Urhulumente ulungiselela ukunyuka kakhulu kweqondo leCOVID-19-EZINTSHA NGECOVID-19

Allison Cooper

UKULUNGISELELA UKWANDA  kwenani labantu abanokuba neCOVID-19  kuyaqhubeka ngokuthi urhulumente kunye namashishini abucala bakhe izibhedlele zethutyana, bathenge izixhobo zokuzikhusela kunye nokuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika wenza izixhobo zokuphefumlisa.
Inani labantu abanesifo sentsholongwane icorona (i-COVID-19) eMzantsi Afrika kulindeleke ukuba linyuke kwezi veki zizayo kwaye urhu-lumente wenza konke okuse-mandleni ukuqinisekisa ukuba icandelo lezempilo likulindele oko.
“Besithenga izixhobo zokuzikhuse-la (i-PPE) kwihlabathi lonke futhi si-kwaxhasa iinkampani zalapha ekhaya ukuba zizenze apha,” uqinisekisile uMongameli Cyril Ramaphosa.
“Besisoloko siphucula iziseko zoncedo zezibhedlele, silungisa izibhedlele zethutyana kunye noku-fumanela izigulane zeCOVID-19  iibhedi ezongezelelekileyo,” uye wongeza.
Ekuqaleni kweyeSilimela, iibhe-di zezibhedlele zikarhulumente ezingaphezulu kwama-27 000 ziye zabekelwa bucala kulungiselelwa izigulane zeCOVID-19 . Xa sele zigqityiwe, izibhedlele zethutyana ziza kuba neebhedi ezingama-13 000.
Amaziko okuvalela abaneCOVID-19  bodwa kunye nezibhedlele zethutyanaUMphathiswa wezeMisebenzi kaRhulumente neziSeko zoNcedo uPatricia de Lille uthe: Iindawo ezili-1 751 zibekelwe bucala njengeendawo eku

