
Uzuko lokukhokela iManyano yaMave ase-Afrika

Vukuzenzele unnamed

Ixesha loMzantsi  Afrika njengoSihlalo weManya no yaMave ase-Afrika  (i-AU) lifikelele esiphe lweni. Xa sijonga emva kunyaka wethu kwesi sikhundla, ndikhumbu la intetho endala ethi ‘kwintlekele kukho ithuba’.
Olwethu ibiluphehlelelo lomlilo, kuba sithathe iSihlalo kanye ngale nyanga ku chazwe ngayo isehlo sokuqa la sentsholongwane ye-corona kweli lizwekazi.Izinto ezihamba phambi li esasizondlalile siceba ukuzenza ngexesha lethu, phakathi kwazo ibikukuqhubela phambili uxolo nokhuseleko, ukuthwesa amanina amandla ezoqoqosho nokwenza nzulu uma nyaniso lwezoqoqosho, kuye kwafuneka ukuba zihlenga hlengiswe ngoko nangoko nangendlela emangalisayo ukumelana nalo bhubhane.Owona msebenzi wethu ebekumelwe ukuba siwenze ngokukhawuleza ibikuku tshintsha apho ijonge khona i-AU ingqalane neyona meko kaxakeka embi elikhe lajongana nayo ihlabathi kwiminyaka elikhulu.I-COVID-19 ichaphazele onke amazwe akweli lizwekazi. Ukuza kuthi ga ngoku, kukho ngaphaya kwe-3.5 yezigidi zezehlo eziqinisekisiweyo e-Afrika, kwaye ku sweleke ngaphaya kwabantu abangamawaka angama-88 000. Le ibe yintlekele yezempilo, yobuntu, yentlalo yoluntu neyoqoqosho kumazwe ase-Afrika, uninzi lwawo ebe ngakulungelanga ukulawula imeko kaxakeka yempilo  enkulu kangaka.Kodwa nangona kunjalo, nangona ubume balo bhubhane ibobungazange babonwa, ikwa njalo ne ndlela amazwe ase-Afrika aye abumbana ngayo uku yilwa.Ngokwenza njalo, ikakhulu sisebenzise ulwazi, amandla namaziko alo izwekazi, afana namaZiko e-Afrika oLawulo noThintelo lweZifo (i-CDC yase-Afrika)I-Afrika khange ihlale nje isonge izandla ngethuba kuvela obona bungakanani nobungozi balo bhubhane. Ukususela kwiintsuku zokuqala zalo bhubhane sikhokelwe yi-AU, siye savelisa iqhinga lokulwa ngokukhawuleza, liqhutywa yi-CDC yase-Afrika nesigqeba sengingqi.Siye sabona ukuba ilizwe ngalinye kweli lizwekazi liza kuchatshazelwa ka khulu ngulo bhubhane. Uninzi lwawo belungazuba nazo izixhobo ezidingekayo ukumelana nomceli mngeni wezempilo woluntu okanye ukukhusela uqoqosho lwawo. Ngoko ke siye savumelana singamazwe ase-Afrika ukuba sichonge abemi abaliqela base-Afrika ababalaseleyo njengabameli abakhethekileyo, abaza kuthi bathethathethane nabatyali-zimali behlabathi namaziko maninzi ohlukeneyo ukuze bathethelele ukuba kutheni kufuneka sifumane inkxaso yezezimali noxolelo lwamatyala egameni le-Afrika.Ngale ndlela, sisebenza njengezwekazi elinye, siye sakwazi ukufumanela amazwe amaninzi uxolelo lwamatyala kunye noncedo lwezezimali oluya ekulweni ne-COVID-19 nokuchachiwa koqoqosho.Kodwa nangona amazwe ase-Afrika eye kuluntu lwehlabathi ukufumana inkxaso, siqale sazinceda ngokwethu – ngokuseka nokwenza iNgxowa-mali yelizwekazi yokuLwa ne-COVID-19.Ngentsebenziswano  nganye eyenziweyo namazwe aneenkonzo ezibhetele kunye noluntu lwehlabathi olunikeleyo, sizisekele elethu iQonga le-Afrika elitsha lokuFumana izinto zoNya ngo ukwenza onke amazwe ase-Afrika ukuba afumane izixhobo zokuzikhusela nezinye izinto zonyango