Sele zithukuza iimpawu zohlumo eMzantsi Afrika 

vukuzenzele unnamed

Imithi yeJacaranda  idubule kwisixeko esi likomkhulu leli lizwe, into leyo ethetha ukuba ihlobo alifikanga ligalele kile. Emva kweenyanga ezinde nezinzima zobusi ka, ukungena kwehlobo kufanele ukuba kuzenze iintliziyo zethu zikhulelwe lithemba.
Ngethuba kubhengezwe iMo yeNtlekele kuZwelonke ngenyanga yoKwindla, into eyayiphambili ezi ngqondweni zethu yayi kuthintela ukunwenwa kwale ntsholongwane size sinike nabemi, abahlali, abasebenzi kunye namashi shini izibonelelo zokuncedisa ngexesha likaxakeka.
Kwezi nyanga zisibhozo, futhi oko sikwenza ngenkxa so esiyifumene kumahlakani ethu ezentlalo, saqalisa nge nkqubo ebanzi yokunceda ukuba ungabi mbi kakhulu umonakalo wezentlalo nowe zoqoqosho onokwenziwa ngulo bhubhane.
Siye sazandisa kakhulu iinkqubo zezibonelelo zezentlalo ngendlela enga zange yakha yalingwa kweli lizwe ngaphambili.
Silelinye lamazwe ambalwa apho ilungelo lokufumana izibonelelo zentlalo libhalwe kuMgaqo-siseko, kwaye siziva sinebhongo kuba sikwazi ukuzalisekisa esi sithembiso ngethuba kanye wonke umntu esengxakini yokugutyungelwa ngubhu bhane.
Ukongeza kwizibonelelo zentlalo ebezikade zikho, ezixhanyulwa ngabantu abangaphezulu kwezigidi ezili-17, siye senza uchatha kwiSibonelelo-mali sa -Bantu Abadala, esokuKhu bazeka kunye nesoKondla aBantwana. Saqalisa ngeSi bonelelo esiKhethekileyo se-COVID-19  sezeNtlalo, sona esincede abantu asele befikelele kwizigidi ezitha ndathu kungokunje. Esi sibo nelelo saqalisa kwiivekana nje ezimbalwa emva kokuba kubhengezwe iMo yeNtle kele kuZwelonke.
Lo msebenzi ungaka awu kwazi ukuzolelwa okanye ukujongelwa phantsi. Ukuze le nkqubo ikwazi ukusebenza kwaye kwakho intsebenzi swano emandla phakathi kwe-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo yoMzantsi Afrika (i-SASSA), iZiko leeNkonzo zeRhafu loMzantsi Afrika (i-SARS), iSebe leMicimbi yezeKhaya, kunye namanye amahlakani amaninzi.
Saqalisa ngenkqubo  ezihlawulela ngokwayo isebenzisa ubuxhaka-xhaka bale mihla, yadityaniswa nezinye izintlu ezineenkcu kacha, eziquka uLuhlu lwaBantu beSizwe kunye neNgxowa-mali ye-Insho rensi yabaNgaphangeliyo (i-UIF). Saqalisa neendlela ezintsha zokufaka izicelo ezifana nokusetyenziswa kukaWhatsApp  kunye neUSSD, saze saqalisa nango bunye ubuxhaka-xhaka bale mihla sisebenzisana nee bhanki zabucala ukuze si kwazi ukuqinisekisa iinkcu kacha zebhanki zabantu. Lo ngumsebenzi omhle kakhulu owenziwa ngexesha elifu tshane kakhulu.
Ukukhapha la manyathelo sawathathayo ngeenjongo zokukhusela abantu bakuthi, saya safaka isandla naku mashishini nawo ebeqalisa ukutsala nzima. Siye sanika isibonelelo amashishini asakhasayo, isibonelelo eso sinxulumene namatyala, ese zimali, ukwandiswa kwexe sha lokungeniswa kwama xwebhu eengxelo zerhafu kunye nezinye izibonelelo.
Saqalisa ngeNkqubo yeMa limboleko Eqinisekisiweyo ye-COVID-19  ukuze since dise amashishini akwazi ukubhatala imali yeendleko zemisebenzi yemihla ngemi hla ngethuba ilizwe livaliwe, ngoku sizama nezinye  indlela zokwenza ukuba esi sikimu sifikelele kwamanye amashishini amaninzi afuna uncedo.
Sisikhuphile isibonelelo sokuqinisekisa ukuba  imivuzo yabasebenzi iyahla wulwa kunye neSibonelelo Sabaqeshi Sethutyana, yona yokunceda abanikazi-mashi shini, nekhutshwa yi-UIF.
