Ukujongana nokuswelekelwa ngumntu omthandayo

Vukuzenzele unnamed

Abantu abaninzi baswelekelwe  ngabantu ababa thandayo ngenxa yobhu bhane wentsholongwane i-Corona kwaye ukufa kunokudla ngokuvakala kungeyonyani.
“Awukho wedwa,” itsho ingcali yezengqondo yasekuhlaleni uZanele Ludziya ovela kwiSibhedlele sase-Stikland eNtshona Koloni.Ukuswelekelwa ngumntu omthandayo zange kube lula kwaye kunokubangela iimvakalelo ezininzi.“Zininzi iimpawu onokuziqwalasela xa umntu  omthandayo eselusizini, kodwa ukungabikho kweempawu akuthethi ukuba loo mntu akakholusizini.“Abantu banokubonakalisa iimpawu zomsindo, ukucaphuka, ukudakumba okanye ukungakhathali. Ukusebenza kwengqondo yabo kunokuchaphazeleka, njengoko benokuxakeka ziingcinga naziinkumbulo zomfi. Basenokuba nengxaki yokuzokisa ingqondo okanye babonakale bedidekile, ”utshilo uLudziya.Ucebisa abantu ukuba baqwalasele inguquko kwindlela yokuziphatha, ezinjengokulila okanye ukwanda kokusetyenziswa kotywala kunye neziyobisi. “Basenokutshaya ngaphezulu kwendlela abaqhele ukutshaya ngayo, banokurhoxa okanye bazikhethe okanye banokubaphepha abantu kunye neendawo. Basenokufuna inzolo okanye ingxolo enkulu.  Banokuba ndlongo-ndlongo ngakumbi okanye bacaphuke msinyane," utshilo.Xa unika inkxaso kumntu omthandayo, uLudziya uthi kuyanceda ukuqonda inkqubo yosizi futhi wonke umntu uhlangabezana nayo ngokwahlukileyo. Uyacacisa ukuba isililo ayi sosimo, kodwa yinkqubo, futhi abantu bahlala be dlula kumanqanaba osizi.
Amanqanaba aqhele kileyo osiziAmanqanaba aqhelekileyo osizi kukuphika okanye ukuba wedwa (ukuba ndi ndisholo okanye ukothuka); umsindo (ukuba nomsindo kwabanye abantu noxa bengenzanga nto); ukuxoxisana (ukuba neemvakalelo zesazela ngezinto ezinge nziwanga okanye ezinga thethwanga); uxinzelelo (usizi oluza nokuqonda ukuba ubomi buya kuqhubeka ngaphandle kwabo ubathandayo); kunye nokwamkelwa (ukufumana indlela yokuphila ubomi obupheleleyo ngaphandle kwalo mntu).“Indlela enye yokumelana okanye yokubonisa inkxaso kukuqonda inqanaba losizi okulo okanye olo umntu omthandayo ajongene nalo. Oku kunokuqinisekisa ukuba umntu oselusizini into ahlangabezana nayo iqhelekile. Mphathe umntu okanye uziphathe wena buqu ngobubele, ngomonde kunye nangokuqonda, ugcine engqondweni ukuba le nto uhlangabezana nayo iza kudlula,” utshilo uLudziya.

