Umama onesigulo esinganyangekiyo uyoyisile iCOVID-19 

Silusapho Nyanda 

U-INSAAF MOHAMMED  uthi kubaluleke kakhulu ukuba abemi boMzantsi Afrika ingakumbi abo banezigulo ezinganyangekiyo ukuba bathathe uxanduva lwempilo yabo.
 Abantu abanezi-gulo – ezifana nombefu, uxinze-lelo lwegazi, isifo sezi-ntso esinganyangekiyo kunye nesifo seswekile bangaba neempawu ezi-mbi kakhulu zentsho-longwane i-corona (i-COVID-19), kwaye  basenokufa ngenxa  yobunzima obubekwa yiintsholongwane emi-zimbeni yaboNgethamsanqa, xa ugqirha oyingcali yokunyanga ose-benze eKapa okwangumama womntwana oneminyaka emithathu, u-Insaaf Moha-mmed (oneminyaka yobuda-la engama-40) wosuleleka yi-COVID-19 ngelixa ehlaselwe sisifo sombefu, wakwazi ukumelana nazo zombini ezi meko kwaye akazange agule kakhulu.U-Mohammed wosulelwa ngumyeni wakhe nge-CO-VID-19, osebenza kwilebhu ekwisibhedlele sase-Groote Schuur. Unyana ka-Moha-mmed oneminyaka esi-xhenxe naye wosulelwe.Emva kokuba kufunya-niswe ukuba bosulelekile, bonke bazigcina bucala ekhaya. “Sazivalela kwigu-mbi lethu lokulala, ngelixa umazala wam onesifo seswekile kunye noxinzelelo lwegazi kwaye ngethamsa-nqa zange osuleleke yintsho-longwane – yena wayekha-thalela abanye babantwana bethu ababini,” utsho u-Mohammed. NgokweSebe leze-Mpilo laseNtshona Koloni, abantu abano-xinzelelo lwegazi, abanesifo seswekile kunye nesifo sezi-ntso esinganyangekiyo baphakathi kwabantu aba-nezifo ezinganyangekiyo abangabona bahlaselwa lula yi-COVID-19. Ukususela kumhla wama-25 kuCanzibe, abantu abane-zi zigulo zilandelayo baboni-sa iimpawu ezinobuzaza:
• Uxinzelelo lwegazi, iipe-senti ezingama-58• Isifo seswekile, iipesenti ezingama-56• Isifo sezintso esinga-nyangekiyo, iipesenti ez-ili-17•  Isandulela-ngculazi  (i-HIV), iipesenti ezili-16• Isifo sombefu okanye isifo esinganyangekiyo sesifu-ba, iipesenti ezili-15• Isifo sentliziyo, iipesenti ezili-11• Ukutyeba kakhulu, iipe-senti ezili-13 • Isifo sephepha, iipesenti ezili-13• Isifo somhlaza, iipesenti ezimbini• Ezinye izigulo ezinga-nyangekiyo, iipesenti ez-ili-16.U-Mohammed uthi eyona nto yayimoyikisa kakhulu yayiliphika elalibangelwa yi-COVID-19.“Bendisiva ukudinwa kakhulu, ukukhohlela nokuminxeka kwesifuba, inqawe yam yombefu ibi-kunceda oku. Iimpawu zam zazingena buzaza kakhu-lu njengezomyeni wam, ebenomzimba obuhlungu, enesicafu-cafu, isifuba esi-valekileyo, ukuphelelwa ngumoya, ukuvaleka kwe-mpumlo namarhanana, izi-khohlela ezisesifubeni sakhe kunye nomkhuhlane. Unya-na wam ebenomkhuhlane iintsuku ezintathu, kodwa waphila ngokukhawuleza nje zakuba ziphelile iimpa-wu,” utshilo. Usapho lwaka-Mohammed beluthobele iinkqubo zococe-ko emsebenzini nasekhaya, ukuphepha ukosuleleka yintsholongwane. “Usapho lwam beluqonda, lukhatha-la kwaye lusixhasa, kwaye belusi-phathela isidlo sangokuhl-wa rhoqo ebusuku, kodwa ngamanye amaxesha abantu baseku-hlaleni basenokungakhathali kwaye ubuhlungu obenziwa kumakhasi onxibelelwano oluntu buyoyikeka,” utsho u-Mohammed.ISebe lezeMpilo lase-Ntshona Koloni lithi uku-zigcina usela amanzi rhoqo kunye nokujonga i-glucose egazini lakho, uxinzelelo lwegazi kunye neqondo lobushushu emzimbeni zi-zinto eziphambili ekulawu-leni i-COVID-19, ingakumbi kubantu abanezigulo ezinga-nyangekiyo.Ukongeza, isebe licebisa abantu abanezigulo ezinga-nyangekiyo: • Ukusela amayeza akho ngokuchanekileyo, nje-ngoko kuchaziwe ngu-gqirha wezempilo.• Ukuhlamba izandla za-kho ngesepha namanzi ubuncinane imizuzwana engama-20, ngaphambi kokuphatha na-liphi na iyeza.• Ukungayeki ukusela iyeza ngaphandle koku-ba uxelelwe ngugqirha wezempilo kwaye ungaze wabelane nomnye umntu ngamayeza.• Ukuzama ukuzivoca-voca imizuzu engama-30 ngo-suku.
