Imbeko ekhethekileyo kubasebenzi bethu benkathalelo yezempilo 

vukuzenzele unnamed

Inani lokusweleka  okubangelwa yintsho longwane icorona  kutsha nje lide ledlula kuphawu lwama-2 000. Phakathi kwabo bathe baphulukana nobomi babo ngabasebenzi bezempilo, abasebenzi abafezekileyo abe-bekhathalela abagulayo, kwaye bebeyinkxaso nentuthuzelo kwabo bebesesibhedlele bese-nziwa amakheswa kwiintsapho zabo.Le yokuba amadoda naba setyhini benza le misebenzi iphakamileyo nendilisekile kangaka babe bona kuqala begula bade basweleke sisithonga esibuhlungu eso.
 Ngabo abangabona bapha-mbili edabini lokulwa nalo bhubhane. Basebenza phantsi koxinizelelo olukhulu kuze kufuneke ukuba bathwale ubunzi ma bengqondo bokwazi ukuba basemngciphekweni wokosulelwa yile ntsholongwane. Bangamaqhawe namaqhawekazi okwenene wedabi lethu lokulwa intsholongwane icorona .
 Siwothulela umnqwazi la makhalipha abemi boMzantsi Afrika ashiya amakhaya wabo, iintsapho kunye nabo babatha-ndayo ukuya empangelweni engaphosi nomzuzu yonke imihla kwiikliniki, izibhedlele kunye namanye amaziko eze-mpilo. Apho bathi babonelele khona ngenkathalelo yeze-mpilo, inkxaso yobumabhalana nezinye iinkonzo ezifana nokucoca nokulungiselela ukutya.
 Njengokuba besenza oko kungumsebenzi wobizo lwabo, nathi sinoxanduva kubo neentsapho zabo. Impilo yabo nokhuseleko lwabo kufuneka siyixabise kakhulu.
 Sibanika imbeko siba bekela phezulu njengamadoda nabasetyhini ababonakalise ukuba bazimisele ukubeka ubomi babo emngciphekweni ukuze kuphile thina.
 Ukuze bakwazi ukwenza lo msebenzi mkhulu kangaka ufuna amandla badinga inkxaso yethu kwakunye nokhuseleko ngokubonelelwa ngezixhobo zokusebenza ezikhuselekileyo (iiPPE).
Ngenkxaso yeSolidarity Fund nezipho ezivela kubantu ngabantu baseMzantsi Afrika, kumashishini, kwiingxowa-mali nakoorhulumente bamanye amazwe, sikwazile ukufumanela aba basebenzi bangabona baphambili edabini bakhaliphileyo  izixhobo zoku-sebenza ezikhuselekileyo. Apho bekukho khona ukudingeka kwe-PPE izibhedlele zethu zikulungisa ngokukhawuleza oko ukuqinisekisa ukuba zikhona.
Siyayazi ukuba ukufikelela kwi-PPE asikokuphela komce limngeni abasebenzi bethu benkathalelo yezempilo abajo-ngene nawo. Kweli lizwe jikelele iikliniki nezibhedlele zijongene nokudingeka kwabasebenzi. Le ngxaki iyalungiswa.
 Ukuxhasa umsebenzi owenzi wa nga basebenzi bethu abanga bona baphambili edabini kweli lizwe jikelele sithumela abaPhathiswa nooSekela baPhathiswa kwisithili ngasinye kweli lizwe ukuze babe nokuzibonela ngo-kwabo imiceli-mngeni ngobunjalo bayo kwezi zithili ukuze base benzisane nabasemagunyeni kwezempilo kula maphondo.
 Kufanele sisebenze kunye ukukhusela hayi nje kuphela impilo yabasebenzi abangabona baphambili edabini kodwa bonke nje abasebenzi.
