Unyaka ka-2021 ongcono kubo bonke abemi boMzantsi AfrikaIiveki zokuqala zonyaka bezinzima kubo bonke abemi boMzantsi Afrika. 

Vukuzenzele Unnamed

Ubhubhane wentsholongwane i-corona uye wanwenwa kakhulu, kukho usulelo olutsha olukhula ngokukhawuleza kwaye luhamba ngesantya esikhulu kunangaphambili. Izibhedlele zaphantsi koxinzelelo olukhulu nanjengoko abantu abaninzi bebefuna uku-fumana ingqwalasela ngokwezonyango.
 Nangona uninzi lwama-candelo ezoqoqosho ekwa-zile ukusebenza kwakhona ngeenyanga ezininzi, kuza kuthatha ixesha ukuba uqo-qosho lubuyele kwimeko yesiqhelo kunye nokubuyiselwa kwemisebenzi elahlekileyo. Njengokuba kuqala unyaka omtsha, iintsapho ezininzi zisaziva izivubeko zobhubhane kubomi bazo nakwindlela yokuphila.Ihlabathi ngoku lingena kunyaka wesibini wobhubhane wentsholongwane i-corona. KuMzantsi Afrika, njengakumazwe amaninzi kwihlabathi liphela, unyaka ka-2021 uza kuba nomceli mngeni omkhulu. Ityeli lesibini lokosuleleka yi-COVID-19 lisenokulandelwa ngamanye amatyeli, wona ayakuthi abe sisoyikiso empilweni zabantu bethu kunye nokubuyiselwa koqoqosho lwethu.Nokuba kunzima kulo nyaka, kodwa ndiqinise-kile ukuba siza kuwoyisa lo bhubhane kwaye sibeke ilizwe lethu ekhondweni lendlela yokubuyela kwimeko yesiqhelo.Ukuzithemba kwam ku-vela kubantu baseMzantsi  Afrika. Ukuba ndijonga indlela abemi boMzantsi Afrika abasabele ngayo kule ngxaki ukusukela oko intsholongwane yafika elunxwemeni lwethu, andithandabuzi ukuba somelele, sithobela umthetho kwaye siyakwazi ukulwa nesi sifo.Ngokuqinisekileyo bekukho iimeko ezohlukileyo, kodwa uninzi lwabemi boMzantsi Afrika bebeyiqonda imfuneko yezithintelo kwiintshukumo zokuhamba nakwimisebenzi yabo, kwaye bathobela imigaqo ethe yabekwa ukuba ilandelwe. Okubaluleke nangakumbi kunokuthobela imigaqo, uninzi lwabantu baseMzantsi Afrika bazithathele uxanduva ngokwabo benza njalo nakwabanye, belandela iingcebiso kwimiba efana nokugcina umgama phakathi kwethu, ukunxiba iimaskhi kunye nokuhlamba izandla.Kwaye apho sisilele khona, ngelishwa, sizibonile iziphumo. Ngoku siyazi ngomngcipheko weendawo ezivalekileyo kunye neendibano ezixineneyo, xa kunganxitywanga iimaskhi kunye nokungagcini umgama phakathi kwethu.Oku kuhlakulela indlela yonyaka ozayo. Ngoku siyazi ngakumbi malunga nesi sifo kunye nendlela yokuthintela ukusasazeka kwaso. Kwaye ngaphandle nje kwento umntu anokuyibiza ngokuba 'kukudinwa ngubhubhane', sizimisele njengabemi boMzantsi Afrika ukwenza into ekufuneka yenziwe.Njengokuba sibambelela ngokungqongqo ngakumbi kumanyathelo asisiseko sokuthintela isifo, siza kube siqalisa iphulo lokugonya abantu abaninzi. Njengokuba besiya begonywa abantu, siya kusindisa ubomi kwaye sinciphise ngokuthe gqolo umngcipheko wosulelo ku-luntu lonke.Ngokufumana ugonyo olwaneleyo ngokukhawuleza kwaye kuqinisekiswe ukuba luyafikelela ebantwini abaludingayolowo iya kuba ngowona msebenzi mkhulu wonyaka. Oku kuya kuba ngumceli mngeni njengoko ilizwe ngalinye kwihlabathi likhalela ukufumana isa-belo kolo gonyo olulinganiselweyo. Kodwa sisebenza nzima kunye namaqabane kwezoshishino, abasebenzi kunye noluntu ukwenza oku kufikeleleke. Sisebenza kwimida eliqela ukuzama ukufumana iyeza lokugonya, kubandakanya indawo yehla-bathi ye-COVAX, inyathelo leMbumba ye-Afrika kunye nokuzibandakanya kwethu nabavelisi bezitofu zogonyo.Njengokuba sisebenza kunye ukoyisa lo bhubhane, kuya kufuneka sisebenzisane ukwakha ngokutsha nokuguqula uqoqosho lwethu. Sinawo amandla kunye nomqweno wokukhuthaza imisebenzi yezoqoqo-sho, ukukhulisa uqoqosho lwethu