Mzantsi Afrika woyisa iNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) noGawulayo (i-AIDS)

Vukuzenzele Unnamed

Njengokuba siqhu-beka namalinge wethu okulawu-la ubhubhane wentsholongwane icoronaotshabalalisayo, asikwazi ukungayihoyi eminye imi-celi-mngeni yezempilo ka-wonkewonke ilizwe lethu elijongene nayo.
Ngaphezulu kweminyaka engamashumi amathathu, ilizwe lethu belixakeke zinza -me eziqhubekayo zokulwa iNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) noGawulayo (i-AIDS), nothe wathatha imiphefumlo emininzi waze wadala imba-ndezelo nentlungu.Ukususela ekuqhambukeni kweCOVID-19  kweli lizwe, ngokuvaleleka phantsi kwe-miqathango ethile kwisizwe jilele kunye noxinzelelo kwi-ziseko zethu zezempilo, uninzi lweenkonzo ze-HIV , i-AIDS nesifo sephepha (i-TB) ziye za-bulaleka. Oku kuye kwabangela umceli-mngeni ekuvavanyweni kwabantu nokuqalisa unyango lokuthomalalisa iNtsholo-ngwane kaGawulayo. Abantu abaninzi bakufumanise kunzi-ma ukulanda amayeza wabo kwaye bambalwa abantu abe-bekwazi ukuﬁ  kelela kwezinye iinkonzo, ezifana nolwaluko lwamadoda olwenziwa kwa-gqirha ngokuzithandela.  Kwangaxesha nye, zininzi izifundo ezifundiweyo kwindle-la amaziko ezempilo kawonke-wonke wethu asabele ngayo kubhubhane wentsholongwane icorona  okunokomeleza umlo wethu wokulwa ne-HIV kunye ne-TB.  UMzantsi Afrika usaqhubeka ukuba nelona nani liphezu-lu labantu abaphila ne-HIV ehlabathini. Noxa kunjalo, kuyakhuthaza ukufumanisa ukuba kule minyaka ilishumi yokugqibela idlulileyo sithe senza inkqubela ekunciphiseni inani losuleleko olutsha lwe-HIV kubo bonke abantu beli ngama-60%. Kukwakhuthaza ngokunjalo ukuba usuleleko lwe-HIV kumantombazana afikisayo nabantu basetyhini abaselula luye lwehla ngokuncomekayo kule minyaka ilishumi yoku-gqibela. Eli liqela elibalulekileyo kuba lelona lilindeleke ukuba lisenokuba kumngcipheko wokufumana i-HIV .Inkqubo yethu yonyango ibe negalelo ekunciphiseni inani lokusweleka okubangelwa yi-AIDS ngama-60%. Kubekho ukuncipha okukhulu ekuswe-lekeni okunxulumene ne-HIV phakathi kwabantu abatsha. Sikwazile ukunciphisa ina ni lokusweleka kuba thina, ndawonye kunye namahlakani wethu, siye sasungula inkqubo ebanzi yamachiza okuthoma-lalisa iNtsholongwane kaGawu-layo eﬁ  kelela kwizigidi ngezi-gidi zabantu abaphila nesi sifo.  Ekuqaleni kweminyaka elishumi, inkqubo yethu yoku-thintela usuleleko lomntwana olusuka kunina (i-PMTCT) lwe-HIV ayikhange ifumane kupa-pashwa ngokwaneleyo. Ngoku sinelinye lawona mazinga aphezulu okupapashwa kwe-PMTCT eMaZantsi e-Afrika, nethe yalehlisa kakhulu izinga losuleleko phakathi kwaba-ntwana.Nangona sikunciphisile uku-sweleka nosuleleko olutsha, si-sekude ekuﬁ  keleleni kwiinjo-ngo zethu eziphambili esa-sizibophelele ukuba sijongise kuzo ngowama-2016 zoku-nciphisa usuleleko lwe-HIV ngama-75% ngowama-2020. Ukuba ngaba siyaphumelela ukwenza oko, sisenokuyiﬁ  kisa esiphelweni into yokuba i-AIDS ibe sisoyikiso kwezempilo ka-wonkewonke ngowama-2030.Ngelishwa, asikafikeleli apho. Kufanele senze kakhulu nangaphezulu ukuqinisekisa ukuba abantu abatsha baya-xhotyiswa ukuthintela usule-leko, kuquka nangokutshintsha indlela yokuziphatha, ukuﬁ  ke-lela kwiikhondomu nokwenza uvavanyo rhoqo. Kufanele siqinisekise ukuba umntu ngamnye owosulelekileyo uyakwazi ukufikelela kunyango nenkathalelo.
