Ulutsha loMzantsi Afrika lulithemba nesibane esijonge kuso 

Vukuzenzele unnamed

Amazwi ka-Frantz  Fanon athi ‘isizuku-lwana ngasinye kufu-neka sifumane injongo yaso’ afika engqondweni yam ngalo lonke ixesha xa ndinethuba lokuthetha nolutsha loMza-ntsi Afrika.
 Nokuba luhlala phi kwaye nokuba lwenza ntoni, ngalunye lunentshisakalo yokuguqula ihlabathi. Nangona lufuna ngokwenene ukuguqula iimpilo zalo, lukwa-funa kwakhona ukwakha isizwe esingcono kunye nehlabathi elingcono. Luzibona njengama-joni alwela iinguqu notshintsho lokwenyani. Ezimbalini, oko ulutsha lwa-lwela utshintsho. Kule minyaka idlulileyo, ulutsha belusilwa amadabi amaninzi okukhaba intswela-bulungisa, ukusu-kela kuvukelo lwabafundi ngowe-1968 e-Paris, ukuya kwiintshukumo ezichasene nemfazwe eMelika ngeminyaka yowe-1960, ukuya kumzabalazo wokulwa nobukoloniyali kumazwe amaninzi ase-Afrika nawase-Asia, ukuya kwidabi lokulwa nocalu-calulo, ukuya kutsho kwiintshukumo zo-qhankqalazo lokulwela ulawulo lwentando yesininzi kumazwe ama-Arabhu, i-Arab Spring.Kutsha nje, ulutsha belu-phambili kwintshukumo ye-#BlackLivesMatter ethe yafuma-na inkxaso kwihlabathi jikelele emva kokubulawa kuka-George Floyd eMelika.Kwezi veki zimbalwa zidluli-leyo, amatsha-ntliziyo kwihla-bathi jikelele ebenyanzelisa ukuba kususwe imifanekiso eqingqiweyo ezukisa ubundla-vini nobundlobongela benkqubo yokurhweba ngamakhoboka kunye neyobukoloniyali. Kuqhankqalazo lwase-Oxford University kutshanje umqhankqalazi ebephakamisele phezulu ipheke-pheke lekhadi elibhalwe la magama ‘Rhodes must fall’, isikhalo sabafundi belizwe lethu kwiminyaka emihlanu egqithileyo. Ulutsha kwihlabathi jikelele lufumene into efanayo olunoku-yilwela. Luqhekeza imifanekiso eqingqiweyo kunye nezinye izi-nto ezimele ubuhlanga, lufuna ukuba imfundo yobukoloniyali iﬁ  kelele esiphelweni, kwaye lu-cela amaziko ezemfundo ukuba ashukuxe ubuhlanga kunye nokungabandakanywa koluntu kuphele.Kwakhona, njengoko  sihlonipha ulutsha lowe-1976 ngomhla we-16 kweyeSilimela 2020, sikwakhahlela kulutsha loMzantsi Afrika okhululekile-yo, olufanelwe kanye yinyhwe-ba yokuxhamla le nkululeko.Umsebenzi wolutsha lowe-1976 yayikukutshabalalisa imfu-ndo yocalu-calulo; uze owo-lutsha lwanamhlanje ibe kuku-qhubeka nephulo loxolelwaniso kunye nenguqu yesizwe. Kwixesha elizayo kuza kuthiwa lo nyaka, wama-2020, wawuyimbali. Hayi kuba intsholongwane i-corona ibangele umbhodamo ongathethekiyo kubomi nee-mpilo zabantu, koko uyishuku-misile indlela izinto ebezisenzi-wa ngayo kwihlabathi liphela.Indlela lo bhubhane uthe walibamba ngalo ihlabathi ube sisikhumbuzo sokuba ekugqibeleni sonke singabantu abaphila ngokubambisana ku-nye nokungalingani okunzulu okukhoyo phakathi kwamazwe nakumazwe ngaphakathi.Lo bhubhane usinika ithuba ‘lokuba sitshintshe’ eli hlabathi lisekelwe kumkhuba woku-nyoluka, ukungacingeli mntu nokungakhathaleli mntu hayi nje abantwini kuphela koko nakwizizwe ziphela.Ulutsha lusixelela ukuba iinqo-bo ezingundoqo zentembeko, ububele kunye nokubambisana kufuneka zibe ziimpawu eziphambili kweli hlabathi litsha liza kuvela, kwaye luzi-misele ukuba ziintshatsheli zeli hlabathi litsha futhi lingcono.Kwiingxoxo ebendinazo no-lutsha, ndithe akufunekanga siwadelele amandla ombono, kuba iimbono zingatshintsha kwaye sele zilitshintshile