Ichiza lokugonyela iCOVID-19 : Izinto ekufuneka uzazi

Allison Cooper

Njengokuba uMza ntsi Afrika uza kuqhuba inkqubo yokugonyela abasebenzi abaninzi bezempilo iSifo se ntsholongwane ye-Coro na (i-COVID-19) kweyo Mdumba, i-Vuk’uzenzele inika iinkcukacha ezithe vetshe malunga no kuba yintoni ichiza loku gonyela i-COVID-19, lisebenza njani nokuba kutheni libaluleke kangaka ekupheliseni ukusasazeka kwale  ntsholongwane.
Ichiza lokugonya lenza ntoni?Ichiza lokugonya liqeqesha amajoni omzimba wakho (alwa nezigulo) ukuba ave-lise isinqanda zifo (iiprothe yini ezilwa izifo) – kanye ngale ndlela abenokwenza ngayo ukuba ubusuleleke yile  ntsholongwane.
Kutheni libaluleke kangaka ichiza lokugonya?Ukugonyelwa i-COVID-19 yindlela esebenzayo yoku zikhusela kwintsholo ngwane kuba umngcipheko wakho wokosuleleka uya ncipha. Athi ke amathuba okuba ugqithisele le ntsholongwane komnye umntu abe mancinci kakhulu.Injongo yokugonya kukufikelela kukhuseleko lwabantu abaninzi – xa abantu aboneleyo kubemi begonyele ukosuleleka yi ntsholongwane kukhuseleka ngokungathanga ngqo nabo bangagonywanga, nto leyo ethi yenze ukuba intsholo ngwane ilawuleke.  Ingaba amachiza okugonya ayimfuneko kusini na ukuze kuthintelwe ukusasazeka kwe-COVID-19?Kukho ubungqina obunga phikisekiyo bobunzululwazi obuthi ukugonya yeyona ndlela ihamba phambili yokuzikhusela kusuleleko olunzima.
Ingaba ichiza lokugonya lizakwenza ukuba ndingayifumani i-COVID-19 kusini na? Alikho ichiza lokugonya elinikeza ukhuseleko oluzii pesenti ezili-100.Ukhuseleko lwabantu abaninzi nalo aluniki khuseleko ncakasana kwabo bangagonywanga. Ko dwa, xa kukho ukhuseleko lwabantu abaninzi, aba ba ntu baza kuba nokhuseleko olwaneleyo.
Ingaba eli chiza lokugonya likhuselekile?Amachiza okugonyela i-COVID-19 afakwa phantsi kweenkqubo zovavanyo ezingqongqo nezingamanqanaba amaninzi, ezi quka iimvavanyo ezinkulu ezibandakanya amashumi amawaka abantu.Ichiza ngalinye lokugonya elisetyenziselwa inkqubo yokugonya iinginginya eMzantsi Afrika kufuneka lipasiswe liGunya loMza ntsi Afrika eliLawula ii Mveliso zeMpilo.Ichiza lokugonya  eliyi-Oxford University-AstraZeneca sele lipasiswe ngabalawuli abohluka hlukeneyo kwihlabathi liphela kwaye liyakutshwa kwamanye amazwe.
UMzantsi Afrika uza kuwafumana phi amachiza okugonya okuqala?Iibhetshi ezimbini zokuqala zamachiza okugonya eziza kufika eMzantsi Afrika (isigidi esinye kweyoMqungu nesiqingatha sesigidi kwe yoMdumba) ngamachiza okugonya ayi-Oxford University-AstraZeneca asuka e-Serum Institute of India.
Ngubani oza kufumana ichiza lokugonya kuqala?Abasebenzi belizwe beze mpilo abaqikelelwa kwi-1.25 yezigidi baza kufumana ichiza lokugonya kuqala. KwisiGaba sesiBini, abasebenzi abasisiseko abafana nootitshala, amapolisa, abasebenzi bakamasipala, abaqhubi beeteksi nabanye abantu abasebenza ngabantu; abantu abakumaziko afana namakhaya abantu abolupheleyo, iindawo zokubalekela kunye neentolongo; abantu abaneminyaka engaphaya kwama-60 kunye nabantu abadala abanezifo abaphila nazo baza kubekwa phambili.KwisiGaba sesiThathu, malunga ne-22.5 yezigidi zabemi abadala abaseleyo baza kugonywa. Injongo kukuba athi ephela u-2021 kube kugonywe iipesenti ezingama-67 zabemi. Ngelo xesha kumelwe ukuba sawube sifikelele kukhuse leko lwabantu abaninzi.
Lithengwa ngubani ichiza lokugonya?Ngurhulumente kuphela umthengi wamachiza  okugonya kwaye uza kuwa sasazela koorhulumente bamaphondo nakwicandelo labucala.Bonke abo bagonyiweyo baza kufakwa kuluhlu lwesizwe ze umntu ngamnye anikwe ikhadi lokugonya.
