Ukwakha ubomi obungcono

vukuzenzele unnamed

Nangona ekhule  engathathi ntweni kwilali yaKwa-Nongoma, kwiphondo laKwaZulu-Natal, uSilo-ndiwe Magwaza oneminya-ka engama-23 ubudala uhambe nzima kakhulu wade waphumeza iphupha lakhe lokuba ngumphathi kwezokwakha.  Ukukhula engqongwe ziziseko zezibonelelo ez ingekho mgangathweni kwakhuthaza uMagwaza ukuba aphononongeiindlela ezintsha zokunyusaumgangatho kwindawo ehlala kuyo. Ngoku ungo-wokuqala kusapho lwakhe ukuba nemfundo yesidanga okanye enomsila.  UMagwaza ufumene imfu ndo yesidanga yokuqala kwi zifundo zokwakha kwiYuni vesithi yase-Witwatersrand ngowama-2019.  “Indawo yaKwaNongoma ineziseko zezibonelelo ezingekho mgangathweni kanti nokulungiswa kwale meko kuhamba ngesantya solovane. Ndithe ndakuqwalasela yo-nke imingeni ejongene nayo idolophu yam, ndafumana inkuthazo yokuba ndifunde okunxulumene nokwakha ukuze ndibe ngomnye waba-ntu abaguqula imeko ekhoyo ngoku,” utsho. Ibinzima indlela eya empu melelweni kwizifundo zakhe. Bekunzima kuMagwaza ukuzikisa ingqondo kwizifundo zakhe ngenxa yokusoloko ekhathazwa yingxaki yenkxaso-mali. Kodwa i-Arhente kaMasipala yokuXhasa iziSeko ezinguNdoqo (i-MISA) iya yangenelela yanika uncedo.
“Ndandixhalaba kakhulu kukungabi nankxaso-mali njengoko ndiphuma kwikhaya elingathathi ntweni.  Oko kwaqhuba kwada kwa-ngowama-2018, ndaza ndafumana ibhasari kwi-MISA. Ndancedakala kangangokuba ndifumene imfundo yesida-nga sendingasenankxalabo kwaphela. Ndandihlawulelwa konke, inye kuphela into ebi-funeka, ikukuzikisa ingqondo kwizifundo zam,” utsho.
UMagwaza ngomnye wa-makhulu abafundi abafundi-swa ngeenkqubo ze-MISA zophuhliso lolutsha ngo-nyaka ngamnye. Ezi nkqubo zinikela ngemali nangenkxaso yokunceda abafundi ukuba bafumane amathuba emisebenzi bakuba bephumelele kwizifundo zabo.  “Ngenene bendililangazelela umsitho wothweso-zidanga. Oko bekubaluleke kakhulu kum njengoko bendiza kuba ngowokuqala ukuba ne-mfundo yesidanga kwikhaya lam. Ndisenethemba lokuba siza kuba nawo lo msitho wothweso-zidanga, kodwa kusenokungabi njalo ngenxa kabhubhane wehlabathi wentsholongwane ye-corona ,” utsho.
Kushishino lokwakha ku-xhaphake amadoda. “Maxa wambi, abantu abangabafazi benziwa bazive bengenabuchule kuba isa-khono sabo sokuzisa ingu quko sithandabuzeka. Ngamanye amaxesha amazwi abo awamanyelwa.
“Nangoku ndisakhetha ulawulo kwezokwakha kuba ndikholelwa ekubeni ndinawo amandla okuguqula eli candelo ndiliphucule apho kudingeka khona. Sendibone abantu ababhinqileyo kweli candela bephumelela bade bafumane izikhundla eziphezulu futhi benze no-tshintsho. Nam ndiyakho-lwa ukuba ndiza kulandela umzekelo wabo,” utsho.  Njengowokuqala kusapho lwakhe ukuba nemfundo yesidanga, uSilondiwe Magwaza ubulela i-MISA.

Iibhasari ze-MISA zipapashwa apha: www.misa.gov.za uku-susela kweyoMsintsi, kwiFacebook  @MISA, kwiTwitter @MISA_CoGTA nakwiInstagram  @MISA_CoGTA.