Onke la manyathelo aye nzelwe ukusabela ngqo kule meko kaxakeka sikuyo kwaye ebengawokubambisa okwethutyana. Ezinye zezi zibonelelo ziza kufikelela ekupheleni ngoku, ngeli thu ba ezinye ziza kuqhubeleka zisetyenziswa lude uqoqosho luqalise ukuhluma.
Ezi zibonelelo saziqali sayo zaba luncedo kakhulu ekukhuseleni isizwe sa kuthi ukuba singathwaxwa kakhulu yiCOVID-19 . Ezi nye izibonelelo zasindisa abantu abaninzi ekubeni bafe yindlala.
Ukuba sasingazange singe nelele sisindise abantu ba kuthi kunye namashishini, iimeko zabantu bakuthi kunye nezamawaka amashi shini ngezibe maxongo kakhulu. Ngoku sikwixesha apho sigqithayo kwixesha loku khongoza kwabantu namashi shini ngezibonelelo singena kweli lokuhluma koqoqosho.
Ezi zibonelelo zingxami sekileyo saziqalisayo zizo eziza kusebenza njengee ntsika ekuza kwakhelwa phezu kwawo uqoqosho lweli lizwe. Njengoko ngoku sijongisa amehlo kumba wokuphumeza isiCwangci so soQoqosho soHlumo no Kwakha Ngokutsha, into esiza kuyibeka phambili kukukhwezela uqoqosho nokudala imisebenzi.
Ikhona indima esele ibonakala kumacandelo ama ninzi.
Sifumene izithembiso ezi tsha zokuxhasa ngemali ama phulo ophuhliso lweziseko ezingundoqo ezenziwe emva kwendibano ebibanjwe kule veki iphelileyo ebigwadla umba weziseko ezingu ndoqo zophuhliso. Iinkqubo zokudala imisebenzi phantsi kwesiCwangciso sika Mongameli sokuVuselela uQoqosho sele ziqalisile. Si yaqhubeleka namalinge okuza neenguqu kuqoqosho lweli kwicandelo elifana nelezamandla kunye nele ziseko zonxibelelwano.
Ngoku sikwixesha apho siyekileyo ukuthetha, sisenza izinto ezibonwayo futhi nezithembiso ezazenziwe ngoku ziveza la mathuba emisebenzi ayethenjisiwe.
Kubaluleke kakhulu oku ngeli xhesa, ingakumbi nje ngoko ixesha leziyunguma zokuphela konyaka nalo sele lifikile, ukuba ingabisithi abaza kuphinda babuyisele umva lo msebenzi sele we nziwe. Kufuneka sihlale sivule amehlo, sibaze neendlebe si qinisekise ukuba asichatsha zelwa yile ntsholongwane.
Ukuvumbuluka kwaso kwakhona nokuba ivumbu luke sele ingasenamandla kakhulu kwakuwabuyisela emva la malinge ezempilo sele enziwe. Lo nto iyakubanga ukuba nalo mathuba aqala ukuvela aphinde aphephe theke nomoya, isibuyisele kwixesha lobumnyama ne ntsokolo esiphuma kulo.
Ukuthintela ukuba iCOVID-19  ingaphindi iqhambu ke, kufuneka sithobele imi gaqo yezempilo ekhoyo.
Ukuba asisinxibi isifonyo kwiindibano zoluntu, xa sisiya kwimisitho enabantu abaninzi, asizibeki nje thina kuphela kunye nabanye emngciphekweni. Sikwa beka nala malinge sele enzi we okuvuselela uqoqosho emngciphekweni.
Masiqhubeke, umntu ngamnye adlale indima yakhe.
Amanyathelo aluncedo afana nokunxiba isifonyo, ukungasondelelani phakathi kwabantu kunye nokuhla mba izandla rhoqo asincedile sakwazi ukumelana nalo bhubhane ngethuba kanye egqubela ukugqugqisa. La manyathelo ngawo aluncedo kakhulu, kwaye sifunza ngawo.
Masikhumbule izinto esa sikhethe ukuzincama sisi sizwe kuba sifuna ukuthi ntela ukuba le ntsholongwa ne inganwenwi kwiintsuku zokuqala zokufika kwayo.
Nangona sele iqalile imise benzi yoluntu kunye neyezo qoqosho, kufuneka sihlale siyithobela imiqathango yezempilo esiyibekelweyo.
Kubaluleke kakhulu oku kuthi ukuze sikwazi uku vuselela uqoqosho lweli lizwe siyoyise le ngxaki si jongene nayo. 