Amanyathelo okuvuselela uqoqosho

Vukuzenzele unnamed

 Kungekudala iza kuba ngunyaka ukusukela oko  sanika ingxelo yokuqala yesimo sentsholongwane i-corona kwilizwe lethu. Ubhubhane uza nendleko enkulu kwimpilo yoluntu nakwiindlela zokuphila zezigidi zabantu bethu.
Abasebenzi abaninzi ba phulukana nenxalenye yemi vuzo yabo njengoko iiyure zabo zomsebenzi zancitshi swayo kwaye uninzi lwaba ntu  badendwa emisebenzini. Uninzi lwamashishini  afumana ilahleko enzima evela kuncitshiso lwemisebenzi. Amanye kuye kwanyanzeleka ukuba avale. Abantu abasebenza kwicandelo elingamiselekanga bacha phazeleka nabo.Eyona nto inzima kakhulu, kukuba ubhubhane uthathe ubomi babondli kwiintsapho ezininzi, wazishiya ziswele kwaye zisoyika ikamva elizayo.Kungeso sizathu ke apho amanyathelo oncedo amaninzi enziweyo abeyimfu neko kwaye engxamisekile. Kwaye, njengoko  sele kudlule unyaka, singatsho ukuthi la manyathelo angqinisisile ukuba ayasebenza.Kumqulu opheleleyo wamanyathelo oncedo esiwa zisileyo, mhlawumbi la ma nyathelo mabini athe ane futhe elikhulu yayisisibo nelelo sezentlalo esikhethe kileyo se-COVID-19 kunye ne-UIF’s COVID-19 Temporary  Employer/Employee Relief Scheme, aziwa ngokubanzi njenge-COVID TERS.Besingaz’ ukuba nako ukuwenza la manyathelo ngexesha elifutshane ukuba besingenazo iziseko zophu hliso ezininzi zokhuseleko lwezentlalo esele zikhona. Sikwazile ukusabela kwesi sidingo sikhulu nesikhawulezileyo kuluntu lwethu ngo ncedo, lweziseko  zophuhliso zikazwelonke ezingundoqo nakwiinkqubo zeArhente yeziBonelelo zezeNtlalo yoMzantsi Afrika (i-SASSA) kunye neNgxowa-mali ye-Inshorensi yabangaPhangeliyo (i-UIF).Ngokuqinisekileyo beku kho ukungasebenzi kakuhle kobugcisa kunye nokunye ukuphazamiseka endleleni, kodwa uninzi lwezi zinto zasonjululwa ngokukhawuleza. Ezi arhente zikarhu lumente zenze umsebenzi omhle kakhulu wokubhalisa izigidi zabaxhamli abatsha zaza zaqinisekisa ukuba bahlawuliwe. Inkxaso enikezelwe yi-UIF ibiluncedo kumashishini nakubaqeshwa abasokolayo. Yenza umahluko phakathi kweenkampani ezihlala zivuliwe nezanyanzelwa ukuba zivale, phakathi kwemisebenzi esindisiweyo kunye nemisebenzi elahlekileyo.Oku kuxhamlise amashishini afana ne-Sihle’s Brew, indawo yokutyela eseGauteng, ethe yabanako ukugcina abasebenzi bayo abali-18 ngenxa yesikimu se-TERS. Siyayibulela  inkxaso karhulumente, kuba i-Mamoshalagae Trading and Projects, ishishini lombane elise Mokopane, likwazile ukubhatala abasebenzi balo kunye nerente kunye nee rhafu ngexesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile.Abaqeshwa abakwimeko emaxongo babenako ukufumana inxenye yemivuzo yabo.ULindiwe Ntuli, umncedisi kwezomthetho e-Centurion, uchaze ngendlela izibonelelo azifumeneyo ezithe zakwazi ukumenza ukuba asebenzele ekhaya kwaye abenako nokubhatala irente.Maninzi amabali ee nkampani ezithe zakwazi ukuhlala zisebenza kunyaka ophelileyo ngenxa yenkxaso eziyifumene kwi-UIF. Ku ngathethwa