Ukuba ngumzali womntwana onesathuthwane  

Allison Cooper

Ngelixa inokothu-sa into yokuba usapho lwazi  ukuba umntwana une-sathuthwane, ungazama ukuba wenze ikhaya elino-kuqonda, elinothando ne-lamkelayo apho umntwana wakho angakhula  khona kwaye akholelwe kumandla akhe okuphu-melela.
NgokoMbutho weSa-thuthwane eMzantsi Afrika i-Epilepsy South Africa, abazali banokukhathazeka ngekamva lomntwana kwaye bakufumane kunzi-ma ukwamkela okanye bathethe ngoko. Ungaziva unomsindo, udandathekile, ungonelisekanga kwaye uzive unetyala, kodwa ungazoyisa ezi mvakalelo kunye noxinzelelo lwakho ngokuzifundisa ngale meko.Isathuthwane yimeko yokuxhuzula okuphindaphindayo, okwenzekayo xa kukho ukukhutshwa kwemithambo ngendlela engaqhelekanga ebuchosheni.Kutheni ingumntwana wam nje?Ukuqonda ngesathuthwane nokuba kutheni exhuzula nje akuchazi ukuba kutheni le nto isenzeka emntwaneni wakho.Malunga nama-66%  eemeko, oyena nobangela wesifo sesathuthwane awa-ziwa. Oku kubhekiswa kuko njengesifo se-idiopathic epi-lepsy. Kwiimeko ezizezinye unobangela uyabonakala, unokuchazwa njengesifo se-symptomatic epilepsy. Kukho iintlobo ezahluke-neyo ezibangelwa kukonzakala engqondweni, oko kunokwenzeka nakweyiphi na iminyaka; ukonzakala ekuzalweni, kufana nokunqongophala kwe-oksijini ngexesha loku-zalwa; ukuxhuzula ngenxa yomkhuhlane, ukudumba kobuchopho okwenziwa lusuleleko, ukudumba kwenwebu yobuchopho okanye imasisi yabantwana; kunye nokuphazamiseka okanye ukungalingani komzimba okanye kwamakhemikhali emzimbeni.Ugqirha uya kuyalela ngo-kukhutshwa kwamayeza ngokusekelwe kwiminyaka yomntwana, imeko yomzimba kunye nohlobo lokuxhuzula umntwana wakho analo.  Khumbula, iyeza elinqumamisa ukuxhuzula alinyangi isifo sesathuthwane kodwa, ngamaxesha amaninzi, liya kunciphisa ukubanzima no-kuqina kokuxhuzula.Ezinye iingcebiso malunga nokukhathalela umntwana onesifo sesathuthwane:
• Yazisa umntwana wakho ngale meko. Abantwana bebancinci beneminyaka emithathu ubudala bayaqonda ukuba ingqondo ilawula umzimba. Abantwana abadala kufuneka banikwe inkcazelo ebanzi ngakumbi.• Yazisa izalamane ezisondeleyo kunye nabahlobo bomntwana wakho, ootitshala kunye namanye amagosa esikolo anoxanduva. • Qinisekisa ukuba umntwana wakho ufumana uva-vanyo olunzulu lwezonyango kugqirha ofanele-kileyo, ngokufanelekileyo ugqirha wemithambo yo-luvo.• Gxininisa kubuchule bomntwana wakho kunye nawuphi na umsebenzi oza kuphucula ukuzamkela, ukuzixabisa noku-zithemba. • Qinisekisa ukujongwa ngumntu omdala kwimi-sebenzi ethile, enjengoku-dada.• Qinisekisa ukuba amayeza ayaselwa kwaye asetyenziswa rhoqo njengoko kumiselwe.• Nika inkqubo emiselweyo kunye nokuphumla oku-ninzi, izidlo ezithathu ezi-lungeleleneyo ngosuku kunye nokuzilolonga rho-qo.• Xa uchaza ukuxhuzula sebenzisa amagama aya kuqondwa ngumntwana wakho.• Ungaze uvumele umntwana wakho asebenzise ukuxhuzula njengesizathu sokungezi imisebenzi ya-sekhaya okanye ukwamkela uxanduva.
