Ukubuyela emsebenzini emva kokululama kwiCOVID-19

Allison Cooper

Ungabuyela nini  emsebenzini ukuba ngaba uvavanyolukuchaze njengonayo intsholongwane icorona  (i-COVID-19)? IZiko leZifo ezoSulelayo leSizwe linazo iimpendulo ozifunayo.
Xa uvavanyo lundifumaniseXa uvavanyo lundifumanisendinayo i-ndinayo iCOVID-19COVID-19 , kufanele, kufanelendihlale ixesha elingakananindihlale ixesha elingakananikugcino labucala?kugcino labucala?Abantu abafunyaniswe luvavanyo benayo iCOVID-19 , kodwa benge-nazo naziphi na iimpawu, kufuneka bazigcine bucala ekhaya okanye kwiziko lokugcina bucala likarhu lumente iintsuku ezili-10, uku-susela ngosuku abafumene ngalo iziphumo ezibachaza njengabanayo.Abo baneempawu ezingekho bukhali kufuneka bahlale bezigcine bucala ekhaya okanye kwiziko lokugcina bucala lika-rhulumente iintsuku ezili-10, ukususela mhla kwaqala ngawo iimpawu zabo.Abo banesifo esimadundu, nekufanele beye esibhedlele, kufuneka bahlale begcinwe bucala iintsuku ezili-10, ukususela apho impilo yabo ibonakalise ukuzinza khona kwaye be-ngesawudingi kwakhona umongomoya.
Umntu onayo i-Umntu onayo iCOVID-19COVID-19  angasi  angasi dlulisela njani esi sifo kwabanye?dlulisela njani esi sifo kwabanye?Ngokutsho koMphathiswa  wezeMpilo uZweli Mkhize, uninzi lwabantu abanosuleleko olunge-kho bukhali bangayisasaza intsholo-ngwane isithuba esiphakathi kweentsuku ezisixhenxe ukuya kwezili-12. Kodwa ke, abantu abaye bagula kakhulu basenokosulela kwaye bayakwazi ukuyidlu lisela kwabanye le ntsholongwane ixesha elide kunelo.Ingaba kufanele nde-nze olunye Ingaba kufanele nde-nze olunye uvavanyo lwe-uvavanyo lweCOVID-19COVID-19 , ukuba , ukuba iziphumo zithi andinayo,iziphumo zithi andinayo,phambi kokuba ndibuyelephambi kokuba ndibuyeleemsebenzini?emsebenzini?Hayi. Akukhuthazwa ukuvava-nywa kwakhona kwabantu ababe neempawu ezingekho bukhali zokugula kwaye beye balulama.Umntu uthathwa njengo-khuselekileyo ukuba anga-buyela emsebenzini aze aphume nakugcino labucala ukuba nga ba akasosuleli. Oku kuthetha ukuba iimpawu zabo zokuqala baziphuhlise ngaphezulu kweentsuku ezi li-10 ezidlulileyo kwaye abakhange baphinde babe nazo naziphi na iimpawu kwisithuba seentsuku ezintathu ubuncinane.Kwiimeko ezininzi, abasebenzi bangabuyela emsebenzini ngaphandle kokuvavanywa kwakhona ukuba ngaba:
•  Bazigqibile iintsuku ezili -10 zokugcinwa bucala okanye zokuzenza amakheswa  ngokunyanzelekile.• Abo bebeneempawu eziphakathi okanye ezibukhali benziwa uvavanyo lwezonyango.• Bayaqhubeka ukuthobela umthetho wezempilo wococeko nowomgama wokuqelelana.• Umqeshi umbeka esweni umntu lowo ungumsebenzi ukuqinisekisa ukuba akabuyi mva.• Banxiba isigqubuthelo sobuso, ukususela ngosuku abafunyaniswa ngalo luxilongo isithuba seentsuku ezingama-21 ubuncinane.
Uvavanyo lundifumaniseUvavanyo lundifumanisendingenayo kodwa ndisenazondingenayo kodwa ndisenazoiimpawu. Ndenze ntoni ke ngoku?iimpawu. Ndenze ntoni ke ngoku?Kunako ukwenzeka ukuba ufumane iziphumo zovavanyo zobuxo ki. Oku kuthetha ukuthi uvavanyo lwakho lokuqala lukufumanise ungenayo, kodwa lusenokufumanisa unayo ekuhambeni kwexesha. Ukuba ngaba uyaqhubeka ukuba neempawu ze-COVID-19  qhaga-mshelana negosa lakho lezonyango.
Ndenze ntoni xaNdenze ntoni xakunokwenzeka ukuba ndisa kunokwenzeka ukuba ndisa bonakalisa iimpawu emva bonakalisa iimpawu emva kweentsuku ezili-10?kweentsuku ezili-10?Iqhelekile into yokuba izigulana zibe neempawu ixesha elide kuneentsuku ezili-10. Ukuphila ngokupheleleyo kusenokuthatha iiveki eziliqela. Ukuba ngaba usenazo iimpawu, cela icebo kwigosa lakho lezonyango.
Ngolwazi oluthe vetshe malunga neCOVID-19 , tyelela iwebhusaythi yeZiko leZifo ezoSulelayo leSizwe kwawww.nicd.ac.za , iwebhusaythi esimahla yeCOVID-19kwacoronavirus.datafree .co, tsalela iNombolo engaValwayo yeCOVID-19  kwa-0800 029 999 okanye thumela umyalezo kaWhatsApp kwa-0600 12 3456.