Ukulawula iCOVID-19 : Ekhaya nakumaziko amiselwe oko

Allison Cooper

KUBALULEKE KAKHULU ukuzikhwebulaukuzikhwebula  kwabanye, nokuba kusekhaya okanye kukwiziko kwabanye, nokuba kusekhaya okanye kukwiziko lokuzigcina ulikheswa lasimahla, ukuba ngaba uvavanyo lukufumanise unayo i-lokuzigcina ulikheswa lasimahla, ukuba ngaba uvavanyo lukufumanise unayo iCOVID-19COVID-19 ..
Abantu abaninzi  baseMzantsi Afrika abafunyaniswe luvavanyo ukuba banentsholongwane i-corona (iCOVID19) abakwazi ukuzenza amakheswa ngokwabo kuba ama khaya wabo mancinci kakhulu ukuba bangakwazi ukuhlala baze balale kumagumbi abangabelani namntu ngawo.
Urhulumente ubaqinisekisile abantu ukuba amaziko amise-lweyo okuzenza amakheswa kwabo bantu bafunyaniswe luvavanyo ukuba banayointsholongwane ayafumaneka, kunye namaziko okuzigcina bucala wabo basalindele iziphumo zabo zovavanyo. Zombini ezo nkonzo zifumaneka simahla. Ngokutsho kukaGqirha u-Marlin McCay, ongugqirha wabantu bonke oseFlorida  eNtshona Randi, uthi into yokuqala ekufanele uyenzile xa ufunyaniswe unayo iCOVID-19  kukunciphisa ukusasazeka kosuleleko. “Ufuna ukukhusela usapho lwakho,” utsho. Ukukwenza oku, kufanele uyokuba li-kheswa – nokuba kusekhaya okanye kukwiziko lokuzenza ikheswa.“Ukuba uzenza ikheswa ngokwakho ekhaya oko kuthetha ukuthi kufanele ufumane indawo endlwini apho wohluleke ngokupheleleyo kusapho lwakho lonke. Kungabikho namnye umntu-osondela umgama ongange emitha ezintathu kuwe. Kufuneka uzityele; usebenzise ezakho izixhobo zokutya nezitya; usebenzise elakho igumbi lokuhlambela, ukuba kunokwenzeka oko; kwaye uqinisekise ukuba awuna qhagamshelwano lwakhe na-bani na apho kusapho lwakho. “Ugqirha wakho okanye unompilo wakho kufanele akuncede ngokunika amayeza asisiseko ukudambisa uninzi lweempawu, ingakumbi izi nto ezifana neengqaqambo zomzimba neentlungu, intloko ebuhlungu nomkhuhlane. Kukwakho neevithamini ezilunge kakhulu umntu anokuzisebenzisa ukuze ahlale esempilweni,” utsho. Kukwabalulekile ukuba uphumle ngokwaneleyo uze usele amanzi ngokwaneleyo okanye iziselo ezingcwengi -leyo ukuqinisekisa ukuba umchamo wakho uhlala ucace ngokupheleleyo ngokombala. Uninzi lwabantu olunezigulo ezingekho bukhali lungaqala ukuziva lungcono ingaphela-nga iveki yeempawu zokuqa-la, kodwa kubalulekile uku ziqwalaselisisa ngobunono iimpawu onazo.Ukuba ukhulelwa zizo naziphi na iimpawu zezilumkiso zikaxakeka, ezifana nengxaki yokuphefumla, isifuba esibuhlungu okanye ukuminxana kwesifuba sakho akupheli, ukukhohlela igazi, ukuba nokudideka engqondweni, ukulala kakhulu okanye ukuba nemilebe eluhlaza okanye ubuso kufuneka ubize inqwelo yezigulana okanye uye esi-bhedlele kwangoko.
Amaziko okugcina bucalaKwabo bangakwaziyo ukuzi-gcina kude kwabanye abahlala nabo ekhaya, urhulumente useke amaziko okugcina bucala kweli lizwe jikelele uku -bagcina bekhuselekile kunye nabo babathandayo simahla.  URhulumente waseNtshona Koloni kutsha nje ukhe washicilela izimvo ezivela kwizigu lana malunga namaziko oku-gcina bucala wakhe. U-Marie Jantjies wase-Witzenberg ugqibe kwelokuba alandele iingcebiso zabasebenzi benkathalelo yezempilo waze waya kwiziko lokugcina bucala kuba uhlala nomama wakhe ominyaka ingama-97 ubudala kunye nabantwana bakhe kwaye ebefuna ukubakhusela. “Ndiye ndaphathwa kakuhle. Ukutya kwabo kumnandi – kumnandi nangaphezu kokwasekhaya. Ndiqondile ukuba ndifane-lwe nje kukuba ndihlale ndinethemba. Bendixhalabile, kodwa ndathandaza ndazama nokuba ndizole,” utshilo. “La ndawo ingayisindisa imiphefumlo! Ngokuyinene yeyona ingcono,” utshilo u-John Arnoldus, noye walulama kwiCOVID-19  kwiziko lokugcina bucala e-Drakenstein. “omnye wabahlobo bam ebezigcine bucala ekhaya kwaye kwabanzima ukuzifu-manela ukululama ngokwa-khe. Ndiye ndamxelela ukuba makaqhagamshelane naba bantu babendinike inkathalelo – yeyona ndlela anokuba ngcono ngayo. Inkxaso yabasebenzi bezempilo kunye nomphathi waphaya – ikwe-nza uphumelele,” utshilo. U-Arnoldus ekuqaleni  wayemadolwanzima ukuya kwiziko lokugcina bucala ngenxa yengcingane engalu-nganga yokuba ukuba ngaba uye kwiziko elifana neli uza kugula nangakumbi ugqibele ngokubhubha. “Bendilinde-le okona kubi, kodwa  ndamke-lwa ngezandla ezishushu. Ndibothulela umnqwazi abasebenzi! Bandicacisela ukuba njengokuba sendinayo iCOVID-19 , akukho mntu unokundenza ukuba ndigule kweli ziko,” utshilo.
Kokuphi onokulindela kwiziko lokugcina bucala?Ngokutsho koRhulumente waseNtshona Koloni, zonke izidingo zakho zithathelwa ingqalelo. Uza kufumana izidlo njengesiqhelo, ukube-kwa esweni kwempilo yakho ngumsebenzi wenkathalelo yezempilo, inkonzo yokuhla-njwa kwempahla, ubumna-ndi nokuzola ngeli xesha uye uchacha nesithuthi sasimahla ukuya nokubuya kwiziko elo.
“Kukwabalulekile ukuba uphumle ngokwaneleyo uze usele amanzi ngokwaneleyo okanye iziselo ezingcwengileyo ukuqinisekisa ukuba umchamo wakho uhlala ucace ngokupheleleyo ngokombala” Ukuba awukwazi ukuzigcina bucala ngokwakho, tsalela uMnxeba ongaValwayo weNtsholongwane iCorona  weSizwe kwa-0800 029 999 ukufumana ulwazi oluthe vetshe malunga neziko lokuzenza ikheswa okanye lokugcina bucala elikufutshane.