Nceda unqande ukunwenwa kweCOVID-19

vukuzenzele unnamed

Isizwe sakuthi sijamelene neyona ntlekele inzi-ma kakhulu kwimbali yedemokhrasi yethu. Iintsuku ezingaphezulu kwezi-120, siphumelele ekulibaziseni ukunwenwa kwale ntsho-longwane izisa intshabalalo kwihlabathi jikelele.
Kodwa ngoku, ukunyuka ngamandla kosuleleko esasi-cetyiswe ngako zingcali zethu zezonyango ukuba kuseza kuza, sekufikile. Bangaphe-zulu kwekota yesigidi abantu baseMzantsi Afrika abo-sulelwe yintsholongwane i-corona, kwaye siyayazi ukuba luseluninzi olunye usuleleko olungabonwanga. Ngoku sibhalisa ngaphezulu kwama-12, 000 ezehlo zosuleleko ezintsha yonke imihla.Ukususela ukuqalisa  kokuqhambuka kwayo kwinyanga yoKwindla, ngabantu abangama-4,079 ubuncinane abathe basweleka  ngenxa ye-COVID-19. Njengale ngqele iqhaqha-zelisa amazinyo indlongozela ukungena kwilizwe lethu ivela kwi-Atlantic esemaZantsi ngeli xesha lonyaka, imbalwa imi-mandla yeli lizwe eya kusinda kule ntsholongwane i-corona. Uhlaselo lwentsholongwane i-corona lukude le ngobukhali kwaye lutshabalalisa ngaphezulu kwalo naluphi na utshabalalo esakhe salwazi ngaphambili. Lutweza imithombo yethu kunye nokuthatha kwethu izigqibo kude kufikele-le ekupheleni.Ukunyuka ngamandla  kosuleleko ebeluthelekele-lwe kwangaphambili zingcali noosonzululwazi bethu kwezi nyanga zi-3 zidlulileyo, kude kwafika ke ngoku. Kuqale eNtshona Koloni kwaye ngoku kuyaqhubeka eMpuma Koloni naseGauteng. Kanti, nangona usuleleko lukhula ngokucacileyo, kubalulekile ukuqaphela ukuba izinga lethu lokusweleka leepesenti e-1.5 liphakathi kwawona mazinga aphantsi ehlabathini. Oku kuthelekiswa nomyinge wezinga lezehlo zokusweleka ehlabathini jikelele elikwiipesenti ezi-4.4. Sifanele uku-bulela amava nokuzinikela kwamagcisa wethu wezonyango namanyathelo angxamisekileyo esiwathathileyo ukwakha amandla enkqubo yethu yezempilo ngala manani asezantsi okusweleka kwilizwe lethu.Nangona uninzi lwabantu bakuthi bewathathile amanyathelo okuthintela ukunwenwa kwale ntsholongwane, bakhona abanye abangayenzanga loo nto. Bakhona abanye apha phakathi kwethu abangayihoyiyo imimiselo ephunyezelwe ukulwa esi sifo.  Ebunzulwini bonje yena ubhubhane, ukukhwela iteksi ungasinxibanga isigqubuthelobuso, iindibano zabahlobo, ukuya kwiziyunguma okanye ukutyelela usapho,  nako ngokulula  kunokubangela uku-sasazeka kwentsholongwane kunye nokuphulukana nobomi. Esi ingasisifo esibangelwe yile ntsholongwane, kodwa sisasazwa yindlela abantu abaziphethe ngayo nendlela yokuziphatha.Ngenxa yamanyathelo  wethu – njengomntu ngamnye, njengeentsapho, njengoluntu – sinakho kwaye kufuneka simtshintshile lo bhubhane kwilizwe lethu. Kufanele sinxibe isigqubuthelo-buso esenziwe ngelaphu esigquma iimpumlo nomlomo ngalo lonke ixesha siphuma ekhaya. Kufuneka siqhubeke sihlamba izandla zethu rhoqo ngesepha namanzi okanye ngesibulali-zintsholongwane. Kufuneka siqhubeke nokucoca size sifake nesibulali-zintsholongwane kuyo yonke imiphezulu/imiphandle kuzo zonke iinda-wo zikawonke-wonke. Okona kubaluleke nangakumbi, kufuneka sigcine umgama wokuqelelana okhuselekileyo – ozimitha ezi-2 ubuncinane – ukusuka kwabanye abantu.Ngoku kukho ubungqina obuvelayo bokuba le  ntsholongwane isenokuhamba njengamasuntswana amancinci emoyeni kwiindawo ezina-bantu abaninzi, ezivaliweyo okanye ezingangeni kakuhle umoya. Ngenxa yeso sizathu kufuneka ngoko nangoko siphucule imo yangaphakathi kwiindawo zikawonke-wonke apho umngcipheko wobungozi bosuleleko umkhulu kakhulu khona.Isigqibo sethu sokubhengeza ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwizwelonke sathintela ukunyuka ngamandla kosuleleko ngobuninzi ngexesha apho iinkonzo zethu zezempilo zazingekasilungeli esi simo, nento eyayinokukhokelela kweyona lahleko inkulu yokuphulukana nobomi. Kwixesha ebesinalo, sithathe amanyathelo abalulekileyo okomeleza indlela yethu yezempilo yokusabela. Senze uvavanyo lwentsholongwane i-corona olungaphezulu kwezigi-di ezimbini kanti