Amajelo eendaba aseMzantsi Afrika ayintsika engundoqo kulawulo lwethu lwentando yesininzi

vukuzenzele unnamed

Kumazwe amani nzi ehlabathini jikelele, ubhu bhane wentsholongwane  i-corona  uye wafunisa uku ba kubekho ukuthintelwa kweenkululeko ezininzi kubemi waza wabeka intla lo-ntle kuvavanyo.
Kodwa kumazwe ana maziko awomeleleyo,  iinkqubo zeenkundla ezi phaphileyo kunye namajelo eendaba awomeleleyo akwa zile ukuthintela ukusingelwa phantsi kwamalungelo olu ntu nokusetyenziswa gwenxa kwamagunya wombuso.
Sekuzinyanga zintandathu ukususela kwamiselwa isimo sentlekele sesizwe. Nangona esi sifo singenakufaniswa nantoni na eyakhe yakhona ngaphambili nomngeni o mkhulu wokubeka ilizwe elinabantu abangama-58 zezigidi phantsi kokuvalele ka phantsi kwemiqathango ethile, siqhube kakuhle.
Sikwazile ukunqanda uku nwenwa kwesi sifo ekuqaleni ngenxa yentsebenziswano nokuphapha kwabo bonke abemi.
Oku kwenzeke ikakhulu ngenxa yomsebenzi omhle owenziwa ngamajelo wethu weendaba.
Kufanele sibulele ukusebe nza nzima koMzantsi Afrika kunye nokuzimisela koono ndaba. Bahlale bebazisa abantu bakuthi ngokusasaza imiyalezo yezempilo engu ndoqo malunga nokugcina umgama wokuqelelana ku nye nococeko. Bakwenze oko phantsi kweemeko ezinzima kakhulu, kaninzi ngemitho mbo engonelanga.
Babalise amabali ngemi phumela ukuvaleleka  phantsi kwemiqathango ethile okunayo kubomi babantu namashishini wabo. Bebethe saa ezilalini, ezidolophini nasezixekweni, bezisa amabali angabantu nje besiqhelo betsalela ingqalelo yesizwe kwiingxaki ezenzeka ezibhedlele nasezikliniki, beqhuba urhulumente ukuba athathe amanyathelo.  Amajelo wethu eendaba asazise nangokubaxeka engesingakhange sazi ngako phantsi kwemeko eqheleki leyo. Bayifezekisile indima yabo yokubangukhala ngo kwazisa izenzo zorhwaphi lizo nolawulo olugwenxa, babangela kubekho iingxo xo-mpikiswano yesizwe enkulu nokukhokelela kuninzi lophando lwabantu ababalulekileyo. Ngale ndlela yokwenza ingxelo bafumene ukuthenjwa ngabantu.
Ushicilelo olukhululekileyo alusiso isiphelo kulo. Yindlela ekuqinisekiswa nekugcinwa ngayo ulawulo lwentando yesininzi. Ngeli xesha lalo bhubhane, amajelo wethu eendaba awonelanga kuku dlala nje indima yesiqhe lo yokubangukhala, kodwa asebenzise umsebenzi wawo wokuba ngabemi ngokuxha sa ilinge lesizwe lokulawula intsholongwane icorona .
Sikubonile ukubaluleka kwamajelo eendaba kwimpi lo yolawulo lwethu lwenta ndo yesininzi, yinkxalabo enkulu eyokuba njengakuwo onke amacandelo ezoqo qosho, intlekele yentsholo ngwane icorona  iwachane kanobomi amaziko eendaba.
Amanye amaziko oshicilelo alahlekelwe ngumthamo ode wafikelela kuma-60 eepesenti engeniso yawo kwiintsuku zokuqala zokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile. Iinkampani ezininzi zide zanyanzeleka ukuba zibhenele ekuthotyweni kwemivuzo, ukunciphisa ina ni labasebenzi okanye uku cutha iiyure zokusebenza.  Ngosizi, amanye amaziko oshicilelo ade anyanzeleka ukuba avale, phakathi kwawo zizihloko zemagazini eyazi wayo neyasekwa kwakudala yaseMzantsi Afrika.
