U-NSFAS ufezekise amaphupha wam

More Matshediso 

ISkimu soNcedo  lwezeZimali sa Bafundi seSizwe  (u-NSFAS) siwuvalile umsantsa phakathi ku kaKarabo Mashego (21) kunye nezicwangciso zokuqhubela phambili imfundo yakheUMashego waseSebokeng kummandla we-Vaal eGau teng uthi ebengasoze akwa zi ukuba nemali yokufunda kunye neyezinye iindleko ezihambelana nemfundo yasemva kwematriki ukuba ngaba ebengafumenanga nkxaso-mali yokufunda ku-NSFAS.
“Ukongeza apho, isibo nelelo senyanga nenyanga endisifumana ku-NSFAS sindenza ndilale ndifunde ndihluthi,” utsho.
UMashego ngumfundi wonyaka wesithathu ofu ndela isidanga sezobunjineli bokwakha iindlela nee bhulorho kwiDyunivesithi yasePitoli.
“Imali yokufunda ibiza kakhulu. Kwesi sifundo ndisikhethileyo, ngokwe nyani bendingakwazi uku hlawula imali yesiqingatha nje sonyaka wokufunda, andisathethi ke ngonyaka nje omnye wokufunda,” ucacisa atsho.
UMashego uphumelele imatriki ngowama-2016 kwaye ube ngoyena mfu ndi uphambili kwigumbi lakhe lokufunda, kodwa engenayo indlela yokuhla wulela izifundo zakhe.
Ufake isicelo senkxaso-mali ngokuyimpumelelo kuNSFAS sonyaka wokufunda wowama-2018.
“Oku kundinike ithuba lokwenza ukuba iphupha lam lokwenza izifundo zobunjineli libe yimpume lelo. Imfundo idlala indima enkulu ekuphuhleni kwam njengomntu kwaye iyandi nceda ndiqhubele phambili kuko konke endinqwenela ukukuzuza. Ngaphezu kwa -ko konke, indinika amandla okuxhobisa abanye abantu kuluntu endihlala nalo ize ngolo hlobo elo ibe ligalelo kuqoqosho lwelizwe sethu,” ucacisa atsho uMashego.
“Ndibongoza abantu aba tsha ukuba bafake izicelo kwinkxaso-mali ka-NSFAS kuba ukulandela amaphu pha wakho asingumsebenzi wasimahla, udinga inkxaso-mali, kwaye u-NSFAS uzakukuvalela lo msantsa.”UMphathiswa weze Mfundo ePhakamileyo, ezobuNzulu-lwazi nobu Chule, uGqi Blade Nzi mande, sele ekuvulele uku fakwa kwezicelo ku-NSFAS zomjikelo wowama-2021 isithuba  seenyanga ezine, ukusukela ngomhla wesi-3 kweyeThupha ukuya ku mhla wama-30 kweye Nkanga yowama-2020.
Abafundi abaphuma kwimvelaphi yabahlele lekileyo nodidi lwabantu abaphangelayo abafuna ukuqhubela phambili izifundo zabo kuyo nayiphi na ikholeji yobuChwephe she neMfundo yoBizo no Qeqesho (i-TVET) okanye idyunivesithi bangafaka izicelo.
Ukuze ulungele inkxasomali ye-NSFAS, umfaki-si celo kufuneka abe ngummi waseMzantsi Afrika kwaye kufanele abe uphuma ku sapho elinengeniso engekho ngaphezulu kwama-R350 000 ngonyaka xa idibene.
Ingeniso yonyaka kwikhaya lomfundi okhubazekileyo kufanele ingabikho ngaphe zulu kwama-R600 000.
“Kulo nyaka wemfu ndo sikuwo ngoku, uNSFAS uxhase abafundi abangaphezulu kwama-700 0000, abangama-248 242 kwiikholeji ze-TVET kunye nama-481 339 kwiidyuni vesithi (abafundi abakhoyo kuvimba weenkcukacha zobhaliso). Oku kukwanda okuzipesenti ezingama-20 ukususela kunyaka opheli leyo xa sithelekisa novimba weenkcukacha zobhaliso ezifumanekileyo ngexesha elifanayo ngowama-2019 xa umthelekise nowama-2020,” utsho uMphathiswa uNzi mande.
U-NSFAS umele ama-40 eepesenti wabafundi abasa fundela izidanga zokuqala kwiidyunivesithi nama-70 eepesenti kwiikholeji zeTVET.  vUsifaka njani isicelo•	 Abafaki-zicelo	kufuneka	betyelele	kuwww.nsfas.org.za 	baze	bacofe	kumy-	NSFAS.	Kufuneka	bazenzele	i-akhawunti	ka-myNSFAS ,	bacofe	ithebhu	kaAPPLY,	baphendula	imibuzo	ekwiskrini	baze	baqhoboshele	amaxwebhu	afunekayo.	Xa	begqibile,	kufanele	bacofe	uSUBMIT .
•	 Emva	kokucofa	uSUBMIT,	inombolo	yesalathiso	yokufaka	isicelo	iza	kuvela	kwiskrini.	Le	nombolo	yesalathiso	iza	kuthunyelwa	nakwinombolo	yeselula	yakho	kunye	nakwidilesi	ye-imeyili	umfa	ki-sicelo	ayinikezeleyo.	•	 Abafaki-zicelo	bangasebenzisa	iminxeba	yeselula,	itablethi	okanye	ikhompyutha	ukufaka	izicelo.	Umnyango	ka-NSFAS	kwiqonga	lothungelwano	lomnathazwe	ube	neenguqu	ezincinane	ezithe	zenziwa	ukwenzela	ukuba	kube	lula	ukuwusebe	nzisa	kwaye	ukhuseleke	ngakumbi.
•	 Abafaki-zicelo	abatsha	kufanele	babe	neekopi	zamaXwebhu	eZazisi	(ID)	okanye	izatifikethi	zokuzalwa	ukubhalisa	nokufaka	ibali	elifutshane	labo	lobomi	kumnyango	wemyNSFAS .	Abafakizicelo	abasele	benazo	ii-akhawunti	badinga	nje	uku-loga	kuzo	–	khumbula,	linye	kuphela	ibali	elifutshane	lobomi	elivumelekileyo	ngomntu	ngamnye.
•	 Umfaki-sicelo	kufuneka	anikezele	nge	mvume	yokuba	iinkcukacha	zakhe	zi	ngahlolwa	ngomnye	umntu	ozimeleyo	ukuba	akavumelani	noko,	akayikuvunye	lwa	ukuba	aqhubele	phambili	nenkqubo	yokufaka	isicelo	sakhe.	•	 Ngenxa	yobhubhane	wentsholongwane	i-corona,	abafaki-zicelo	abayikulindeleka	ukuba	bafake	okanye	baqhagamshele	ifomu	yemvume.	Endaweni	yoko,	baya	kucelwa	ukuba	bayamkele	imimiselo	kwifomu	ekwikhompyutha,	ndawonye	kunye	nemimiselo	nemiqathango	yale	nkxaso-mali.
•	 Abafundi	kusafuneka	ukuba	bewafakile	wona	amaxwebhu	axhasa	izicelo	(ikopi	ye-ID	yakhe,	isiqinisekiso	sengeniso	yomzali/umlondolozi,	iikopi	ze-ID	za bazali/abalondolozi,	kunye/okanye	nefo mu	A	kubafaki-zicelo	abakhubazekileyo.	  UKarabo Mashego ufundela ukufumana isidanga kwizifundo zobunjineli, ubulela iSkimu soNcedo lwezeZimali saBafundi seSizwe (u-NSFAS).