Elinye ithuba lokufumana imatriki yakho 

Cathy Grosvenor

Akukashiywa lixesha lokufumana imatriki yakho okanye ukufumana iziphumo ozifunayo, lowo ngumyalezo osuka kwiNkqubo yeNkxaso yokuNikwa iThuba leSibini lokuFumana iMatri ki yeSebe lezeMfundo esiSiseko (i-DBE).
UMlawuli wale nkqubo, uGqi Sandy Malapile, uthi ibakala lemfundo lematriki liyimfuneko engathanda buzekiyo kuba ngaphandle kwalo, iingcango zamathuba amaninzi zihlala zivalekile. “OoGunyaziwe beCandelo lezeMfundo noQeqesho (ii-SETAs), abanikwe umse -benzi wokuxhobisa isizwe ngezakhono ngeenkqubo zezakhono kunye nezokuqeshwa njengabafundi, nazo zikwafuna abafaki-zicelo babe nematriki,” utsho uGqi Malapile. Imiselwe ngenyanga yoMqungu yowama-2016, inkqubo yokuNika iThuba leSibini ixhasa nabani na – noba uneminyaka emingaphi na – ofuna ukuphumelela okanye ukuphucula ibakala lakhe lematriki, isifundo ngesifundo kwaye umntu uba ngumfundi wethutyana. Akukho zindleko zihlawu-lwayo.
Ngubani onelungelo?
• Ngabantu abafuna uku phucula iziphumo zabo zematriki, nokuba basanda kuyibhala imatriki yabo kutsha nje okanye kwiminyaka engamashumi eyadlulayo. UGqi Malapile ucacisa ukuba umntu ofuna ukufundela ubunjineli, umzekelo, kusenokudingeka ukuba aphucule iziphumo za-khe zezibalo ukuze abe selungelweni lokungenela ezo zifundo.
• Abantu abangazange bayiphumelele imatriki abafuna ukunikwa ithuba lesibini lokuphumelela.
• Abantu abasishiya isikolo bekwi-Gredi ye-9 (iBanga lesi-7 ngokwakudala), babe ngoku baneminyaka engama-21 okanye ngaphezulu, babe benqwene la ukuphumelela imatriki yabo.
Uqalisa njaniBhalisa kwenye yee-ofisi zezemfundo zezithili ezingama-75 kweli lizwe jikelele okanye ubhalise nge-intanethi kule webhusaythi: www.eservices.gov.za .
 Ubhaliso luvuliwe ngo-mhla woku-1 kweyeDwarha luze luvalwe kweyoMdumba yowama-2021. Abafundi  basenokuzifundela okanye kwelinye lamaziko okuNika iThuba leSibini ali-133 apho kuthi kufundiswe ngokuthi kume umhlohli phambi kwabafundi xa sele kubuyiwe emisebe-nzini nangeempela-veki. UGqi Malapile uthi ngootitshala abagqwesileyo ngokusebenza kuphela kwisithili ngasinye abathi baqeshwe kula maziko. La maziko awafumaneki kwidolophu okanye kwilali nganye, kodwa abekwa kummandla apho kubhalise khona elona nani likhulu labantu into ethetha ukuthi indawo akuyo inokutshintsha unyaka nonyaka.Bonke abafundi abo badi-bana nabahlohli ngokufanayo kunye nabo bazifu-ndela ekhaya bavulelekile ukufumana uludwe olupheleleyo lweenkonzo zenkxaso yokufunda, ukususela kwizifundo ezisasazwa kunomathotholo nakumabonakude ngamaxesha aqinise kileyo; ukuya kwizixhobo zokufunda ezinokukhutshelwa zifumaneka ku-intanethi ; ize, kwabo bangakwaziyo ufikelela kwiikhopyutha, iiprinta ne-intanethi – izi-xhobo zokufunda eziprintiweyo bayazithunyelwa liSebe lezeMfundo esiSiseko (i-DBE). Abantu abanazo iikhompyutha kodwa be-ngenayo i-intanethi okanye idata , bangacela i-CD enazo zonke izixhobo zokufunda, eyakuthi ithunyelwe kubo ngeposi. “Uninzi lwabafundi abangabantu abadala ababi naxesha lininzi lokunikezela kwizifundo zabo. Ngetha -msanqa, basenokuthatha isigqibo sokuba umntu ufuna ukwenza izifundo ezingaphi na ngonyaka kuba abanaxesha limiselweyo lokugqiba imatriki yabo.” Xa sele bebhalisile, i-DBE iza kunceda umfundi ngamnye omdala ukukhetha ezo zifundo abafuna ukuzenza ize ibacacisele ukuba zeziphi ezisisinyanzelo.Wakuba selungelweni laso, umntu ophume esikolweni emva konyaka wowama-2008 ufumana iSatifikethi esiPhezulu seSizwe ize lowo uphume esikolweni ngaphambili, afumane iSatifikethi esiPhezulu esiHlonyelweyo. Kodwa ke, uGqi Malapile uthi zozibini zikumga-ngatho ofanayo kwaye, ngokuxho mekeke kwi zifundo umntu azenzileyo namanqaku awafumeneyo, zingasetyenziselwa ukufa ka isicelo kwiidyunivesithi nakwiikholeji.
Ukunika ithuba lesibiniI-DBE ibamba imiboniso yoluntu ukukhuthaza abantu ukuba babhalise kwinkqubo yokuNika iThuba leSibini. Amaziko emfundo aphakamileyo kunye nee-SETA ayame-nywa ukuba anikezele ka-ngangoko ngolwazi kwabo bantu banomdla. Kwemininzi yale miboniso, uMphathiswa u-Angie Motshekga uceliwe lulutsha ukuba avelise iinkqubo eziza kunceda abantu abatsha ukuba baqesheke ngakumbi, utsho uGqi Malapile.Ukuhlangabezana noko, i-DBE imisela inkqubo yophuhliso lwezakhono kulo nyaka egxile kwizigidi ezithathu ezinamakhulu amane (isi-3.4 sezigidi) zabantu abatsha abangekho kwimpangelo, kwimfundo okanye kuqeqesho. Izifundo ziza kususela kwizakhono zobomi – zifake izihloko ezifana nokuba ibhalwa njani iNkcazo ngoBomi boMntu ngokuMalunga neMfundo neMpangelo (i-CV) kunye nokuba yintoni omawuyenze kudliwano-ndlebe lomsebenzi; ukuya kwizifundo zezakhono ezisisiseko, ezi-fana nokulungisa izihla-ngu, isiseko se-ICT kunye nobuchule bokufunda nokubhala.
 vUbusazi na?
•	Nokuba	usishiye	isikolo	kwiminyaka	yowama-60	okanye	kutsha	nje,	kufane-	 leke	ufunde	ngo-	 kwale	kharityulam	yangoku.
•	Ukuba	inkqubo	yezemfundo	yaseMzantsi	Afrika	ikwalungiselela	nabantu	abaphume	esikolweni	phambi	kokufika	kwi-	 Banga	leThoba,	ngenkqubo	ye-	 mfundo	esisiseko	noqeqesho	yabadala	yeSebe	lezeMfundo	ePhakamileyo	noQeqesho.
