Khusela amanina nabantwana 

vukuzenzele unnamed

Kunyaka ophelileyo, phantse ngolu suku, amawaka amanina, amadoda nabantwana benza umngcelele oya ePalamente bekhalazela iziganeko zokudlwengulwa nokubulawa kwamanina namantombazana.
Ngelo xesha, isizwe sasixhelekile kukubulawa kuka-Uyinene Mrwe-tyana, uLeighandre Jegels, uJesse Hess kunye namanye amanina aphulukana nobomi bawo ebulawa ngamadoda anobundlobongela.Abaqhankqalazi ababenoxolo, bephuma kwiindawo ngeendawo, bequka abancinci nabadala, abafu-ndi kunye namanina asebenzayo, babephethe amaxwebhu amakhulu bewaphakamisele phezulu kwaye ayefundeka ngolu hlobo 'Enough is Enough' amanye ebhalwe ' Am I next?'. Intlungu nomsindo zazibha-lwe ebusweni babantu ngaloo mini. Njengokuba ndandifumana izikhalazo zabo ezicaciswe gca, kwakucacile kum ukuba kufuneka sithathe ama-nyathelo ngokungxamisekileyo na-ngokuzimisela. Kwakubalulekile kum ukuba ndingaphenduli nje ndingadlulisi usana kunina xa ndibaphendula futhi ndenze nezi-thembiso endingazi kuzizalisekisa. Emva kwentsuku ezimbalwa, ndabiza indibano yezindlu zombini zePalamente, apho ndazisa isiCwa-ngciso sokuSebenza esiNgxamisekileyo esasiza kutyabula isigidigidi seerandi esiyi-1.6 sokulwa ubu-ndlobongela obubhekiselele kwisini kunye nokubulawa kwamanina (iGBVF).Kwezi nyanga zintandathu zokuqhuba kwesi siCwangciso, urhulumente woxule imali kumasebe ahlukeneyo ache; wayithumela kumaphulo okuncedisa kunakekelo nenkxaso yabo basinde kwintlungu yeGBVF , kumaphulo okufundisa nokuthintela iGBVF , okuphucu la imithetho nemigaqo-nkqubo, okukhuthaza ukuxhotyiswa  kwamanina ngokwezoqoqosho no-kwenza ngqingqwa nangcono icandelo lezolwaphulo-mthetho nobulungisa. Kwaye ngoku sekumbovu ukuba senze utshintsho olumandla kwi-mithetho yokulwa ne-GBVF . IMithetho eYilwayo engundoqo emithathu enxulumene nobundlobongela obusekelwe kwisini isanda kungeniswa ePalamente. Ngokungenisa le Mithetho iYilwayo, sizalisekisa isithembiso esasenza kubaqhankqalazi kunyaka ophelileyo nakuwo onke amanina eli.Le Mithetho iYilwayo mithathu yenziwe izilungiso ilungiselelwe kanye ukuvala izikhewu ezivumela abanye baba bophuli-mthetho ukuba bakwazi ukungaziva izithonga zomthetho futhi ifezekisa namalu-ngelo amanina nabantwana belizwe lethu.Le Mithetho iYilwayo, nje yakuba igqitywe, iya kunceda ukubuyisela ukuzithemba kwamanina elizwe lethu ukuba umthetho ukhona ngo-kwenene ukubakhusela.Owokuqala nguMthetho oYilwayo owenza izilungiso kuMthetho-siHlomelo woMthetho woLwaphu lo-mthetho (Amatyala eSondo kunye neMicimbi eNxulumene noko). Oku kudala ityala elitsha lokugrogrisa ngokwesondo, kwandise izinto ezinokuqukwa kwityala lombulo, futhi kwandise nomsebenzi wokunika ingxelo wabantu abakrokrela ukuba ulwaphulo-mthetho ngokwesondo lwenziwe emntwaneni.Yandisa iinkcukacha ezifakwa kwiRejista kaZwelonke yaBaphuli-mthetho ngokweSondo (i-NRSO) zitsho ziquke iinkcukacha zabo bonke abaphuli-mthetho ngokwesondo. Kude kube ngoku, ibikade iquka kuphela abaphuli-mthetho aba-dlwengule abantwana okanye aba-ntu abakhubazeke ngokwengqondo. Ixesha apho iinkcukacha zomaphuli-mthetho ekufuneka zihlale kwirejista landisiwe, futhi abo bakule rejista kuya kufuneka bakuxele oku xa bethumela izicelo zokusebenza nabantu abasesichengeni. Lo Mthetho oYilwayo ukwavumela nokuba amagama abantu abakwi-NRSOapapashwe esidlangalaleni.UMthetho-siHlomelo