Siphakamisa indlela ebu khali ngakumbi ekugayweni nasekukhetheni abasebenzi bakarhulumente, ukuqesha esikhundleni kunye no lawulo lokusebenza.Oku kubandakanya ukufunda okuqhubekayo kunye ne ndlela ecacileyo yophuhliso lomsebenzi kuso sonke isise benzi sikarhulumente.
Umthetho osaqulunqwayo weNkqubo-sikhokelo ube ka ugxininiso kwimfuneko yokuba abasebenzi bakarhu lumente baphendule ngeze nzo ezinxaxhileyo, ukuze ku pheliswe isiqhelo sokungo hlwaywa kulawulo olugwe nxa kunye nokusetyenziswa  gwenxa kwezixhobo zombuso. Ukusebenza ngobuchule kwimisebenzi karhulumente kubandakanya uqeqesho lwamagosa anoxanduva kuwo onke amanqanaba karhulumente ngezibonelelo zomthetho ezifanelekileyo.
Isikolo seSizwe sikaRhu lumente sinendima ebalule kileyo ekufuneka siyidlalile malunga noku.
Ubuchule abuphelelanga nje ekubeni ubeneziqinisekiso zemfundo ezifanelekileyo kunye nezakhono zobugcisa, kodwa bukwamalunga no kubanemigangatho efanele kileyo yentlonipho, imbeko nentembeko ekusebenzisa neni namalungu oluntu.
Imisebenzi karhulumente yahlukile, inoluhlu olukhulu lwezakhono, iziqinisekiso zemfundo kunye namandla okusebenza. Uninzi lwaba sebenzi bakarhulumente banezakhono ezikhethe kileyo eziyimfuneko eku nikezelweni kweenkonzo ngokufanelekileyo. Ngoko ke ayonyani into yokuba sifuna abasebenzi bakarhulumente abancinane: eyona nto siyi funayo abasebenzi bakarhu lumente abafanele injongo abanezakhono ezifaneleki leyo, indlela yokuziphatha efanelekileyo kunye noku zibophelela ekusebenzeleni abantu.
Amadoda nabasetyhini abasebenza kurhulumente kufuneka baxhotyiswe ukuze badlale indima yabo ekuqhu beni uphuhliso nasekuqi niseni ulawulo lwentando yesininzi. Esi sisiqinisekiso sethu esifanelekileyo so mbuso osebenzela iimfuno zabemi.
Ndihlaba ikhwelo kuni ukuba nibe yinxalenye yenkqubo yokubonisana noluntu malunga nomthetho osaqulunqwayo wenkqubosikhokelo, olufumaneka kwi webhusayithi yeSikolo Sizwe sikaRhulumente, kwaye wenze ilizwi lakho livakale.
Imisebenzi karhulumente ayisiyo eyalo naliphi na iqela elinye, kwaye ayifanelanga ukuba ibe lulawulo lwalo naliphi na iqela elinezimvo ezifanayo. Akufanelanga ukuba ibengumthetho kulo.
Imisebenzi kahulumeni ngeyabantu boMzantsi Afrika. Kufuneka isebenzele bona kwaye isebenzele bona bodwa. 