Ukuvuselela uqoqosho olusebenzayo

vukuzenzele unnamed

Ukuphehlelelwa kwesiCwa ngciso sika Mongameli sokuDala iMisebenzi  kwiveki ephelileyo kubonise utshintsho olukhulu kwindlela yethu yoku lwa nentswela-ngqesho.
 Senza utyalo-mali loluntu olukhuthazayo noluchaphazela abantu abaninzi kwiza khono nolwazi lwabantu, apho urhulumente njengomvelisi kunye nomenzi wemisebenzi. IsiCwangciso sikaMongameli sokuDala iMisebenzi asizange senziwe ngaphambili ngokobukhulu nangokobubanzi baso, kuquka utyalo-mali loluntu lweebhiliyoni ezili-R100 zeerandi kule minyaka mithathu izayo. Siza kuyikhusela futhi siyivelise imisebenzi exhaswa ngezimali ngokuthe ngqo kunye nenkxaso yokuphila ngelixa imarike yezabasebenzi ibuyela kwimeko yesiqhelo kulo bhubhane wentsholo ngwane i-corona. Nganye kwezi ikulungele uku phunyezwa, futhi yongezwa kwizibophelelo ezikhoyo. Ngelixa amanye ama ngenelelo esakha kwiinkqubo ezikhoyo ezinamandla, ukuvuselela kukwaquka iindlela ezintsha kunye nokuqaliswa kwezinto ezintsha. Oku kuquka ukugxila kwinto esiyibize ngokuba 'kukuqeshwa koluntu'. Sisebenza kuluvo lokuba akukho kunqongophala komsebenzi ekufuneka kwenziwe ukulu ngisa iingxaki ezininzi zolu ntu kwiindawo esihlala kuzo. Injongo kukuxhasa ubuchule obukhulu bokuyila, izakhono zenyathelo lokuqala kunye nezeziko elikhoyo kuluntu ngokubanzi ukubandakanya abantu kumsebenzi onenzuzo kumntu wonke. Lo mse benzi uchaphazela uluhlu lwemixholo emininzi, equka ukhuseleko lokutya, ukuphe liswa kobundlobongela obuse kelwe kwisini, ukuphuculwa kweendawo zoogobityholo nokunye okuninzi.Oku kuza kongeza iinzame zecandelo likarhulumente, elivumela ukubandakanywa kwabantu abaninzi kunye nefuthe lezentlalo kunye neendlela ezintsha zobambiswano nabantu abohlukeneyo ababandakanyekayo kweze-ntlalo.Isicwangciso siquka inkqubo entsha yesizwe yokuqesha ootitshala nabancedisi bezikolo ezikolweni. Izikolo ziyaqesha ngoku, zibonelela ngamathuba amatsha kulu ntu lonke kubude nobubanzi belizwe.  Ukuqeshwa koluntu asingomsebenzi onge nasakhono kuphela. Kukho ukugxila okuchaphazela abo banezidanga, ngamathuba kubongikazi, abanezidanga kwezenzululwazi, amagcisa kunye nabanye.Isicwangciso kwakhona siza kukhusela imisebenzi kumacandelo asemngciphekweni athe antlithwa ngulo bhu bhane. Inkxaso iza kunike zelwa kumagcisa oPhuhliso lwaBantwana aBasakhulayo, ingakumbi amanina azisebenzelayo. Angaphezulu kwama-74,000 amafama amancinci aza kuzifumana nawo izibonelelo zongenelo lwemveliso. Njengesizwe, sifuna ubugcisa kunye nenkcubeko ukuvuselela imimoya yethu kwakhona – isicwangciso sinikezela ngenkxaso-mali entsha ukunceda icandelo ukuba libuyele esimeni salo, kuquka nenkxaso yokuvelisa umxholo wedijithali kunye nokwandiswa kwamaqonga orhwebo nge-intanethi. Oku kuza kwenza ukuba amagcisa akwazi ukuziqhelanisa neemeko ezintsha zorhwebo ezenziwe ngulo bhubhane kuthi sonke futhi athathe la mathuba matsha