Sela amanzi unqande ukuphelelwa ngamanzi emzimbeni

Allison Cooper

Ilanga elitshisa kakhu-lu kunye nokungaseli izinto ezingamanzi ezaneleyo kungabangela ingxaki yokuphelelwa nga-manzi emzimbeni kunye neqondo eliphezulu kakhu-lu lobushushu bomzimba, izinto ezo ezinokumbulala umntu.
NgokweSebe lezeMpilo laseNtshona Koloni, ilanga elitshisayo lasehlotyeni li-yawanyusa amathuba okuba abantu baphelelwe ngamanzi emzimbeni, nokuyingozi yokuphelelwa ngamanzi emzimbeni. Le ngxaki yokuphelelwa ngamanzi emzimbeni ku-maxa amaninzi yenziwa kukungaseli izinto ezinga-manzi ezaneleyo ukubuyisela amanzi atsitse emzimbeni ngenxa yokubila. Ingabangelwa nakukugula, okubangela ukugabha okanye nokuhambisa kwesisu; kunye nokubila okubangelwa ngumkhuhlane. Amanzi emzimbeni awapheli xa usebenza nzima kuphela, kodwa angaphela naxa uhamba ngeenyawo, usebenza esitiyeni okanye ukhwele ibhayisekile inga-kumbi xa imozulu ishushu okanye ifumile. Xa uphelelwe ngamanzi emzimbeni, umzimba wakho awukwazi ukusebenza njengesiqhelo. Abantwana abaneminyaka engaphantsi kwemihlanu, abantu abadala kunye nabantu abasebenzela phandle basemngciphekweni omkhulu wokuba babe nale ngxaki yokuphele-lwa ngamanzi emzimbeni kunye neyokunyuka kakhulu kweqondo lobushushu lomzimba.Ingxaki yokunyuka kakhu-lu kweqondo lobushushu bomzimba yingxaki enkulu efuna oogqirha. Funa uncedo lonyango ngokukhawuleza ukuba unayo nayiphi na enye kwezi mpawu:
• Uziva ingathi udidekile okanye xa uthetha uqalisa ukuzekelela nokuthetha into engavakaliyo.• Unesicaphu-caphu futhi uyagabha.• Uyakhefuzela xa uphe-fumla.• Intliziyo iqalisa ukubetha kakhulu.• Intloko eqaqamba kakhu-lu.Iimpawu zokuqala zokuphelelwa ngamanzi emzimbeniEzinye zempawu zokuqa-la zokuphelelwa ngamanzi  emzimbeni ziquka:
• Ukuziva unxaniwe futhi unesizunguzane• Umlomo owomileyo• Ukudinwa• Ukuba nomchamo omda-ka, onuka kakubi• Ukuchama izihlandlo ezimbalwa kunesiqheloUkuze ungafumani ingxaki yokuphelelwa ngamanzi emzimbeni neyokunyuka kakhulu kweqondo lobushushu bomzimba kufuneka:
• Usele amanzi athe chatha ngeemini ezinelanga elitshisayo.• Hlala ngaphakathi endlwini okanye kwindawo enomthunzi.• Nxiba umnqwazi olipheke-pheke okanye uzikhusele ngesambreni.• Hlala uphethe ibhotile enamanzi futhi uwasele rhoqo.• Mana uziphumza ukuba usebenza endaweni egqatse ilanga.• Pholisa umzimba wakho ngokuthi uzitshize nga-manzi.Iintsana nabantwanaAbazali nabagcini-bant-wana kufuneka baqiniseke ekuqwalaseleni abantwana neentsana, ukuze baqinise-kise ukuba abantwana neentsana bahlala benamanzi aneleyo emizimbeni yabo.Oomama abancancisayo ku-funeka babancancise rhoqo abantwana babo xa ilanga litshisa. Bagcine endlwini ngaphakathi abantwana okanye kwindawo enomthunzi, banxibise iimpahla ezipho-lileyo uze umana ubosula ngelaphu elifumileyo ngeenjongo zokubagcina bepholi-le. Khumbula ukubathambisa ngezinto zokukhusela ilanga xa bephumela phandle. Ukuba abantwana abane-minyaka engaphantsi  kwemihlanu bayahambisa, bayagabha futhi bakhangele-ka bediniwe, base kwindawo yonyango ngokukhawuleza. Funa uncedo loogqirha uku-ba usana lwakho alukwazi ukuncanca ibele okanye linamehlo atshonileyo okanye ifokotho lalo nalo litshonile.Ebantwaneni, ezinye iimpawu zokuqala zokuphelelwa ngamanzi emzimbeni ziquka:
• Umlomo owomileyo okanye oncangathi.• Ukuphuma iinyembezi ezincinci xa belila okanye zingaphumi.• Ukuchama kancinci  okanye amanapkeni amanzi angaphantsi kunawe-siqhelo.• Isikhumba esomileyo ne-sibandayo.• Ukuba nkenenkene.• Ukozela okanye isiyezi.