Imibutho yabasebenzi sele yenze umsebenzi omhle wokufundisa amalungu  malunga nokulawula noku-thintela usuleleko nococeko. Ikwaxhasa nomsebenzi weSebe lezeNgqesho nezeMisebenzi ekwenzeni uhlolo lwasemsebenzini ukuqinisekisa ukuba imimiselo yezempilo nokhuseleko iyalandelwa kubasebenzi ababuyela emsebenzini. Uninzi lwemibutho yethu yabasebenzi ikwabonelela ngolwazi lwe-ntsholongwane icorona  kumalungu wayo kwaye abaqeshi benza amaphulo okuqondisa.
 Omnye wemiceli-mngeni othe wavela kweli lizwe lethu kukubekwa ibala kwabo bantu bathe bafunyaniswa benayo intsholongwane i-corona. Siluluntu, sinoxanduva oludibeneyo lokukuncothula nengcambu ukubeka ibala abantu abosulelwe yintsholongwane icorona . Kubekho iingxelo ezihluphayo zabantu abasikiweyo kuluntu abahlala nalo kunye noluntu oluqhankqalazayo kuba izigulana ezinentsholongwane icorona  zilaliswa kwizibhedlele zasekuhlaleni nasezikliniki. Lo nto leyo mayiphele.
Njengoko sasidibene ukukhu-thaza ukwamkelwa kwabantu abaphila neNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) saze sema saluqilima ukulwa ukungcu-ngcuthekiswa kwabo, kufuneka sibonakalise ukuqonda, unya mezelwano, inceba, uvelwano nemfesane kwabo bosulelweyo yile ntsholongwane neentsapho zabo.
 Kuthiwa oku kubekwa kwebala kuqhutywa luloyiko lokosulelwa sesi sifo noku-swela ukuqonda. Eyona ndlelaingcono yokoyisa uloyiko lokugula olubangelwa lithuku lemvelo nesifo esosulelayo kukuthobela imimiselo yezempilo ekhoyo. Uloyiko losuleleko lu-yavakala kwaye lukhona. Kwa-ngaxesha nye, siyayazi ukuba yinto emasiyenze ukuzikhusela nokukhusela abanye.  Siyayazi ukuba ibangelwa yintoni le ntsholongwane nokuthi yintoni esinokuyenza uku zikhusela ukuba singosuleleki. Siyayazi ukuba kufanele sigcine umgama wokuqelelana, uku-zigcina singamakheswa ukuba besidibene nabo bosulelekileyo nokuthi sizise esibhedlele ukuba sineempawu.
 Kufuneka siqhubeke sikhoke-lwa yinyaniso hayi amarhe.
 Ixesha lokuba umntu athi aka zi mntu owosulelweyo okanye ochatshazelweyo yintsholo-ngwane icorona  ledlula kudala. Ngoku, ngaphezulu kunakuqala, abahlobo bethu, iintsapho, oogxa nabamelwane bethu ba-dinga uvelwano nenkxaso.
 Kwiintsuku, iiveki nezi nya-nga ziphambi kwethu, ngamanye amaxesha siza kuzifumana siphelelwa lithemba kwaye sibe noloyiko xa sibona inani labantu abosulelekayo nababhubhayo liqhubeka ukonyuka. Kusenokuba izinto zibe mbi ngakumbi, kodwa siqinisekile ukuba ziza kuba ngcono. Oosonzululwazi bethu nabacebisi bezonyango basixelele ukuba izinga losule leko liza kunyuka njengoko sifikelela encotsheni yethu. Kodwa ngokuqinisekileyo liza kuhla.
 Sinika imbeko abasebe-nzi benkathalelo yezempilo abathe baphulukana nobomi babo benikezela ngenkathalelo kwabagulayo. Ukubakhumbula, masizigcine sikhuselekile kunye nabanye abemi bakuthi ngokudlala eyethu indima.
 Siza kuyoyisa le ntsholo-ngwane size silakhe ngoku-tsha uluntu lwethu. Siwabonile amaxesha awayengawonaanzima kodwa soyisa.
Masingagcini mandla okanye sibindi njengokuba sisebenza kunye ukukhusela ubomi. 