njalo nangama shishini amancinane ancedwe  ngezibonelelo ezahlukeneyo nangeemali-mboleko ezinike zelwa ngamasebe amaninzi. La manyathelo abancede kakhulu abantu bethu ngexesha labo lobunzima.Njengoko sitshintsha ukusuka kuncedo sibuyela kwimeko yesiqhelo, kufuneka siqale ukucinga ngenye indlela.Ngelixa la manyathelo oncedo enzelwe ukuba abe ngawethutyana, uqoqosho luza kuqhubeka ukuva iimpembelelo zobhubhane ixesha elide.Nangona zinyenyisiwe izithintelo zokuvaleleka pha ntsi kwemiqathango ethile,  uninzi lweenkampani ziya sokola ukumelana neziphu mo ezingalunganga zeenya nga zokuncipha kwemisebe nzi kunye nelahleko yenge niso.Kungenxa yesi sizathu so-kuba, xa kulandelwa ingxoxo ebanzi kunye namahlakani ezentlalo kwi-NEDLAC, isi bonelelo se-COVID TERS s  andisiwe kude kube ngumhla we-15 kweyoKwindla 2021 kumacandelo angakwazanga ukusebenza ngokupheleleyo.Isibonelelo esikhethekileyo se-COVID sandiselwe ezinye iinyanga ezintathu. La ahlala engamanyathelo amafutshane.Ingqwalasela yethu ngoku kufuneka ibe kukudala imeko evumela amashishini ukuba abuyele kwimeko yesiqhelo, kunye nokukhu la koqoqosho olukhuthaza ukudala imisebenzi kunye nokutsala utyalo-mali.Ukubuyela kwimeko yesiqhelo kuya kuba nzima futhi kuya kuthatha ixesha, hayi kancinci nje kuba sisephakathi kulo bhubhane.Nangona ebalulekile  okwa ngoku la manyathelo oncedo, asisoze sikwazi  ukuwagcina unaphakade. Kufuneka siqinisekise ukuba la manyathelo oncedo abonelela ngesiseko esiqinileyo sokubuyela kwimeko yesiqhelo ebanzi ngaphandle kokutyhalela nzulu ilizwe etyaleni. Ngaphandle kokuba sinokwehlisa ityala lesizwe lethu liyokufikela kuma nqanaba azinzileyo aku nakubakho ukubuyelwa kwimeko yesiqhelo yoqoqosho.Ukuqonda kwethu kwesi zwe ngoku kufuneka kudlu lele ngaphaya kommandla woncedo uyokufikelela kolo lokubuyela kwimeko yesiqhelo, kwaye sonke kufuneka sibe yinxalenye yezi nzame.Njengorhulumente, izigqibo ezinzima kwinkcitho yo luntu kuya kufuneka zenzi we kwaye ziphunyezwe kulo nyaka.Iinkampani kuza kudingeka ukuba zibe noqaliso lwee ndlela ezintsha zokuphe mbelela iindlela kunye nee nkqubo ezikhusela uzinzo ku nye neenzuzo zazo, ukugci nwa kwemisebenzi ibe ye yona nto yazo iphambili ethathelwa ingqalelo.Kufuneka sibuyisele imali yethu kuqoqosho lwethu ngokuthenga iimveliso zalapha ekhaya, ukuxhasa amashishini asekuhlaleni kunye nemizi-mveliso kunye nokuthenga kubathengisi basekhaya.Isigulana esonzakeleyo esinethemba lokubuyela kwimeko yesiqhelo sinikwa unyango lwarhoqo lwase mzimbeni ukusinceda ukuba somelele side sibe nakho ukuzimela singancediswa nga.Ngoko ke kufuneka la manyathelo oncedo abonwe njengeendlela zokubuyisela kwimeko yesiqhelo uqoqosho lwethu.  Eyona njongo yethu ephambili kukuqhubela phambili kwakhona.Njengesizwe, masincedisaneni sonke.  Masibe yinxa lenye yophuhliso lwethu kunye nenkqubela-phambili.Masisebenzise uncedo olwandisiweyo ukuphembe lela ukubuyela kwimeko ye siqhelo enamandla. 