 Isebe lithi abantu abane-sifo seswekile banamathuba amaninzi okufumana iingxa-ki ezinzima kwi-COVID-19, kodwa umngcipheko woku-gula kakhulu uphantsi ukuba isifo seswekile siyalawuleka.“Ngokubanzi, abantu abanesifo seswekile nga-bona banokuba neempawu eziqatha nezinzima xa bo-sulelwe yintsholongwane. Njengoko abantu abanesifo seswekile besebungozini be-COVID-19 eqatha nje, ukungasondelelani nabantu okanye ukubambana kuya-cetyiswa apho kukho imfu-neko khona. Ukutyeba nako kungumngcipheko oqatha we-COVID-19. Ukuthoba ubunzima bomzimba, ukuba kuyenzeka kuyakhuthazwa. Ukuba ngumqaba-qaba Emva kokuzigcina bucala iintsuku ezili-14, u-Moha-mmed wabuyela emsebe-nzini. Uthi ukuphila kwakhe emva kwentsholongwane kuyitshintshile inkqubo yokucinga kunye nemibono yakhe ngobomi. “Ukuqonda kakhulu uku-baluleka koosapho lwakho kunye nezinto ezincinci ebomini. Ndifuna abantu nakweyiphi indawo abase-benza kuyo bathathe uxa-nduva ngeempilo zabo kwaye bafundise iintsapho zabo nabantwana babo, inga-kumbi njengokuba abantwa-na bebuyele esikolweni. “Nceda umntwana wakho afumane iindlela ezinobu-chule ngokubonisa uthando kwizihlobo zabo, ngapha-ndle kokusondelelana kunye nokubambana. Yenza usapho lwakho luzicoce ngesibulala-ntsholongwane ngaphambi kokuba lungene endlwini, lushiye izihlangu zalo ega-raji ukuba luyakwazi, khu-lula zonke iimpahla zakho uze uhlambe ngaphambi kokubulisa usapho lwakho futhi qaphela impilo ukuze ubakhusele,” utsho.Isebe licebisa abantu aba-nezigulo ezinganyangekiyo ukuba batye ukutya okuse-mpilweni, bazivoca-voce rhoqo, bangazifukami izinto ezibakhathaza umphefumlo, basebenzise okanye basele amayeza ngokufanelekileyo baze balandele onke ama-nyathelo othintelo ayimfu-neko.
 vnqa zange osuleleke yintsholongwane – yena wayekhathalela abanye babantwana bethu ababini,” utsho u-Mohammed.
NgokweSebe lezeMpilo laseNtshona Koloni, abantu abanoxinzelelo lwegazi, abanesifo seswekile kunye nesifo sezi• Ukutyeba kakhulu, iipesenti ezili-13  kunye nomkhuhlane. Unyana wam ebenomkhuhlane iintsuku ezintathu, kodwa waphila ngokukhawuleza nje zakuba ziphelile iimpawu,” utshilo.
Usapho lwaka-Mohammed beluthobele iinkqubo zococeko emsebenzini nasekhaya, ukuphepha ukosuleleka yintsholongwane. “Usapho lwam beluqonda, lukhathala kwaye lusixhasa, kwaye belusiphathela isidlo sangokuhlwa rhoqo  U-Insaaf Mohammed onesifo sombefu, ukwazile ukuyoyisa iCOVID-19 .
Ukuba ubonisa naziphi na iimpawu, ezifana nomkhuhlane, ukukhohlela, okanye iphika, qhagamshelana nomnxeba wemibuzo ngeCOVID-19  kule nombolo: 0800 029 999 okanye uthumele ngoWhatsApp  eli gama: ‘Hi’ kule nombolo: 0600 123 456.CORONAVIRUSUPDATEEZINTSHA NGECOVID-19

