Masigcinane sikhuselekile

vukuzenzele unnamed

Ilizwe lethu lehlele kwinqanaba lokulu mka lesi-2 kwimpe ndulo yethu kubhu bhane wentsholongwa ne icorona . Oku kuni ke uninzi lwabantu  baseMzantsi Afrika abe behlala phantsi kwemi qathango engqongqo  kwezi nyanga zintlanu zidlulileyo isiqabu.
Olu luphawu lwenkqubela esiyenzayo ekunciphiseni usuleleko olutsha nomthwa lo kumaziko wenkathalelo yezonyango wethu. Ikwayi nkqubela phambili ebalu leke kakhulu njengokuba sizamela ukuqalisa ngoqo qosho lwethu.
Kodwa kusekutsha kakhu lu ukuba singakubhiyozela oku.
Sisesembindini wobhubha ne obulalayo osele uthathe imiphefumlo engaphezulu kwe-11 000 kuMzantsi Afri ka nje wodwa. Kwizehlo zosuleleko ezingaphezulu kwesiqingatha sesigidi ezi ngqiniweyo, sisekwindawo yesihlanu ubuninzi bosule leko ehlabathini. Kwaye akusoloko ekhona wona amathuba wokuba esi sifo singaphinda sivuke kwa khona.
Ukuba ngokuyinene sidi nga ukuzikhumbuza nge mfuno yokuba sihlale sipha phile, kufanele sikhangele kwizehlo zakutsha nje ku mgama ongamawaka nga mawaka weekilomitha kude le e-New Zealand. Kwisithu ba nje seenyanga ezintathu emva kokuba ela lizwe libhe ngezwe njengelingenayo intsholongwane icorona , i-New Zealand kwakhona ikwisimo sokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile. Nangona okwakutsha nje ukuqhambuka kwakho na kwale ntsholongwane kube zizehlo nje ezimbalwa, urhulumente ukhawulezise wamisela kwakhona imi qathango yokuvaleleka pha ntsi kwemiqathango ethile.
Imiqathango efanayo kuye kwanyanzeleka imiselwe kwakhona kwimimandla eliqela yaseYurobhu nje ngokuba baye beva ‘umsi nga wesibini’ wosuleleko. La mava abonakalisa nje ukuba izinto zitshintsha msinya kangakanani na ngoku bhekisele kwiCOVID-19 .
Sisilumkiso eso kuye naba ni na onemibono yokubona into engekhoyo yokuba sesisondele esiphelweni sokuba kwimo enzima kaxa keka kumaziko wezempilo kawonkewonke.
Ngokuqinisekileyo, zikho na iimpawu zethemba zona.
Inani lezehlo ezitsha zosule leko ezingqiniweyo eMza ntsi Afrika ziyaqhubeka ukwehla. Ngexesha sisenco tsheni yovutho-ndaba lwesi sifo kwinyanga nje enye edlu lileyo, besibhalisa malunga ne-12 000 lezehlo ezitsha zo suleleko ngosuku. Oku kuye kwehla kwafika kumyinge omalunga nama-5 000 ngo -suku kule veki idlulileyo.
Izinga lethu lokuphucuka lumi kuma-80 eepesenti.
Njengokuba ilizwe lehlele kwinqanaba lokulumka lesi-2, imiqathango emi ninzi kwiintshukumo ze zolonwabo nezoqoqosho isusiwe. Oku kuhambelana nokwanda komngcipheko wokusasazeka.
Ngoku kufanele siwu lawule umngcipheko size siqinisekise ukuba iinzuzo esele sizizuzile ukuza ku tsho ngoku ekulawuleni ukunwena kwalo bhubhane asizibuyiseli mva. Esona soyikiso sikhulu kwimpilo yelungelo lesizwe ngoku kukwaneliseka. Kuseno kuba sivumelekile ngoku ukuba sidibane nabahlobo neentsapho, siye kwiindawo zokuzonwabisa, sihambele ulonwabo nokusela utywala kwiindawo zokutyela, iibha ri neethaveni.
 Kodwa ke njengoko lisi tsho iqhalo lakudala, into yokuba uyakwazi, ayithethi ukuba kufanele wenze.
Uninzi lwabantu aba nentsholongwane icorona  ababinazo iimpawu kwaye basenokungayazi nokuba bosulelekile. Le yinyaniso ezolisayo kuba oku kuthetha ukuba nabani na apha kuthi usenokuba wosulelekile ngoku sithethayo kwaye usenokuba wosulela abanye engaqondanga.
Oku kungenzeka ngoku kodwa xa ehambele izihlobo, ingakumbi abantu abadala kunye nabo banezigulo abaphila nazo ezibenza babe sesichengeni sokosuleleka lula. Kukwayinyaniso uku ba naxa beye kwimisebenzi yezenkolo okanye yezenkcu beko.
‘Umsinga wesibini’ wo suleleko athe amazwe ama ninzi awuva yinto eyaku hlala inokwenzeka nakuthi.
Nangona imiqathango emininzi irhoxisiwe, oko akuthethi ukuba ayinoku phinda ibuye xa sinoku phinda sehlelwe kukunyuka okukhulu kosuleleko. Lo bhubhane yinto yokuphila nokufa. Sidinga ukuziqhela nisa kwaye sidinga ukuba sihlale siphaphile.
Kwezi ntsuku, iiveki nee nyanga ezizayo, kufuneka sigxile ngokungxamiseki leyo kumalinge wethu oku phila. Uqoqosho noluntu lwethu luchaneke kakhulu.
Njengokuba sibuyela kwii ntshukumo zezoqoqosho phantse kuwo onke ama shishini – nokusebenzela  ukulungisa umonakalo owenzekileyo – sinoxanduva lokuba singayekeleli umxa katho umntu ngamnye, abaqeshi, uluntu, iintsapho, amagcisa ezemisebenzi, abasebenzi nabemi.
Akukho namnye kuthi ofu na ukubuyela kweza ntsuku zokuqala zemiqathango engqongqo yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile. Sifuna ukuqhu bela phambili nobomi bethu.
Sifuna abahlobo bethu nabo sibathandayo bahlale bese mpilweni kwaye bekhuse lekile.
Njengesizwe, masiqhubeke ukusebenza sonke uku qinisekisa ukuba siqhubela phambili. Ukwehlela kwi nqanaba lokulumka lesi-2 asinguye ‘uvula zibhuqe’.
Umthetho wokugcina umgama wokuqelelana, ukunxitywa kwesigqubu thelo sobuso, iindibano zolonwabo nohambo  phakathi kwezizwe-ngezi zwe usemile.
Impumelelo yethu ixho mekeke kumandla oku kwazi ukuyithobela le mi miselo nokuqinisekisa ukuba siziphatha ngoku lumkileyo nangenkathalo umntu ngamnye kuthi.
Ngalo lonke ixesha sicinga ngokwenza imisebenzi enge nguwo undoqo, kufanele sizibuze ukuba: ungakanani umngcipheko wokosule leka kwethu nabanye? Apho kukho khona umngcipheko, nokuba umncinci kangaka nani na, kungcono ungabi sakwenza oko ubukucinga.
Masiqhubeni, ngobu lumko, obungaphezulu kunangaphambili. Masigci naneni sikhuselekile.  