okukhula. Isibonelelo esibalulekileyo esibanzi sokudala imisebenzi, esenziwe sabaluleka nga kumbi ngenxa yalo bhubha ne, lunxibelelwano. Ukoyisa iyantlukwano yedijithali, ukuvuselela kuza kunikezela  nge-intanethi ehamba ngesa ntya esiphezulu ngexabiso eli phantsi, kumakhaya afumana imivuzo ephantsi ngendlela yeenkxaso yonxibelelwano loqaliso lwezinto ezintsha kunye nokwandiswa kwe WiFi yasimahla yoluntu. Njengokuba ilizwe lethu libuyela kwimeko yesiqhelo emva yentshabalalo yalo bhubhane wentsholongwane i-corona, asithandabuzi ngobukhulu bomsebenzi ophambi kwethu. Kufuneka siphumeze ukubuyela kwimeko yesiqhelo koqoqosho olukhawulezayo futhi nolubandakanyayo. Kufuneka senze ukuba abantu bethu abaninzi babuyele emisebenzini  kwakhona kanga ngoko kunokwenzeka. Kwa khona kufuneka sizuze inkxa so esiphulukene nayo yobone lelo ngeenkonzo ezisisiseko kunye neziseko ezingundoqo ezibalulekileyo, ukujongana nemiceli-mngeni kwezentlalo nokuguqula iilokishi kunye noluntu lwasemaphandleni. Ukuqeshwa koluntu sisixhobo esinokukwenza konke oku kungentla: ukuvelisa imisebenzi kangangoko ngexesha elifutshane ngelixa iimarike zibuyela kwimeko yesiqhelo, kunye nokuvelisa ixabiso lentlalontle kwangaxeshanye. Umzekelo uhlala ukha nkanywa kwinkqubo enkulu yemisebenzi karhulumente eyenziwa yiMelika emva kokuDakumba okuKhulu kwamashishini kwiminyaka yowee-1930. Oku yayingekuko nje ukuvuselela, kodwa yayikukukhuthaza ukuthatha inxaxheba kwezentlalo kunye nokuqukwa. Mininzi imizekelo yeenkqubo zemisebenzi yoluntu yo kuqaliswa kwezinto ezintsha kwilizwe elisakhulayo, kuquka e-India, e-Ethiopia nalapha eMzantsi Afrika. Ezi nkqubo zenza utyalo-mali oluthe ngqo kuqoqosho lwa sekhaya, zifikelela kwiindawo ezihlwempuzekileyo kuqala, zixhasa amashishini ama ncinci asekuhlaleni zize zi dluliselwe kuqoqosho oluba nzi ukusuka apho. Zikwakhuthaza ukuthatha inxaxheba kwezentlalo kunye nokuqukwa, kokubonelelwa koluntu ngeendlela zokutshintsha ubomi balo nje ngoko luqala iintlobo ezintsha zomsebenzi. Ngokwenza njalo, luba negalelo kutshintsho kwinqanaba lasekuhlaleni kunye nololuntu ngokubanzi. Utyalo-mali loluntu oluthe ngqo kukuxhasa ingqesho kunye nokuvelisa amathuba ezoqoqosho avelisa ixabiso lentlalontle oluya kwenza ngaphezulu kunokujongana nengxaki yentswela-ngqesho. Iyaphendula, kuba isebe nzisa izixhobo zikarhulu mente ukusabela kwiimfuno zoluntu, nokuba zezeendawo zoluntu eziqulathe umhlaba onengca neentyatyambo, ukhuseleko lokutya, amaziko ophuhliso lwabantwana abasakhulayo, okanye iindlela ezingcono nezifikelelekayo nangakumbi. Inenkqubela-phambili, kuba inikezela ngokhuseleko lwezentlalo kunye nokhuseleko lwemivuzo kwabo bajongene nokuswela ngenxa yokuba bengakwazi ukufumana  umsebenzi. Lutyalo-mali lwexesha elizayo, kuba luxhasa i-ajenda yokuvuselelwa ngokubanzi kwezoqoqosho ngokuthi kubuyiselwe ngokukhawuleza abantu bethu ukuba basebenze ekuphuculeni iziseko