Ukuqalwa kweWoza Matrics

Dale Hes  

INKQUBO YEWOZA MATRICS  ijolise ekuncedeni bonke abafundi beMatriki ukuba baphumelele iimviwo zabo zokuphela konyaka.
Abafundi beMatriki balo nyaka ba-jongene nemingeni emikhulu ngenxa yesifo sentsholongwane icorona (i-COVID-19).
ISebe leMfundo esiSiseko liqinisekisile ukuba ukuvulwa okukhuselekileyo kwezikolo yenye yezinto eziphambili nezibalulekileyo kulo, kunye nokuxhasa abafundi ngeenkqubo ezahlukileyo zokubanceda ukuba bawu-gqibe lo nyaka wezifundo ngempumelelo.Enye yezi yinkqubo yeWoza Matrics, eza kuqaliswa ngo-mhla woku-1 kweyoMsintsi ngentsebenziswano nama-hlakani ezosasazo amaninzi kunye neengcali kwezemfu-ndo. Njengenxalenye yenkqubo, izifundo zokufumana okudlulileyo kwizifundo ezibalule kileyo ezintandathu zematri ki ezisasazwa kwa-SABC, DSTV kunye neOpenview (kuChannel  122) mihla yonke iiveki ezili-12, ukususela ngentsimbi yesi-8 ukuya kweye-10 kusasa nentsimbi yoku-1 ukuya kweyesi-3 emva kwemini. Iinjongo kukunceda abafundi ukuba balungiselele iimviwo zokuphela konyaka. Eli qonga likwabonelela ngezifundo ezisasazwa ngqo, apho abafundi banokubuza ootitshala imibuzo. Iingce-biso zeemviwo nazo zikhona. I-Woza Matrics  iqaphele uku ba nangona bonke abafundi bephulukene nexesha lesikolo, abafundi beBanga le-12ngabona bathe bachaphazeleka kakhulu, njengoko amanqa ku abo ebaluleke kakhulu ku makhondo abo nakumathuba okwamkelwa edyunivesithi.UMphathiswa weMfundo esiSiseko u-Angie Motshe-kga uthi le nkqubo ibaluleke kakhulu, njengokuba kubekho ukuphazamiseka kwizifundo okubangelwe yiCOVID-19 .“Abafundi beMatriki basoloko bekuxinzelelo, kodwa unyaka wama-2020 unezinto ezininzi ezibangela uxinzelelo ezingaqhelekanga. Ndifuna ukuvuyisana nabafundi beBanga le-12 kunye neentsapho zabo ngonyamezelo kunye nokuzimisela. Kucace gca ukuba inkxaso eyongezelekileyo iyafuneka kubafundi kwaye siya kuqhuba nokubanika. Kushiyeke iinyanga ezimba-lwa ngaphambi kokuba unya-ka uphele futhi iWoza Matrics iza kunika abafundi inkxaso abayidingayo ukulungiselela iimviwo zokuphela konyaka,” utshilo.Le nkqubo yahlukile kuba ijolise kwinkoliso yabafundi beBanga le-12 kwizwelonke abangenayo i-intanethi kunye nezixhobo zokuqhagamshelana zobuchwepheshe. Usasazo luza kufumaneka ukuba lubukelwe luninzi lwabafu-ndi abasisigidi esi-1.2 abaza kubhala iimviwo zeMatriki kweyeNkanga. IBhunga labaPhathiswa bezeMfundo libo-ngoza bonke abafundi nabazali ukuba balisebenzise eli qonga.UMphathi Oyintloko wa-kwa-SABC uMnu Madoda Mxakwe uthi eli qumrhu losasazo liyazingca ngokuba yinxalenye yeli phulo. “Siyavuya ukuba ngomnye wabadlala indima ephambili ekuqinisekiseni ukuba unya ka wama-2020 weMatriki awuhambi nje. Njengequmrhu losasazo loluntu, sinyanzelekile ukuba siqinisekise ukuba iinkqubo zethu zosasazo ziquka iinkqubo ezininzi ezinemfundiso, ingakumbi ngexesha apho oku kuyimfuneko kakhulu.”Imibuzo yakho iphendulekileZeziphi izifundo eziza kwenziwa?•	IMaths																																																																																																																																														•	IGeography•	I-Life	sciences			•	I-Physical	Sciences 			•	IAccounting	 		•	IMaths	Literacy. 	Kutheni kukhethwe la maxesha, ngoba abafundi bangabasesikolweni ngala maxesha?•	Amaxesha	okuya	esikolweni	ahlukile	kwizithili	nakuma-phondo	jikelele,	ngenxa	yamanyathelo	okungasondele-lani	kwabantu.	Uninzi	lwabafundi	beMatriki	baza	kuba	semakhaya	ngexesha	losasazo	lwezifundo.•	Abafundi	abambalwa	bafundela	emakhaya.	•	Usasazo	olubalulekileyo	luza	kuphindwa	ngentsimbi	ye-4	malanga	kwiOpenview 	futhi	luyafumaneka	ku-DSTV	Catch-Up .
Kutheni abafundi beMatriki kuphela?•	Abafundi	beMatriki	baphantsi	koxinzelelo	olukhulu	lokucwangcisa	ubomi	babo	emva	kokuba	besigqibile	isikolo.•	Abafundi	beMatriki	bajongene	nokuphazamiseka	okumandla	kwimfundo	yabo	ukususela	kweyoKwindla	2020	kuba	ikharityhulamu	yabo	ayinqunyulwanga.•	Abafundi	beMatriki	basemva	kakhulu	ngezifundo	ngokwekharityhulamu.
Ndingayifumana phi ishedyuli yokujonga?Ishedyuli	yamaxesha	osasazo	iyafumaneka	kwisikhokelo	se-TV	kunye	nakule	webhusayithi	ye-Woza	Matrics	 ethi	wozamatrics.co.za. 	Usasazo	oluphindwayo	nalo	luza	kubakhona.
Ingaba abazali kunye notitshala bayayinikwa inkxaso?Ewe.	Ishedyuli	yosasazo	iza	kuba	neeseshoni	zee-ngcebiso	zabazali	ngeendlela	zokuxhasa		abantwana	babo	abenza	iMatriki.	Ezinye	iiseshoni	ziza	kujolisa	kootitshala	futhi	i-Teacher	Connect	WhatsApp 	yeSebe	leMfundo	esiSiseko	iza	kuthumela	imiyalezo	ebaluleki-leyo	kootitshala.	Ingaba kuya kugxilwa ekujonganeni noxinzelelo abafundi beMatriki abajamelana nalo?Ewe.	Kuza	kubakho	iiseshoni	eziliqela	ezijolise	ekubone-leleni	ngeengcebiso	zempilo	yabafundi,	ukumelana	noxinzelelo	nokumelana	nexhala.
Ngolwazi oluthe vetshe, yiya kwiwebhusayisithi yakwaWoza Matrics ethi wozamatrics.co.za  okanye kwidilesi ye-imeyile ethi:info@wozamatrics.co.za 
