I-CGE ibonelela ngokufikelela kubulungisa

Dale Hes

Amaxhoba obu ndlobongela  obugxile kweze sini (i-GBV) asokolayo ukufumana uncedo  nenkxaso ayidingayo ayacelwa ukuba aqhaga mshelane neKhomishini kaMakulingwane kweze Sini (i-CGE).
I-CGE inganceda kwimiba yesondlo sabantwana, impatho-mbi kwezesondo, ucalucalulo kwezesini ku nye ne-GBV , kwaye inikezela ngeengcebiso zezomthetho zasimahla nokuwasebenzela simahla amaxhoba.
UMofihli Teleki wale khomishini uthi enye yeendima ze-CGE kuku ncedisa amaxhoba ukuba avule amatyala enkundla.
“Icandelo lezomthetho likhapha abamangali ukuya kwiinkundla zikamantyi ukuya kuvula amatyala odushe lwasekhaya lize lincedise ukugcwalisa iifomu ezifunekayo. ICGE ikwadlala indima yokubeka esweni amatyala lawo, kuquka nolwaphulomthetho lokudlwengula no lwezesondo, impatho-mbi kwezesondo nokubulawa kwabantu basetyhini nga madoda.”I-CGE ingakwazi nokunce da amaxhoba ukuba afu mane umyalelo wenkundla wokuwakhusela kwaye ngamanye amaxesha ise benzisana neGunyabantu lezoTshutshiso leSizwe (iNPA) ukuqinisekisa ukuba amaxhoba afumana uku xoxwa kwamatyala ngoku ngenamkhethe. “Kule meko, i-CGE ibamba iNgxoxo nge Makuqwalaselwe ( Watching Brief) ize yenze umsebenzi wayo wokubeka esweni kumatyala e-GBV ize ihlole nemiba engundoqo, efana nokuziphatha ngokungabi navelwano kwamagosa ongamele amatyala, uku xhatshazwa kwakhona kwabo bangamaqongqolo kunye nenkqubo yovava nyo ngemibuzo engena velwano,” ucacisa atsho uTeleki.
Xa amaxhoba esokola ukufikelela kubulungisa kwiiNkundla zoDushe lwaseKhaya, i-CGE iya kwazi ukuthatha amanya thelo egameni lawo, iwa bonelele ngokuwamela ngokusemthethweni.  Iyakwazi nokuthumela amaxhoba ukuba ayoku fumana inkxaso ngokwa sengqondweni.
Inkonzo engundoqoI-CGE ibisebenza njenge nkonzo engundoqo oko kwaqalisa ixesha lokuvalele ka phantsi kwemiqathango ethile.
“Nangona amanye amatya la efakwe ngokutsha ku ludwe ngenxa yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, imiba engxamiseki leyo emalunga nodushe lwasekhaya kunye ne-GBV iza kuqhubeka ukufumana ukuhoyeka kwinkqubo yezobulungisa,” utsho uTeleki.
I-CGE iqinisekisa ngokuba amalungelo kawonkewonke akhuselekile. UMzantsi  Afrika unolawulo lwenta ndo yesininzi evuleleke kuye wonke ubani, uzi bophelele kumalungelo oluntu angundoqo, kuquka nelungelo lokuba makuli ngwane nokukhuselwa kwe sidima umntu azalwa naso, ngokommiselo okuMgaqosiseko.  
Faka isikhalazoAmaxhoba e-GBV noku xhatshazwa angatsalela umnxeba ongahlawule lwayo kwa-0800 007 709  ukufaka isikhalazo.Angathumela nomyalezo kwiphepha likaFacebook: Gender Commission of South Africa.