zethu ezingundoqo zesizwe nezikamasipala. Ngenxa yongenelelo kuvuselelo, sidala imisebenzi kwabo bayidingayo, ngelixa sishiya ifuthe eliya kuhlala lihleli ixesha elide kuluntu luphela. Njengeenkqubo zokuqesha zikarhulumente kwihlabathi jikelele, oku kuvuselelwa kwengqesho kuxhasa kwaye kufezekisa indima ebalulekileyo yecandelo labucala  ekuveliseni imisebenzi. Kuyinto ejikelezayo, kuba  njengoko ukubuyela kwimeko yesiqhelo kuqhubela pha mbili, inqanaba lokuqeshwa koluntu luza kuhla. Amava omsebenzi kunye nezakhono ezifunyenwe ngabaxhamli bokuVuselela iNgqesho nguMongameli aya kuphucula amathuba abo okufumana ingqesho ese mgangathweni. Amava afunyenweyo  akwayindlela eya kwi misebenzi yezorhwebo. Abathathi-nxaxheba baza kuphucula izakhono zabo kunye namandla abo okuqala amashishini abo, futhi banokusebenzisa umvuzo ozinzi leyo obonelelwa yingqesho karhulumente ukuhlumisa eminye imisebenzi engenisa imali. Bendisoloko ndiqinisekisa ukuba ingxaki ye-COVID-19 ikwalithuba lokwakha ngcono kwakhona. Ngeli xesha lesiphithiphithi esikhulu, siya kube singazincedi ngokuthi senze izithembiso ezingafezekisekiyo eziphakamisa ulindeleko, kuze kwe nzeke ukuba singaphumeleli xa zingahlangatyezwanga. Yiyo loo nto eminye yemisebenzi kunye namangenelelo enkxaso yokuphila exhaswa ngemali ngokupheleleyo, sinesicwangciso sokuphumeza esicacileyo. Isicwangciso sengqesho asikho malunga nokuzibo phelela okungacacanga ka ngangexesha elithile kwixesha elizayo, kodwa kumalunga nemisebenzi eveliswayo apha nangoku. Isicwangciso sisiphumo sothetha-thethwano olubanzi namasebe esizwe, awama phondo kunye nawezixeko ezimbaxa ukuba kuyilwe ngokukhawuleza iinkqubo zemisebenzi ezinokuthi zi khutshwe okanye zandiswe kwixesha leenyanga ezinta ndathu. Amasebe afezekisayo kunye namanye amahlakani ahlolisiswe ngokungqongqo ukuba anawo kusini na umthamo wokufezekisa. Kuzo zonke iinkqubo eziwela phantsi kokuvuse lela, anezithuba eziza kubhe ngezwa ngokubanzi futhi ukufunyanwa kwabasebenzi kuza kwenziwa ngobulungisa, kuvuleke kwaye kubonakale. Iinjongo esizibeke ngokwe thu  ziyinyani, zinokulingani swa kwaye zinokufikeleleka, futhi sifunde namava adlulileyo kunye nezenzo ezilungi leyo zamanye amazwe. Abantu bethu bakulungele kwaye bazimisele ukusebenza. Obu buchule bukhulu kufuneka busetyenziswe, kwaye izakhono zomdibaniselwano wethu kunye nobuchule ziziswe ekwakheni ilizwe lethu emva kwentsholongwane i-corona. IsiCwangciso sikaMongameli sokuDala iMisebenzi sibonelela ngekhefu kwiintsapho eziye zanyamezela ubusika obude nobunzima zinemivuzo enciphe kakhulu, kunye nabantu abachithe iminyaka emininzi bengena misebenzi. Umsebenzi wokwenyani, nonesidima lilungelo lomntu wonke. Yinto efunekayo eku khuleni koqoqosho nakuzinzo lwezentlalo. Ngokufezekisa eli lungelo libalulekileyo, isiCwangciso sikaMongameli sokuDala iMisebenzi senza igalelo elibonakalayo ekwakheni uluntu olusebenzayo.