kunye nokudala imisebenzi. Oku sikwenza kanye ngexesha likabhubhane.Izimali zikarhulumente ziphantsi koxinzelelo olugqi-thisileyo, ngoku nangakumbi ngenxa yeendleko zeziphu-mo kwezempilo kwi-COV-ID-19 kunye nemilinganiselo yezoncedo kwezentlalo nezo-qoqosho esiyimisileyo uku-khawulelana namashishini kunye namakhaya ahluphe-kayo. Ukucuthwa koqoqosho kukwathetha ukuba ingeniso yerhafu yehla kakhulu. Kukho iindawo ezithile zoqo-qosho eziza kuthatha ixesha elide ukubuyela kwimeko yesiqhelo ngenxa yemfuno esezantsi jikelele ngokubanzi kunye nezithintelo kuhambo lwamazwe aphesheya.Yiyo loo nto kufuneka ukuba sibe nezinto ezintsha kwaye sigxile kwizicwangciso zethu zokwakha ngokutsha uqo-qosho. Ngokubalulekileyo, isiCwangciso soKwakhiwa ngokutsha nokuVuselelwa koQoqosho esasibhengeza kweyeDwarha kulo nyaka uphelileyo sisekwe kwimvumelwano ebanzi phakathi kwawo onke amaqabane ezentlalo ngezenzo ezifune-kayo zokwakha ngokutsha uqoqosho. Oku kubeka isiseko esifezekileyo sentse-benziswano kusetyenziswa izixhobo, amacebo kunye namandla awo onke amacandelo oluntu.Sibona oku ngeendlela ezahlukeneyo. Umzekelo, be-sisebenza ngokubambisana nabaxhasi ngezimali babu-cala kunye namaziko ophuhliso lwamazwe amaninzi ukulungiselela iiprojekthi zeziseko zophuhliso kwi-indawo ezinje ngezothutho, ukuhlaliswa kwabantu, amanzi kunye nonxibelelwano ngomnxeba. Sisebenzisa iNgxowa-mali yeZiseko njengenye yendlela, siphuhlisa iindlela zokuthola inkxaso-mali kwezi projekthi sise-benzisa imithombo emininzi kumacandelo karhulumente nawabucala. Oku kubaluleke ngakumbi ngexesha apho iimali zikarhulumente zinqongophele.IPhulo likaMongameli leNkqubo yokuDala iMisebenzi ngomnye umzekelo wentsebenziswano ekusebenzeni. Ukuqonda ukuba kuya kuthatha ixesha ukukhula koqoqosho ukuba kuguqulwe kumashishini abucala, sisungule inkuthazo yengqe-sho yokuqalisa ukudala amathuba emisebenzi ngoku. Le nkqubo iyaququzele-lwa isuka kwi-Ofisi kaMongameli, kodwa isetyenziswa ngamasebe karhulumente ohlukeneyo kunye nezi-gaba ezohlukeneyo. Ngale nkqubo, amashumi amawaka abantu abangaphangeliyo bayakwazi ukuzuza umvuzo kwaye bafunde njengoko bebonelelwa ngeenkonzo zentlalo ezixabisekileyo.Ekuhambeni kwexesha, le nkqubo iza kuquka indawo 'yokuqeshwa koluntu', apho siza kudibana nabanye aba-bandakanyekayo bezentlalo ukuqesha abantu kwimise-benzi eyahlukeneyo-ukusuka ekuphuculeni ukuba kukho ukutya, ukujongana nobundlobongela obusekelwe kwisini ukuya ekuphucu-leni iindawo zokuhlala zasemijondolo konke oko kunegalelo elilungileyo kokuqhelekileyo. Wonke lo msebenzi uqiniswa kukugxilwa ngokukuko kwezo nguqulelo zezoqoqosho eziza kuqwalasela ngakumbi ekuphuhleni. Oku kubanda-kanya ukwandiswa kwa-mandla okuvelisa umbane, okwenza amazibuko ethu asebenze ngakumbi kwaye akhuphisane, kuphuculwe ukufikelela kwizixokelelwano zonxibelelwano nge-intanethi ezifikelelekayo ngexabiso, kunye noku-phucula amaxesha okufu-mana amanzi, kwezemigodi kunye namanye amaphepha-mvume. Ezi nzame ziyaququ-zelelwa kwaye zibekwe iliso ngokudibeneyo yi-ofisi yam kunye noNongxowa weSi-zwe.Okuninzi apha kufuneka kwenziwe kulo nyaka siya kuwo. Kwaye kufuneka singathandabuzi ukuba kuya kufuneka sijongane nemiceli mngeni emininzi.Kodwa sibonisile ukuba, njengesizwe, siyakwazi ukuphumelela xa sisebenza kunye ukulandela injongo enye.  Ukuba siya kukhumbula oko, kwaye ukuba sibeka ubunye bethu kwintshuku-mo, siya kuqinisekisa ukuba owama-2021 uya kuza nempilo engcono kunye nobomi obungcono kubo bonke abantu bethu. Ndininqwenelela okuhle kodwa kunyaka omtsha. 