Kuphephe ukuba lixhoba lokurhweba ngabantu 

Silusapho Nyanda

Njengokuba inani lamatyala okurhweba ngabantu lisanda, kubalulekile ukuba uthathe amanyathelo ukuqinisekisa ukhuseleko lwa kho.
Ukuphepha ukuba lixho ba lokurhweba ngabantu kufuneka uphephe uku-hamba wedwa, ebusuku, okanye kwizitalato ezi ngenabantu.Kubalulekile ukuba uyazi indawo ekungqongileyo ngawo onke amaxesha. Ukuphaphama kuza  kukunceda ukuba ubone into engalunganga. Ukuba ubona umntu okanye imoto ekulandelayo, khangela indawo enabantu abaninzi kwaye uqhagamshelane namapolisa okanye umntu omthembileyo ngoko nangoko.Abantu abarhweba ngabantu badla ngokuloba amaxhoba wabo ngokuwathembisa ngemisebenzi okanye uhlobo oluthile lwethuba xa befuna ukuwaxhwila. Olu hlobo lokurhweba ngabantu lu ngenzeka naphi na  – naku makhasi oluntu onxibele lwano oluntu, ezikolweni, kumaziko anodederhu lweevenkile nasesangweni lekhaya lakho.Qiniseka ukuba uqhuba uphando olucokisekileyo malunga nabaqeshi ngaphambi kokuya  kudibana nabo buqu kudliwano-ndlebe. Oku kunokwenziwa ngokuqinisekisa ukuba inka mpani ikhona ngokwenene ngokukhangela kwi-Companies and Intellectual Prop erty Commission. Kuza kufuneka ukuba  uxelele umntu omthe mbileyo xa usiya kudli wano-ndlebe uze umcele ukuba akutsalele umnxeba emva kwexesha elithile.  Ukuba kunokwenzeka, hamba nomnye umntu.  Lumka xa usebenzisa amakhasi oluntu onxibele lwano, ingakumbi xa u mntu ongamaziyo efuna ukunceda, efuna ukupha imali, ukunika indawo yokuhlala okanye ithuba lomsebenzi kuba ebone into obuyibhalile kumakhasi oluntu onxibelelwano.Ukuba uzakuphuma uyokudibana nomntu oza kuqala ukudibana naye, yenza oko kwindawo esesidlangalaleni kwaye uxelele umntu omthembileyo apho ukhoyo.Xa uphuma nabantwana, basondeze kuwe kwaye uqiniseke ukuba uyababona ngamaxesha onke.Ungaze uthume umntwana ngaphandle komntu omdala omthe mbileyo ukuba abagade. Ziqhelanise nokukhangela abantwana bakho rhoqo, ukuze wazi ukuba baphi.
Ngolwazi oluthe vetshe ngokurhweba ngabantu qhagamshelana nezikolesizwe lokurhweba ngabantu, iNational Human Trafficking Hotline, ku: 0800 222 777. Ukuxela ukurhweba ngaba ntu qhagamshelana  namapolisa ku: 10111.Olu lwazi lunikezelwe iSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.
