Ukubhiyozela abantu basetyhini Ukubhiyozela abantu basetyhini ngokubabandakanya kuqoqoshongokubabandakanya kuqoqosho

vukuzenzele unnamed

Ngenyanga yeThupha uMzantsi Afrika ubhiyozela iNyanga yabantu baseTyhini. Eli thuba liphawula isikhumbuzo samhla abasetyhini abangama-20 000 ngowe-1956 bathi benza umngcelele woqhankqalazo ukuya kwiZakhiwo zoMdibani-so – inyambalala yamakhosikazi athetha iilwimi ngeelwimi, ephuma kwiinkalo nakwiintlanga zonke. Emanyene kwisinyanzeliso sawo sokupheliswa kwemithetho emibi yamapasi kunye nelungelo lawo lokuhlala enkululekweni.
Isimo nendawo abantu basetyhini ababekwa kuyo eMzantsi Afrika namhlanje yohluke kakhulu kunaleyo oomama noomakhulu bethu babejongene nayo ngowe-1956. Sihambe indlela ende ekuphumezeni uMzantsi Afrika ongenacalucalulo ngokobuhlanga, ngokwesini, olawulwa ngokwentando yesininzi, ohlumayo nokhululekileyo.Kubekho inkqubela yokwenene ekuphuculeni ubomi babantu base-tyhini baseMzantsi Afrika kwezoqoqosho, kwizinga lezepolitiki nakubomi bukawonkewonke. Kwangaxesha nye, siyaqonda ukuba isende indlela ekusafanele siyihambile. Abantu basetyhini basajongene nokucalulwa, impatho-mbi nobundlobongela, kwaye basajongene nobunzima obukhulu bendlala.Ukuba ngaba sizimisele ekuphumezeni isithembiso soMgaqo-si-seko, kufanele siloyisile uqoqosho nokukhetheka kwezezimali okwenza ukuba abantu basetyhini babe zizisulu zokuphathwa kakubi nobundlo bongela ngakumbi.Sizibandakanye nephulo eliqalayo ukubakho elisiqhagamshelanisa namalinge ehlabathi jikelele okuphumeza umakulingwane ngowesini ngowama-2030. UMakulingwane kwiSizukuluwana yi-ajenda yebho-ngo neyenguqu yokuphelisa ucalucalulo nobundlobongela obugxile kwabasetyhini nokuthatha kwabo inxaxheba ngokulinganayo kubomi bezepolitiki, ezentlalo nobezoqoqosho.Njengenxalenye yeli phulo, sizibandakanye ‘neeNdibanisela zokuSebenza’ ezimbini, enye yeyobulungisa kwezoqoqosho namalungelo kunye nenye yokulwa ubundlobongela obugxile kwezesini. Yomibini le mixholo ibaluleke kakhulu kuqobo lwe-ajenda yethu yesizwe. Sele izinyanga ezilishumi elinanye ukususela kwafezekiswa isiCwangciso sokuSebenza ukuSabela kwiMeko kaXakeka sokulwa ubundlobongela obugxile kwezesini nokubulawa kwabasetyhini ngamadoda senze inkqubela ekunabiseni inkxaso ne-nkathalelo kwabasindileyo, kwaye inkqubela iyenzeka kuhlaziyo lwezomthetho ukubanika ukhuseleko olukhulu. Ngenyanga yeThupha, siyaqala ukufezekisa isiCwangciso sobuChule seSizwe ukulwa ubundlobongela obugxile kwezesini nokubulawa kwabasetyhini ngamadoda. Umba ongundoqo wesi sicwangciso usekuqinisekiseni ngokubandakanyeka kakhulu kwabantu basetyhini kwezezimali. Oku kungenxa yokuba ukungalingani kwezoqoqosho nokungalingani kwezentlalo ku-yathungelana. Isimo sezoqoqosho sabantu basetyhini eMzantsi Afrika sibenza babe zizisulu zokuphathwa kakubi ngakumbi. Ngoko ke kufuneka siyinyusile inkxaso yabase-tyhini ukubenza bakwazi ukuzimela ngokwezezimali. Senze iqela lezibophelelo phantsi kukaMakulingwane kwiSizukuluwana oko kuza kuqala ukucaca kwisiCwangciso sobuChule seSizwe.

