Ukwenza inguqu kwicandelo lezolimo

vukuzenzele unnamed

Kutsha nje, iSebe lezoLimo, ukuBuyekezwa koMhlaba noPhu hliso lwamaPhandle (i-DLRD) libhengeze ukuba abantu baza ku kwazi ukufaka izicelo zokuba baqeshe umhlaba karhulumente ozii hektare ezingama-700 000 ongasetyenziswa ngokwaneleyo okanye ongenanto kumapho ndo asixhenxe.
Umhlaba wokulima usisise ko somthombo wethu wenda lo. Ukuze sikwazi ukuphila kufuneka kubekho umhlaba wokulima nokufuya futhi usetyenziswe ngononophelo.UMzantsi Afrika unemimadla yomhlaba otyebileyo olungele iimveliso zezolimo, kangangokuba sithetha nje umhlaba weli ongama-37,9% usetyenziselwa amaphulo ezolimo lwentengo.Njengamanye amazwe amaninzi, umhlaba wethu wokulima usemngciphe kweni wokuphelelwa  lixabi so, ukunqatyelwa ngamanzi kunye nokungenelela kwee dolophu kuwo. Sikwaphu lukana nomhlaba wokulima obalulekileyo kuba utshi ntshwa usetyenziselwe izinto ezingadibananga nolimo. Njengoko sonke siyazi imbali yeli lizwe, ke ngoko ukukhokelisa njengomba ophambili kwisizwe ukufikelela  kumhlaba wokulima ukwenzela iimveliso zezo rhwebo futhi nokulimela uku zondla kubalulekile. Nangona iinkqubo zokuthathwa nokubuyiswa ko mhlaba ezaqala emva ko nyaka we-1994 zakhokelela ekubeni umhlaba omninzi ubuyiselwe kubantu aba Ntsundu boMzantsi Afri -ka, umonakalo owenziwa  nguMthetho woMhlaba wabaNtu boMthonyama wowe-1913 usabonakala nangoku kubunini-mhlaba wasezifama. Lo Mthetho zange ususe nje izigidi zabantu kumhlaba wokhokho babo wade wa gqithisa. Njengoko umhlaba usesezandleni zegcuntswana labantu, futhi iimveliso zezolimo zokuqala kunye nawo onke amashishini asebenzisanayo ngazo asaphethwe ngamafama orhwe bo amhlophe, loo nto ithetha ukuba iziphumo zomonakalo wangaphambili zisabonakala nanamhlanje. Ukuqhubeka kokuxhamla kwegcuntswana kuphela kumthombo ongundoqo wokuvelisa  ofana nomhlaba ayingomqobo nje kuphela othintela ukuqhubela pha mbili ngakumbi ukuxhasa isizwe sone; ikwayingxaki enokubangela ukuba abantu bade bavukele umbuso.Inani labantu abalambela ukuba nomhlaba babe ngamafama liyakhula, ingakumbi kubantu abangathathi ntweni basemaphandleni. Kwaye ngenxa yezizathu ezithile, isantya sokubuyiselwa ko mhlaba kweli candelo siha mba kancinci futhi ngendlela engamkelekilyo.  Ukwenza inguqu kwimbonakalo yobunini-mhlaba wezolimo kubalulekile kungenzelwa nje  ukulungisa intswela bulungisa yembali yangapha mbili, kodwa oku kwenzelwa ukuqinisekisa ngokhuseleko lokubakho kokutya okwaneleyo kwisizwe sakowethu.Njengoko kuqatshelwe kwingxelo yowama-2019 yeQela labaCebisi bakaMo ngameli eliJongene nokuBu yiselwa koMhlaba nezoLimo ukuba, “nangona sithumela ukutya kumazwe angapha ndle, apha ekhaya abantu basemaphandleni abangama-41% kunye nabasezi dolophini abangama-59,4% bathwaxwa yingxaki yoku nqongophala kakhulu koku tya.”Uhlaziyo lezolimo ibisoloko ingumba ophambili wolawulo olulandelelanayo ukusukela oko sabaphantsi kolawulo lwentando yesininzi. Phakathi kowe-1994 nenya nga yoKwindla yowama-2018, umbuso unike abantu ababehlelelekile ngaphambili u mhlaba ozihekthare ezizigidi ezisi-8,4 phantsi kwenkqubo yokubuyiswa komhlaba. Noko kunjalo, lo mhlaba sele unikezelwe ungaphantsi kwe-10% zawo wonke u mhlaba wokulima wobufama bentengo.  