ngokukhawuleza, ngendlela elinganayo nefikelelekayo ngokwezezimali.Kwaye njengokuba li khona ichiza lokugonye la i-COVID-19, sisebenze njengembumba ukuqinise kisa ukuba izwekazi lifumana isabelo salo esifanelekileyo, sisebenza neZiko le-COVAX kwaye sikhokelwe liQela lethu eliThunyiweyo lokuFumana iChiza lokugonya lase-Afrika. Sele liqalile ukukhu tshwa ichiza lokugonya kwizwekazi kwaye injongo yethu kukuba athi ephela u-2021 lube uninzi lwabemi bezwekazi lugonyiwe ukuze sifikelele kukhuseleko lwa bantu abaninzi.Sisebenzisene ukukhusela impilo, abantu, neendlela zokuziphilisa kwizwekazi. Ngokwenzenjalo, sibonise amandla ethu okuxhomekeka kuthi nokwazi kwethu ukuba ngabaqhubi bophu hliso lwethu ngokwethu.Nangona i-COVID-19 ibigquba, siye sakwazi ukuba nenkqubela kwiqela lezinto eziphambili ebesifuna ukuzenza.Ngexesha lolawulo lwe thu, uMmandla ongaHla wulisani iRhafu yoRhwe bo weliZwekazi i-Afrika  (i-AfCFTA) ude wamiselwa, ubonisa ixesha elitsha lokwenza ushishino phakathi e-Afrika nomanya niso loqoqosho.Naphantsi kweemeko  ezinzima eziziswe ngulo bhubhane, izwekazi liye laqhubekela phambili ne njongo yalo yoku ‘thulisa imi pu’ kwizwekazi. I-AU ibiso loko izibandakanya nothe thathethwano olumalunga ne-Grand Ethopian Renai ssance Dam, ukuphelisa  imfazwe e-Libya nokukhu thaza uxolo e-South Sudan.Enye into ebesigxile kuyo ngexesha lethu ibikuku thwesa amanina amandla ezoqoqosho, nto leyo  esizakuqhubeka nokuyikhu thaza nangona seliphelile ixesha lethu nakwiShumi leminyaka yokuBandaka nywa kwamanina ase-Afrika ngokweZezimali noQoqosho ukuya ku-2030.Xa sinikezela intonga kwi-Democratic Republic of Congo (i-DRC), sishiya eli qumhru libalaseleyo lezwekazi likwindawo enamandla amakhulu nangakumbi.UMzantsi Afrika uza kuqhubeka nokudlala indima yawo ukunceda ukwakha umanyaniso kwizwekazi, nokuxhasa uSihlalo ongenayo nombutho kwii nzame zawo zokumelana neminqweno ye-Agenda 2063 ye-AU.Xa uMbutho woManya no lwe-Afrika wawusekwa ngo-1963, aMazwe angaMalungu atyala iimbewu zentsebenziswano nobu mbano ngethuba ekhangelela abantu base-Afrika ubomi obubhetele.Angqina ukuba umanyano lwe-Afrika kufuneka luha mbe phambili ukuze kuqi nisekiswe intlalontle ne mpilo yabantu base-Afrika.Imbali ilingqina lokuba ngoku ezi mbewu aziwe langa kumhlaba otyebi leyo maxesha onke, kwaye kwiminyaka egqithileyo iprojekthi yezwekazi yoma nyano ibe nemiqobo emininzi neziqalo ezininzi ezingezizo. Kodwa umngcipheko  omkhulu obekwe ngulo bhu bhane uvuse amazwe ase-Afrika emaqandeni ukuze asukume asebenze kunye.Kwisizikithi sobushushu bentlekele ye-COVID-19, imbewu yobumbano nentse benziswano etyalwe ngoo khokho bethu abasivulela indlela ziqhamile zachuma.Eli xesha lesilingo nobu nzima obukhulu libe lelinye lawona maxesha e-AU aha mba phambili.Sizukisiwe kukunikwa ithuba lokukhokela lo mbutho ngeli xesha, apho uvele wabonisa intsingiselo eyiyo ncakasana yamagama athi iManyano ye-Afrika.Le yimpumelelo ekumelwe ukuba bonke abemi bezwekazi i-Afrika bazingce ngayo nekumelwe ukuba bafumane inkuthazo kuyo.