Kufanele sisebenze nzima nga kumbi ngokuthintela usuleleko lwe-HIV phakathi kwabemi abangundoqo, kuquka nabo bathengisa ngemizimba, ama doda awabelana ngesondo namanye amadoda, kunye nabantu abazitofa ngeziyobisi. Kufuneka sikuphelise uku-babeka ibala nokubacalucalula aba bemi. Asinakuba nethemba lokuyiphelisa i-HIV ukuba nga ba asizinanzi izidingo, iinkxa-labo namalungelo walo naliphi na iqela labemi bethu.UMzantsi Afrika kufanele uwandise amalinge okwaluswa kwabafana kwagqirha ukunci -phisa umgcipheko wokuba bafumane i-HIV . Ulwaluko olungakhuselekanga akufane-lekanga ukuba lushiye abafana neengxaki zezempilo ubomi babo bonke, kwaye akukho mntu umakabhubhe ngenxa yolwaluko. Kufuneka siqinise-kise ukuba abafana boluka ngendlela ekhuselekileyo.Sikhuthazwa ziziphumo zophononongo lwakutsha nje malunga nokutyhileka kwangaphambi kokukhuseleka kwizi-fo (i-PrEP). Ngokungafaniyo nonyango lokuthomalalisa iNtsholongwane kaGawulayo olunikwa abantu abane-HIV , i-PrEP iquka ukusetyenziswa rhoqo kwamachiza okuthoma-lalisa ngabantu abangenayo i-HIV ukuthintela usuleleko. Olu phononongo, lwenziwa ngoosonzululwazi boThu-ngelwano lokuLinga uThintelo lwe-HIV , lufumanise ukuba ukutofa-emva-kwexesha elide okwenziwa kanye ngeeveki ezisibhozo kungcono kunoku-setyenziswa kwepilisi yokukhu-sela i-HIV yonke imihla. Ezi zi-phumo zinamandla okomeleza indlela esisabela ngayo kulo bhubhane ngokuncomekayo.  Ukuze siphumelele  ekupheliseni i-AIDS njengeso-yikiso kwezempilo kawonke-wonke kule minyaka ilishumi izayo, kufanele sidibanise ezi mpumelelo zinkulu kunye neenguqu ezibalulekileyo zokuziphatha. Sikwadinga ukuba soyise iimeko zezoqo-qosho nezentlalo ezenza igalelo kwizinga eliphezulu losuleleko.Omnye wemisebenzi yethu engundoqo kukuxhobisa ama-ntombazana afikisayo kunye nabantu basetyhini abaselula, ngokwasemfundweni, ngokwe-zoqoqosho nangokwezentlalo. Kufanele ukuba bakwazi uku-zithathela izigqibo malunga nazo zonke iinkalo zobomi babo, kuquka isini sabo noku-ziphatha kwabo ngokwezesini.Ekugqibeleni, siza kuphu-melela ekupheliseni i-AIDS ngokuxhobisa abantu abatsha, abantu basetyhini kunye na-banye abantu abasemngciphe-kweni. Oku kuquka ukuxhobisa ngokuﬁ  kelela kulwazi, iingce-biso nenkxaso. Kuquka ukuﬁ  ke-lela kwimfundo nakumathuba ezoqoqosho, ingakumbi  kubantu basetyhini abaselula. Ukuxhobisa kukwathetha uku-thi umntu ngamnye kufuneka akwazi ukuﬁ  kelela kuvavanyo, unyango kunye nezinye iinko-nzo zezempilo. Abantu baseMzantsi Afrika sebehambe umgama omde, banyamezela kakhulu kwaye benze inkqubela enkulu eku-lweni i-HIV , i-AIDS neSifo sePhepha. Masiqinise zonke izigqibo zethu namanyathelo ukuqubisana nokoyisa i-AIDS ingabuye iphinde ibekho.