ihlabathi. Iimbono zibangele inkqubela phambili yoluntu kwaye zizinto ezinokusenza ukuba sikwazi ukuveza indlela entsha emva kokuba igqithile intsholongwane i-corona.Olu lutsha luziguqule iimbono zalo zaba ziintshukumo. Aluku-vumelanga ukunqongophala kwezixhobo ukuba luzithintele. Luzikhethele ngokwalo imise-benzi elifuna ukubalasela kuyo kumacandelo ahlukeneyo asuka kwelobuchwepheshe lwezinga eliphezulu ukuya kumaphulo okuzisa uzinzo kokusingqongi-leyo.Ngoku kunangaphambili siza kujonga kubuchule ku-nye nomoya wobuvulindlela bolutsha lwethu ukuba luze nezisombululo kwingxaki yokungaqeshwa enokubanceda, kwiindawo abahlala kuzo na-kwisizwe ngobubanzi.Ngaxeshanye, ndicela umnge-ni kulutsha lwelizwe lethu ukuba luzobe luze luyile iinkqubo ezinokusinceda ukuba siphumeze iinjongo zethu zo-phuhliso. Ngowe-1961, i-Cuba eyayi-khokelwa ngoovulindlela yathumela imikhosi yamavo-lontiya asematsha ezintabeni nasezilalini ukuyokwakha izikolo, ukufundisa ukufunda nokubhala kunye nokuqeqesha ootitshala abatsha. Isabonwa njengelona phulo liphumelele kakhulu lokufunda nokubhala kwimbali yanamhlanje.Ulutsha lwakuthi kufuneka luze namaphulo okuphucula uluntu kwaye kufuneka luwa-khokele ngokwalo la maphulo.Kanye ngolwa hlobo ulutsha beliqhuba ngalo ukulwa idabi lokungalingani kwimfundo ephakamileyo, kufuneka luse-benzise laa moya mnye lulwele ukuba iinkonzo zezempilo zifunyanwe ngumntu wonke ngokulinganayo, iinguqu kwindlela owabiwe ngayo umhlaba kweli kunye, futhi nokubaluleke kakhulu, ubu-lungisa kwezesini. Njengabo bonke abemi boMzantsi Afrika, ndiphazanyi-swe kakhulu kukuhlaselwa nokubulawa kwamanina ase-matsha ngamadoda, ezi zehlo zothusayo zobulwanyana azi-nandawo kwisizwe sakuthi. Iintshukumo zoluntu ezikho-kelwa lulutsha, ukufundisa kunye nengcebiso yoontanga zizixhobo ezibalulekileyo kwimizamo yethu yokuphelisa ubundlobongela obusekelwe kwisini kwisizwe sakuthi. Kwangaxeshanye, kufuneka siyiqinise inkqubo yezobulungi-sa yeli, ukuqinisekisa ukuba abophuli-mthetho bayabanjwa, neemeko zebheyile nengqawule ziyaqiniswa kwaye abo bagwe-tyelwe ubomi entolongweni bachitha ubomi babo bevalelwe. Nangona oku kudinga intshu-kumo yesizwe sonke, ndicela ingakumbi bonke abafana ukuba baluthathele kubo idabi lokulwa umkhuba wobundlo-bongela obubhekiselele kwisini. Ngaphandle kokuba siyigqibe le mfazwe ebhekise kumanina oMzantsi Afrika, iphupha lesi-zwe esitsha aliyikuzalisekiswa. Abo bethu abebeyinxenye yemibutho yabafundi ngexesha lombuso wocalu-calulo basoloko bebuzwa ukuba sicinga ntoni ngolutsha lwanamhlanje. Kukho umdla wokubalekela kwixesha lakudala elimalunga ‘neentsuku ezimnandi’ zepolitiki yabafundi kunye nomzabalazo wobutsha, ungaze uphindwe.Kodwa kanye njengokuba ulutsha lwakudala luchaze uthumo lwabo, ulutsha lwa-namhlanje luzichaza iinjongo zalo, ulutsha lwanamhlanje luzichazile eyazo.Ulutsha lwaseMzantsi Afrika lowama-2020 luyakwazi, futhi gqibelele, ukuhamba ezi-nyaweni zobhuti noosisi balo bangaphambili. Lunethemba, lomelele kwaye lunesibindi, lu-hlala rhoqo lujamelene neemeko ezinzima.Lulithemba nesibane esijonge kuso. Ngemisebenzi yalo, lwakha ihlabathi elinobulungi-sa, elilinganayo, elinozinzo ku-nye noxolo.Ulutsha kwihlabathi jikelele lucela amaziko ezemfundo ukuba ashukuxe ubuhlanga kunye nokungabandakanywa koluntu kuphele.