Ngethuba ndisenza iNtetho engoBume beSizwe ekuqaleni kwalo nyaka ndathembisa ukuba umhlaba karhulumente wokulima uza kukhululelwa  ukuba kwenziwe ukufama kuwo. Le ibe yimpumelelo elibalulekileyo kwinkqubo yohlaziyo lwezemihlaba, kwaye kuzalisekisa isithembiso esasenziwe kuMqulu weNkululeko wokuba umhlaba kuza kwabelwana ngawo ngabo bawusebenzayo. Umbono wethu wokubu yisela umhlaba uneenjongo zokuqinisekisa ukuba kukho ukulingana phakathi kobulungisa kwezentlalo noku lungiswa umonakalo wanga phambili, kwaye kwandiswa imveliso yezolimo ngokuthi kufakwe amafama amnyama kumacandelo angundoqo namakhulu ezoqoqosho.  Umhlaba bubutyebi obu ngenisa inzuzo obunokuse tyenziswa njengesibambiso xa umntu efuna ukuthenga into ethile enexabiso. Kufuneka siqinisekise ukuba umhlaba ofunyanelwe  ukufama usetyenziswa nge ndlela enemveliso. Ukukhu sela  umhlaba karhulumente onikezelelwe ngeenjongo zokufama, isivumelwano sokuqesha umhlaba asidluliselwa komnye umntu. Abo bafumana umhlaba baza kutyikitya isivumelwano sokuqesha umhlaba norhulumente bahlale imali yokuqe sha loo mhlaba ngokwexabiso lawo elaziwayo.Kufuneka siqinisekise kwa khona ukuba amafama afu mana inkxaso xa ezama uku ba amashishini awo anozinzo kwaye enza nengeniso.Njengenxalenye yale  nkqubo, abaxhamli baza kufumana uqeqesho ngeza khono zolawulo lwezimali kunye nophuhliso lwama shishini asakhulayo. Ama va angaphambili asibonisa ukuba amafama asakhasayo namancinci kumaxa amaninzi awabinazo izakhono zezimali ukuze akwazi ukusebenzisa amathuba akhoyo kurhwebo nokusebenzisana namanye amashishini akweli candelo. Siwuthatha njengomba ophambili ukuqala ngabantu basetyhini, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo njengabaxhamli kule nkqubo.Sibone iziphumo ezincumisayo kumaphulo ethu okuxhobisa abantu basetyhini abangamafama phantsi kwale nkqubo ikhoyo ye-Pro Active Acquisition Strategy (i-PLAS). Kumaphondo amaninzi, abantu basetyhini abanikwe iifama yi-DLRD bakwazile ukuziqhuba  ngempumelelo kwaye bakwazi nokunyukela kwinqanaba lokuvelisela ukurhweba. Ukongeza kumba wokufumaneka komhlaba ngokwawo, eli Sebe liyaqhubeka nokutyala imali kwiziseko ezingundoqo, izixhobo zokusebenza kunye noomatshini ukuze kuncedwe aba somashishini bancinci ukuze baqhube ushishino lwabo ngokuyimpumelelo. Ukunabisa ukufumaneka komhlaba namathuba okuba ngamafama kuza kudala  imisebenzi nophuhliso lwama shishini amancinci, kuze kuphucule nenani labantu abathenga ukutya, iimveliso kunye neenkonzo zezolimo. Eyona njongo iphambili yokukhululela lo mhlaba ebantwini kukwenza  iinguqu kwezolimo ngokuthi kwandiswe isizukulwana samafama amatsha. Ukuqeshisa ngomhlaba phantsi kwemeko elula ngolu hlobo kufanele kubahlupheze batsho babe namaphupha amakhulu; bangazameli nje ukukhulisa awabo amashishini koko baqhubele phambili ubutyebi bokwabelana nokuhluma  koluntu kwiindawo abaqhuba ukufama kuzo,Kufuneka bapholise iya ntlukwano yangaphambili. Kufuneka baluphikise olu luvo lungenabunyani lokuba ngamafama amhlophe kuphela eMzantsi Afrika  anamashishini aqhuba kaku hle kakhulu kwezentengo nokuba amafama angabantu abantsundu akuhlala ’ekhasa’.Ngokusebenza lo mhlaba, ukuwuguqula ube ngove lisayo, baya kuba ngoku yinene bafezekisa amaphupha okujika izikrweqe zokulwa zibe ngamakhuba okusebenza umhlaba. Baya kuba ngumzekelo woxolelwaniso lwesizwe.