oYilwayo wezoLwaphulo-mthetho kunye neMicimbi eNxulumene nawo uyaqiniswa, phakathi kwezinyeizinto, ukunikwa ibheyile kwabo benzi be-GBVF , kwaye uyawandisaamatyala apho ezona zigwebo zi-phantsi kufuneka zenziwe.Ezi zilungiso zibeka uxanduva olutsha kumagosa ogcino-mthetho kunye nakwiinkundla zethu.Xa umtshutshisi engayiphikisi ibheyile kumatyala eGBV , kufune ka izizathu zabo zibhalwe phantsi. Ngaphandle kokuba umntu otyho-lwa ngeGBV  unika izizathu ezi vakalayo zokuba kutheni kufuneka akhululwe ngebheyile, inkundla kufuneka iyalele ukuba bavalelwe lide ityala lixoxwe ligqitywe.Ukufikelela kwisigqibo malunga nesicelo sebheyile, iinkundla ziya-nyanzeliswa ukuba zithathele ingqalelo izinto ezininzi. Ziquka iingxelo zaphambi kokumanyelwa kwetya-la ngokunqwenela ukukhululwa komtyholwa ngebheyile, izoyikiso zobundlobongela ezenziwe kulowo ulixhoba, kunye nembono yexhoba malunga nokhuseleko lwakhe.Xa kufikelelwa kwingqa wule, ummangali okanye isizalwane sexhoba elingasekhoyo kufuneka sikwazi ukwenza uluvo kwibhodi yengqawule.Ngenxa yamanqanaba aphezulu ngokugqithisileyo obundlobongela obuphakathi kwabantu abazizinqanda-mathe kwilizwe lethu, siwenze ngqingqwa uMthetho woBundlobongela baseKhaya.Ubundlobongela basekhaya ngoku buchaphazela nabo sele bevumelene ngokutshatana, bathandanayo, ba-tshate ngokwesintu, kunye naba-krokrelwa ukuba bayathandana, babelana ngesondo, bayazana nokuba obo budlelwane bunexesha elingakanani na. Lo Mthetho oYi-lwayo kwakhona ukwandisa inkcazo ‘yobundlobongela basekhaya’ ukuba buquke ukukhuselwa kwabantu abadala ekuxhatshazweni ngamalu-ngu osapho.Abamangali kufuneka bakwazi ukufaka isicelo sokhuseleko kwi-intanethi. Ukuthintela imeko apho abenzi bobubi benokuzifihla izinto ababezenze ngaphambili, kuza kubakho uluhlu olunabo bonke aba-ntu ababekhe bakhutshelwa umyalelo wokukhuselwa yinkundla.Ezi zilungiso zicetywayo zikwa-nyanzela isebe lezoPhuhliso loLuntu, elezeMfundo esiSiseko, elezeMfundo ePhakamileyo kunye nelezeMpilo ukuba anikezele ngeenkonzo ezithile kumaxhoba apho zifuneka khona aze awathumele kwindawo yokuhlala nonyango.Zimbalwa ngoku iimeko aphoumtshutshisi anokwala ukutshu-tshisa xa amatyala enziwe phantsi koMthetho ohlaziyiweyo okanye ukurhoxiswa kwezityholo ezibandakanywa ukwenzakaliswa komzimba okanye apho kusetyenziswe isixhobo ukugrogrisa ummangali.Esona silungiso sicetywayo sigqibeleleyo salo Mthetho, kukuba ukuba umntu unolwazi, inkolelo efanelekileyo okanye urhano lokuba isenzo sobundlobongela basekhaya senziwe emntwaneni, umntu okhubazekileyo okanye umntu omdala futhi othe wasilela ukusixela kunontlalontle, okanye kwipolisa banokuhlawuliswa kwaye bade bavalelwe entolongweni.Ngokunjalo, ukusilela kwelungu le-SAPS ukwenza umsebenzi walo ngokwalo Mthetho kuya kutha-thwa njengokuziphatha gwenxa futhi kufuneka kunikwe ingxelo kwi-Candelo looNobhala boLuntu le-Nkonzo yaMapolisa.Umthetho ungowona mkhuseli uqinisekileyo woluntu lonke, kodwa ingakumbi abona basesichengeni. Xa usetyenziswe ngenkuthalo na-ngobulungisa, sesona siqinisekiso somthetho sinamandla. Amanina aseMzantsi Afrika anele ngamanyathelo alibetha ngoyaba futhi engathethi nto ngelinye lawona malungelo asisiseko ukuhlala ngokukhululekileyo kuloyiko.
Lo rhulumente kunye namaqabane akhe baza kwenza okuhle kumanina aseMzantsi Afrika. Asisoze siba-phoxe.