Okokuqala, siza kuqhuba ukubandakanyeka kwabantu basetyhini kuqoqosho ngenkqubo yentengo karhulumente. Sesiwumisele umli nganiselo wokuqinisekisa ukuba ama-40 eepesenti ubuncinane be-mpahla neenkonzo ezithengwa ngamaqumrhu karhulumente kufuneka zithengwe kumashishini wabantu basetyhini. Okwesibini, sizakuyinyusa inkxaso yaMashishini amaNcinci aPhakathi naPhuhlayo (i-SMMEs) wabantu basetyhini neyabantu basetyhini abasebenza kwicandelo elingekho sesikweni okanye abangaphangeliyo. Oku kuzakuquka nokudibana necandelo lezezimali ukwenza ukuba iinkonzo zezezimali zifikeleleke kwaye zingababizi kakhulu abantu basetyhini.  Okwesithathu, sifuna ukuqinisekisa ukuba abantu basetyhini bayakwazi ukufikelela kwiimpahla ezivelisayo ezifana nomhlaba. Kubalulekile ukuba abantu basetyhini babe ngabaxhamli kwinkqubo yohlengahle ngiso lomhlaba ekhawulezileyo. Kubalulekile ukuba kwimali ezizigidi ezingamashumi asixhenxe anesihla nu seerandi zoncedo lweCOVID-19 ebekelwe bucala igalelo lezolimo ngee-vawutsha ama-53 eepesenti zabo bangabaxhamli iza kuba nga-bantu basetyhini basemaphandleni. Kufuneka siqinisekise ukuba abantu basetyhini abangamafama okuzi philisa nawemithamo emincinci bayaqhubeka ukufumana inkxaso nasemva kwalo bhubhane.  Okwesine, sifuna ukuqinisekisa ukuba abantu basetyhini bakhuselekile kubundlobongela obugxile kwezesini kwindawo yempangelo.
Kule meko, siza kusebenza kwinqanaba lesizwe nelommandla ekuso-ndeleni ukuqinisekisa iNgqungquthela yoMbutho wezabaSebenzi weZi zwe-ngezizwe engobuNdlobongela neMpatho-mbi kwiNdawo yeMpa-ngelo. Kuthiwa inkululeko ayinikezelwa, kodwa iyathathwa.Ukukhululeka kwabantu basetyhini kusephepheni nje kuphela ngaphandle kokuba kukhatshwa sisibophelelo esivela kuwo onke amacandelo oluntu.Njengokuba silungiselela ukwakha uqoqosho lwethu ekuqhambukeni kobhubhane wentsholongwane i-corona , sathi asinokwazi ukuvela nje sibuyele apho besikho phambi kokuqhambuka kwale ntsholo-ngwane. Kufuneka sakhe uqoqosho olohluke ngokubalulekileyo neliza kuthi, phakathi kokunye, liphucule ngokubonakalayo indawo abakuyo abantu basetyhini. Oku kuthetha ukuthi kutyalo-mali lwethu kwiziseko ezingundoqo kufuneka singaxhasi nje uphuhliso kumashishini asekhaya kuphela, kodwa sixhase namashishini waba-ntu basetyhini. Kufuneka ludalengabomi amathuba emisebenzi yabantu basetyhini kuwo onke ama-nqanaba okucwangcisa, elezezimali, elokwakha nokulungisa iziseko ezingundoqo. Ngokomlinganiselo ofanayo, njengokuba sisenyusa iinkqubo zemisebenzi yethu karhulumente, kufuneka siqinisekise ukuba ngokukodwa abantu basetyhini abalulutsha bachongwa njengabathathi nxaxheba. Ukongeza kwimivuzo, ezi nkqubo ziza kubabonelela ngethuba lokufumana izakhono ezithile namava adingekayo ukungena kuqoqosho lwesiqhelo.
Nangona iluxanduva lukarhulumente ukubonelela abantu basetyhini ngamathuba ezoqoqosho nokudala inkqubo-sikhokelo yokuxhasa ukuqhubela phambili ukulingana kwezesini, wonke umntu eluntwini udinga ukudlala indima yakhe.Abezoshishino kufuneka baxhase amashishini amancinci wabantu basetyhini ekuthengeni iimpahla neenkonzo. Kufuneka baqeshe abantu basetyhini abongezelelweyo baze banyusele abantu basetyhini abongezelelweyo kwizikhundla zezolawulo.Oku kubaluleka ngakumbi xa uqwalasela ukuba imbali yecandelo labucala ekumelweni kwesini kwinqanaba lezikhundla zezolawulo litsala emva kunecandelo likarhu lumente. Lo ngumba ophakanyi-swa izihlandlo ngezihlandlo kuthethathethwano endilubamba nemibutho yezoshishino yabantu basetyhini. Ngokufanayo, kufuneka sikuphelisile ukungali-ngani okugxile kwisini kwimivuzo yamadoda neyabantu basetyhini, size sisebenzise imigomo yokuhlawula umvuzo olinganayo ngomsebenzi ofanayo oqulathwe kuMthetho woMakulinganwe eMsebenzini.  Abantu basetyhini kukwafuneka bekhuselwe ekuphathweni kakubi nakucalucalulo emsebenzini. Ku-xhomekeke kubanikazi bezothutho, abalawuli beedyunivesithi, iibhodi ezilawulayo ezikolweni kunye nemibutho yezenkolo ukudala iimeko ezilungiselela abantu basetyhini namantombazana ukuba ahambe, afunde aze akhonze ngokukhuselekileyo.Kufuneka siqhubele phambili ngamalinge wethu okukuncothula ukudlisela ngobudoda ngokugqi-thisileyo, ukuthathela phantsi abantu basetyhini nogonyamelo lwabase-tyhini ngamadoda.Kuxhomekeke kuthi – sisonke amadoda nabasetyhini – ukungqina ukuba ixabiso lomntu wasetyhini, isikhundla akuso neembono zakhe azikho ngaphantsi kwezomntu oyindoda. Kuxhomekeke kuthi nje-ngabazali noomawokhulu ukubaphatha nokubakhulisa ngendlela efanayo oonyana neentombi zethu.Kuxhomekeke kuthi njengamadoda ukubuphikisa size sibugxeke ubundlobongela obugxile kwezesini nanini na xa sibubona, nkqu nokuba benziwa ngabahlobo bethu, ootata okanye abantakwethu.Masibe sisizukulwana esiphelisa zonke iindlela zokucinezelwa kwabantu basetyhini, ngexesha lokudla kwethu ubomi. Isizukulwana esikhaliphileyo sonyaka we-1956 senza umngcelele woqhankqalazo siwenzela thina sonke. Sinobutyala kuwo, sinobutyala nakuthi nesizukulwana esizayo ukuba singawungca-tshi lo mzila mhle kangaka.