ke oonompilo benze uhlolo olungaphezulu kwezigidi ezingama-20.Sineebhedi ezingama-28,000 esibhedlele ezilungele ukuse-tyenziswa zizigulane ze-COVID-19 saze sakha izibhedlele zethutyana ezisebenzayo kwi-zwelonke. Ngoku sineebhedi zokuvaleleka bucala ezinga-ma-37,000 kumaziko abucala namaziko karhulumente kwii-zwelonke, ezilungele ukwenza amakheswa abo bangakwaziyo ukwenza njalo emakhayeni wabo. Sithenge saza sathumela izi-gidi zezixhobo zokuzikhusela emsebenzini kwizibhedlele, kwiiklinikhi kunye nasezikolweni kwizwelonke ukukhu-sela abasebenzi bethu abanga-bona baphambili edabini. Siye saqasha kwaye siyaqhubeka nokufuna abongikazi, oogqirha nabasebenzi bakaxakeka bezempilo abongezelelweyo. Siyaqhubeka nokwenza inkqubela kumalinge wethu okuqubisana ne-COVID-19, kodwa owona mceli-mngeni mkhulu usengaphambili. Kuwo onke amaphondo, sime ngomumo ukwandisa nga-kumbi inani leewadi zesiqhelo ezibhedlele kunye neebhedi zabagula kakhulu zezigulane ze-COVID-19. Umthamo weewadi zesiqhelo ezibhedlele uphunguliwe kwizibhedlele ezininzi ngokuthi kulityaziswe kwabo badinga inkathalelo engangxamisekanga, ukuguqulwa kweendawo ezithile zesibhedlele ukuba zibe ngamacandelo ongezelelweyo wabagulayo nokwakhiwa okanye ukwandiswa kwezibhedlele zethutyana. Sisebenzela ukwandisa ubonelelo lomongo-moya, izixhobo zokuphefumlisa kunye nezinye izixhobo zabo badinga inkathalelo yabagula kakhulu, kuquka nokutshintsha ubonelelo lomongo-moya ebelusetyenziselwa ezinye iinjongo. Sifaka ubuchwepheshe bedijithali ukuqinisa indlela ekubonwa ngayo, ukulanda umkhondo nokwenziwa amakhweswa kwabo bebedibene nomntu osulelekileyo, kunye nokubonelela ngenkxaso kwabo uvavanyo lubafumanise bosulelekile.Njengokuba sisondela  kwinkcochoyi yosuleleko, sidinga ukulumka ngakumbi size siqinise la manyathelo sele ekho ukuthomalalisa izinga lokusasazeka. Imigaqo engokunxitywa kwezigqubuthelo-buso iza kuqiniswa. Abaqashi, abanini zivenkile kunye na-balawuli, abaqhubi bezithuthi zikawonke-wonke, kunye nabalawuli kunye nabanini baso nasiphi na isakhiwo sika-wonke-wonke bayanyanzelwa ngumthetho ukuba baqinisekise nabani na ongena kwizakhiwo zabo okanye izithuthi kufuneka esinxibile isigqubuthelo-buso. Iiteksi ezihamba imigama emifutshane ngoku ziza ku-vunyelwa ukuba ziwandise umthamo wazo wokukhwelisa i-100 leepesenti, ngelixa ezi-hamba imigama emide zinga-vumelekanga ukuba ziwandise umthamo wama-70 eepesenti, phantsi komqathango woku-landelwa kwemimiselo yo-kuthomalalisa umngcipheko omalunga nokunxitywa kwezigqubuthelo-buso, uku-cocwa kwezithuthi ngesibulali-zintsholongwane kunye noku-vulwa kweefestile. Ngoku kukho ubungqina obucacileyo bokuba ukuqaliswa kokuthengiswa kotywala kukhokelele ekubekweni kwezibhedlele zethu phantsi koxinzelelo olumandla, kuquka namacandelo abonzakeleyo kunye namacandelo abagula kakhulu (i-ICU), ngenxa yeengozi zeemoto, ubundlo-bongela kunye nokwenzakala okunxulumene nabo. Ngoko ke sithathe isigqibo sokuba khona ukuze sikwazi uku-gcina umthamo wezibhedlele uphantsi, ukuthengiswa, uku-sasazwa kunye nokuhanjiswa kotywala kuza kurhoxiswa ngoko nangoko.Njengenyathelo elongezelelweyo lokunciphisa uxinzelelo ezibhedlele, kuza kumiselwa ixesha lokuvaleleka ngendlu phakathi kwentsimbi ye-9 ngokuhlwa nentsimbi yesi-4 ekuseni.Siwathatha la manyathelo sikuqonda kakuhle ukuba abeka ubomi babantu phantsi kwezithintelo ezingamkele-kiyo. Noxa kunjalo, ayafu-neka, ayimfuneko ukusinceda siphumele kweli xesha le nkco-choyi yesi sifo.Ayikho indlela esinokuthi siluphephe olu qhwithelo lwentsholongwane i-corona. Kodwa singawuthothisa umonakalo le ntsholongwane enokuwenza kubomi bethu. Njengesizwe sihlangene sonke ukuba sixhasane, sinike intuthu-zelo kwabo bagulayo kunye nokukhuthaza ukwamkeleka kwabo baphila nale ntsholongwane.Ngoku, ngaphezulu ku-nangaphambili, sinoxanduva lobomi babo basingqongileyo. Siza kumelana nolu qhwithela. Siza kulibuyisela ilizwe lethu libe sempilweni kwaye lihlume.Siza kweyisa. 