cetywa ukuba zibe zindawo zokugcinwa bucala kwa-baneCOVID-19 , into leyo ethetha ukuba kukho iibhe
 di ezingama-129 600 ku-zwelonke, kuzo zonke izithili ezingama-44 kunye nezixeko ezimbaxa ezisibhozo.  Iindawo ezingama-358 sele zibekelwe bucala eNtshona Koloni, futhi zineebhedi ezingaphezulu kwama-27 500.  ezingama-395 sele zihloliwe liSebe lezeMpilo, ezimele
iibhedi ezingama-35 759.  Izibhedlele ezingama-32 eMpuma Kapa, ezili-19 Kwa-Zulu Natala kunye nezili-10 eMpumalanga zichongelwe ukuvuselelwa zize zilungiswe zitshintshwe zibe zizibhedlele zethutyana.• I-Cape Town International  Convention Centre, sesona sibhedlele sethutya na sikhulukazi apha elizweni lethu,  ineebhedi ezingama-862. Yamkela izigulane zayo  zokuqala ezili-10 ngomhla we-8 kweyeSilimela. • EMntla Ntshona, amaqela
enza futhi andisa izibhedle  le ngokuthi akhe izakhiwo ezongezelelweyo.
 Imeko yase-Gauteng yokulungela iCOVID-19INkulumbuso yase-Gauteng uDavid Makhura uthi iphondo:
• lineebhedi zesibhedlele ezinga-ma-8 301, • lilungise izibhedlele ezikhoyo laza lazijika zaba zizibhedlele zeCOVID-19 , into leyo eyenze kwakho iibhedi ezingama-555 zabantu abangaguli kakhulu kunye neebhedi ezingama-308 zabagula kakhulu (i-ICU), le-nza iiwadi ezisisigxina ezintsha kwizibhedlele i-Kopanong, i-Ju-bilee, i-Chris Hani Baragwanath kunye ne-George Mukhari, ngo-lo hlobo longeza iibhedi ezinga-ma-800, laze laqinisekisa ukuba iziko lase-Nasrec lineebhedi
  ezintsha ezingama-500.
KuCanzibe, iNkulumbuso uMakhura wamkela iminikelo evela kwa-BMW nakwa-Nissan ukunceda ukwakha isibhedlele e-Rossyln, eTshwane.
Izibhedlele zethutyana zaseMpuma KapaEMpuma Kapa, isibhedlele sethu-tyana esineebhedi ezili-1 000 senziwa kwibala lemidlalo iNelson Mandela Bay Stadium . Amanye amabala emidlalo asetyenziswa njengeendawo zokuvalela abo baneCOVID-19  bodwa nanjengezibhedlele zethu-tyana, kuquka iBala lezemidlalo iCape Town Stadium  kunye neFNB Stadium.URhulumente waseJamani kunye no-Volkswagen bathembise ngezigi-di ezili-107 zeerandi ukuba kwakhi-we isibhedlele sethutyana eBhayi. Xa isibhedlele sesilungile ukwamkela izigulane, siza kuba neebhedi ezingama-4 000.
Izixhobo zokuphefumlisa Ngoncedo loorhulumente, iinkampani kunye nemibutho eyahlu keneyo, uMzantsi Afrika ukwazile ukuqokelela izixa ezibonakalayo ze-PPE, ezinye izixhobo zonyango kunye nezixhobo zokuphefumlisa.Isixhobo sonyango sokuphefumlisa ngumatshini onceda imiphunga uku-ba ikwazi ukusebenza. Sisetyenzise-lwa izigulane ezinephika. Izigulane ezinesifo sentsholongwane icorona  (iCOVID-19) ziba nephika. Urhu-lumente wamisela i-National Ven-tilator Project kwekaTshazimpuzi, ukwenza oomatshini abaninzi apha ekhaya ngenxa yokunqongophala kwihlabathi jikelele. Kuyathenjwa ukuba umsebenzi wokuzenza uza kuqala ngeyeSilimela kwaye urhulumente uyathe-mba ukuba  izixhobo  zokuphe-fumlisa  ezingama  20 000  ziza kuve-liswa kwezi nyanga  zizayo.ISolidarity Fund izibophele ngemali yokufumana izixhobo zokuphefumlisa ezi ngama-200, eziza kuthunyelwa kwizi-bhedlele ezizidinga kakhulu.IMelika inike uMzantsi Afrika izixhobo zokuphe-fumlisa ezili-1 000, ezingama-20 kwezo zamkelwa nguMphathi-swa wezeMpilo uZweli Mkhize kweyeSilimela. Zafakelwa kwiSi-bhedlele i-Chris Hani Bara-gwanath Academic e-Soweto. Umnikelo olandelayo uza kuse-tyenziswa kwizibhedlele ezise-Ntshona Koloni.Izixhobo zokuzikhusela zabasebenzi bezonyango Eyona nto ibalulekileyo kwiSolidarity Fund  kukunika abasebe-nzi bezonyango abafana noogqi-rha kunye nabongikazi ii-PPE. ISolidarity Fund , esele inemali ezibhiliyoni ezi-2.61 zeerandi ukuza kuthi ga ngoku, sele incede ukufu-mana ii-PPE ukuxhasa inkqubo yezempilo karhulumente kunye nabasebenzi bezempilo boluntu kwiinyanga ezimbini.Nangona kunjalo, kusekho uku-nqongophala kwee-PPE kwihlabathi liphela, kuquka nakuMzantsi Afrika.Iinkampani ezinikezele ngee-PPE, ziquka i-Business for South Africa, i-Naspers, iFirst National Bank , iUnited Pharmaceutical Distribu-tors, i-People’s Republic of China , uMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO), iFord Motor Company  kunye neSolidarity Fund .
Sicela bonke oonompilo  Kudingeka oonompilo abaninzi njengoko inani labantu abaneCOV-ID-19 linyuka kwaye urhulumente ucele oonompilo kunye noogqirha abangasebenziyo ukuba baqhaga-mshelane namaphondo abo. "Siyabacela bonke abasebenzi bezempilo, nkqu nabo bathathaumhlala-phantsi, ukuba beze ngapha-mbili bazokusebenza nokuba lithu-ba elifutshane,” utshilo uMphathi-swa Mkhize.Urhulumente uthumele oogqirha base-Cuba abangama-217 kwi-zwelonke.
“Besixakekile siphucula iziseko zoncedo ezibhedlele, silungisa izibhedlele zethutyana kwaye sifumanela izigulane zeCOVID-19  iibhedi ezongezelelweyo.” kwihlabathi jikelele. Kuyathenjwa ukuba umsebenzi wokuzenza uza kuqala ngeyeSilimela kwaye urhulumente uyathemba ukuba  izixhobo  zokuphefumlisa  nyanga  Solidarity Fund  izibophele ngemali yokufumana izixhobo fumlisa ezi ngama-200, eziza kuthunyelwa kwizibhedlele ezizidinga kakhulu.
IMelika inike uMzantsi Afrika izixhobo zokuphefumlisa ezili-1 000, ezingama-20 kwezo zamkelwa nguMphathiswa wezeMpilo uZweli Mkhize kweyeSilimela. Zafakelwa kwiSibhedlele i-Chris Hani BaraAcademic  e-Soweto.
Umnikelo olandelayo uza kusetyenziswa kwizibhedlele eziseNtshona Koloni.
nzi bezonyango abafana noogqirha kunye nabongikazi ii-PPE.
ISolidarity Fund , esele inemali  Solidarity Fund , esele inemali  Solidarity Fundbezempilo, nkqu nabo bathathaba elifutshane,” utshilo uMphathibase-Cuba abangama-217 kwi