UMzantsi Afrika uthatha amanyathelo okulungisa ukudingeka kwezixhobo zokuphefumlisa

Silusapho Nyanda

ISIXHOBO sokuphefumlisa esenziwe apha ekhaya siza kunceda izigulane ezineempawu ezingephi zeCOVID-19 ukuba ziphefumle lula
Umlo wokulwa nesifo sentsholongwane i-corona (COVID-19) eMzantsi Afrika womelezwe kukuveliswa kwesixhobo sokuphefumlisa sokuqala apha kweli lizweIsixhobo sokuphefumlisa soXinzelelo oluluNcedo kwiMibhobho yoMoya  oluQhubekayo (i-CP AP) sinceda izigulane ezineempawu ezingephi ze-COVID-19 ukuba ziphefumle lula ngokubonelela ngoxinzelelo lomoya onomongo-moya okwinqanaba elingephi ukugcina imibhobho yazo yomoya ivulekile.Esi sixhobo sokuphefumlisa sayilwa liBhunga loPhando-nzulu kwezobuNzululwazi nezoShishino (i-CSIR) ngentsebenziswano neqela labehlulelani balapha ekhaya kwaye siza kufezekiswa kweli lizwe jikelele kwizigulane ezibonakalisa iingxaki zoku-phefumla kwizigaba zokuqala zosuleleko lwe-COVID-19.“Umoya umntu awuphe-fumlayo ngokwesiqhelo unomongo-moya ohlanganisi-weyo oziipesenti ezingama-23. Umatshini we-CP AP unga-mpompa umthamo ophezulu womongo-moya, ukuncedisa umntu ukuba aphefumle. I-CP AP impompa umongo-moya ohlanganisiweyo  ngokuqhubekayo. Ungawandisa okanye uwunciphise umthamo womongo-moya umntu awuphefumlela  ngaphakathi,” utsho uMlawuli weSigqeba we-CSIR Future Production: Manufacturing u-Martin Sanne. Izigulane ezisebenzisa 
isixhobo sokuphefumlisa zinxulumanyiswa ngokuthi zinxityiswe isigqubuthelo-buso. Umongo-moya  utsalwa kwitanki yegesi yomongo-moya uze udi-tyaniswe nomoya wendalo kwisixhobo sokuphefumlisa, ukusuka kulo ndawo ukuya kugqithiselwa kwisigqubuthelo-buso uze uphefumlelwe ngaphakathi sisigulane. USanne uthi ukongeza ekumpontshweni komoya womongo-moya, i-CP AP ikwanceda izigulane ukuba zikwazi ukuphefumlela ngaphandle.Isixhobo se-C PA P singasetyenziswa kwiimeko ezinobuchwepheshe obuxhome kakhulu bezonyango nakwiimeko zethutyana, ezifana nezibhedlele zethutyana nakumaziko okuvalela bucala. USanne uthi i-CSIR ku-fanele ibe ivelise izixhobo zokuphefumlisa ezinga-ma-10 000 ekupheleni kweyeThupha. Ngokusebenzisana nabakwa-Siemens, abakwa-Simera, abakwa-Akacia, abakwa-Gabler, Umoya kunye neYuni-vesithi yaseKapa (i-UCT), i-CSIR ivelise i-CP AP ngokwemigangatho yoMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO).Iqela lokuqala lezi zixhobo zokuphefumlisa liza kunikezelwa kwizibhedlele zikarhulumente eziphantsi koxinzelelo ngenxa yokungabikho kwezixhobo zokuqubisana ne-COVID-19.I-CSIR iqalise ukuse-benza nge-CP AP emva kokuba ihlabathi liqalise ukufumana ukudingeka okukhulu kwezixhobo zokuphefumlisa. “Malunga nenyanga yoKwindla nekaTshazimpuzi, kwasuka ngesiquphe kwakho ukungabikho ngokwane-leyo kwezixhobo zoku-phefumlisa kubaboneleli bethu bezizwe-ngezizwe. Apho zazifumaneka khona, zazibiza kakhulu, ngoko ke urhulumente wakhupha isiniki-maxabiso sokuveliswa kwezixhobo zokuphe-fumlisa,” utsho uSanne.Isiniki-maxabiso ibiyinxalenye yeProjekthi yeSizwe karhulumente yeziXhobo zokuPhefumlisa ngaphakathi kweSebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano.I-CSIR ikwasebenza nangesixhobo sokuphefumlisa soXinzelelo olu-luNcedo kwiMibhobho yo-Moya omaNqanaba-mabini (i-Bi-level Positive Airway Pressure) onjongo zawo zikukunceda izigulane ezineempawu ezibukhali kakhulu ze-COVID-19. Esi sixhobo sokuphefumlisa siza kuncedisa uku-phefumlela ngaphakathi nokuphefumlela ngaphandle, nokuba kungendlela yoxinzelelo lomongo-moya oluqingqiweyo okanye kungokuzivela ubonelelo lomongo-moya odingwa sisigulane uze ulungele-lanise uxinzelelo ngoku-fanelekileyo.
 