Ukulahleka kwemisebenzi okubangelwe kukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kuyenze mandu ndu intlekele yeenkampani zezendaba esele zijongene nemiceli-mngeni efana nokuphulukana nemali enge niswa kukwenziwa kwee ntengiso, ukuhla kwenani lamaphephandaba athengi swayo nezabelo zezorhwe bo esezithathwe kukuqala kwezixhobo eziphathwayo nobunye ubuchwephe she. Ezi ngxaki zezezimali wonke umntu ujongene nazo, ukususela kwizihloko eziku-intanethi ukuya ku maxhwebhu abanzi esiqhelo ukuya kumaziko osasazo ka wonkewonke.
Lo ngomnye wemiba ethe yaphakanyiswa kabukhali ngexesha lothethathethwano lwam neQonga labaHle li beSizwe baseMzantsi Afri ka (i-SANEF) kutsha nje.
Endaweni yokusizela imeko yabo, noxa kunjalo, ushishino lwezendaba lusebenza nzima ukuphucula iindlela zezoshi shino, ukuqhuba ubuchule kunye nokugcina abasebenzi kangangoko lunako.  Kwangaxesha nye, ijelo leendaba liqumrhu elilodwa kulo naluphi na uluntu kuba abasebenzi balo bazalisekisa indima ebaluleke kakhulu kulawulo lwentando yethu yesininzi. Umsebenzi walo kukugcina uluntu luso loko lusazi kwaye lugcina abasemagunyeni bephantsi kweliso.
Sidinga iintatheli ezininzi, hayi ezimbalwa. Kungoko ke ukulahlekelwa yintatheli nje enye asiyolahleko nje kolu shishino kodwa yilahleko kwisizwe jikelele.
Sidinga amagqala wethu kumajelo eendaba, aza kunye namava amaninzi neenkumbulo zeziko, kwaye nakwaziyo ukubonelela ngokunika ingxelo ehlaba amadlala nophononongo olusemxholweni. Kwangaxe sha nye sidinga iintatheli ezi selula ezininzi kweli khondo nanolwazi lobuchwepheshe, anolwazi oluhambelana nala maxesha ekubaliseni amabali kwaye ezinolwazi ngeenkxa labo zolutsha.
Njengoluntu amajelo eendaba adinga inkxaso yethu. Nokuba kungokukhe tha ukuhlawulela umxholo, ngokuxhasa ubuntatheli obuhlawulelwa igquba, ngokuhlawula umrhumo welayisenisi yeZiko loSasazo loMzantsi Afrika (i-SABC) okanye njengokuthenga iphe phandaba, sonke singadlala indima yethu ukuxhasa olu shishino lukwintlekele. Nje ngorhulumente, nangona ime ko yezoqoqosho imfiliba nje siza kuqhubeka ukwandisa inkcitho yokwenza iintengiso kushicilelo nakusasazo, inga kumbi kumajelo eendaba oluntu.
Namacandelo abucala ku funeka nawo aqhubeke uku xhasa olu shishino ngokwe nza iintengiso nokusebenzi sana namaziko ezendaba eku veliseni umxholo onobuchule ngokuhambelana nentsingi selo yamajelo eendaba ehla bathini jikelele. Abathandi babantu balapha ekhaya nemibutho yesisa kufanele nayo izeke mzekweni ize ixhase amalinge obuntatheli obukwimfuno yoluntu, njengoko kunjalo kumazwe amaninzi aphantsi kolawulo lwentando yesininzi.  Ukwanda kweendaba zobuxoki ngeli xesha lika bhubhane, okuqala ku maqonga ezonxulumelwano, kukwandisile ukungxamise ka kokufuneka kweendaba ezongezelelweyo eziyinyani so, ezingenamkhethe nezi ngakhethi cala. Ngeli xesha abantu bakuthi baxhomekeke kumaziko wethu weendaba asekiweyo ukufumana ulwazi, kwakhona ukugxi ninisa ukubaluleka kwawo njengeentsika zolawulo lwentando yesininzi.
Njengoko siqalisa umse benzi omkhulu wokwakha uqoqosho lwethu emva kwesiphumo sikabhubhane, ushishino lwezeendaba luza kuyidinga kakhulu ngoku inkxaso yethu kunangapha mbili. Ushicilelo olukhulule kileyo lwalusakuchazwa ‘nje ngomalusi ongalaliyo walo naliphi na ilungelo amadoda nabantu basetyhini abakhu lulekileyo abawaxabisileyo.’ Njengokuba siyothulela umnqwazi indima yalo kulo bhubhane, masenze konke okusemandleni wethu ukuqinisekisa ukuba ama jelo eendaba akhululekileyo nantlobontlobo kwilizwe lethu ayakwazi ukuphila aze aphumelele.