Masikhusele size sixhase abantwana bethu 

vukuzenzele unnamed

 USuku lweHlaba thi lokuKhuselwa kwaBantwana, kubanjwa isikhumbuzo salo kwihlabathi liphela ngo mhla wesi-3 kweyeSilimela, ngeenjongo zokufundisa ngamalungelo abantwana kwihlabathi liphela nentlalontle. Kamnandi, olu suku lukwalusuku olufanayo noSuku lweHlabathi laBazali le-UN, elihlonipha indima edlalwa ngabazali nabagcini-bantwana kwimpilo ya bantwanaNdifuna ukubulela izigidi za bazali, oomawomkhulu kunye nabagcini-bantwana eMzantsi Afrika abaqhubekayo noku dlala indima emandla ngethuba bekwinqanaba elibalulekileyo labantwana bethu. Inkuthazo, inkxaso kunye nokhuselo aba ntwana abalufumana kubazali nabagcini-bantwana zibalulekile kubomi nempumelelo yabantwana xa bebadala.Ngomhla woku-1 kweye Silimela eli lizwe lakuthi li ngene kwisigaba esitsha kwi dabi lokulwa intsholongwane  i-corona. Amacandelo amani nzi ezentlalo nawezoqoqosho avulile, kuquka nokuvulwa kwezikolo ngokwezigaba. Besithe siza kwenza unye nyiso ngendlela engangxa manga, sikhokelwa zingcebiso esizifumana koosonzululwazi nangokujonga iimeko esizibonayo ekuhlaleni nangoku fakana imilomo namahlakani. Kwezi veki zimbalwa zidlu lileyo, njengoko sisenza amalungiselelo okubuyela kwabantwana esikolweni, siye sabamba iingxoxo ezishushu nabo bonke abadlali-ndima kwicandelo lezemfundo. Sikhokelwe ziziphumo zezi ngxoxo kwindlela esiyisombu lula ngayo le ngxaki inzima futhi ingumngeni omkhulu.Uninzi lwala mahlakani – aquka ootitshala nabazali – luvakalise inkxalabo ngemeko yezikolo ezininzi engekabikho kwisimo esifanelekileyo. Sibavile, kwaye siyazibulela izimvo zabo eziligalelo kwaye sithatha amanyathelo afanelekileyo ukulungisa ezi zinto zibaxhalabisayo futhi sizithathela ingqalelo nezi phakamiso zabo.Siyayiqonda into yokuba kutheni ingaqini iminqwazi yabazali nabagcini-bantwana abaninzi malunga nokuvulwa kwezikolo. Siyavuya kuba abantwana beza kukwazi ukubuyela esikolweni emva kwexesha elide izikolo namaziko emfundo ephakami leyo evaliwe. Abantwana bakulangazelela kakhulu ukubuyela esikolweni babone abahlobo nootitshala.Kodwa lisekhona ixhala elincinci kubazali, kootitshala nakubafundi uqobo.Abazali bafuna ukuqinisekisa ukuba enziwe amalungi selelo okukhusela abafundi ngendlela efanelekileyo. Ukhu seleko lwabantwana kwe zempilo nasemzimbeni yinto ebaluleke ngaphezu kwazo zonke kuthi. Yinto eyiyeyona ingundoqo kuthi.Njengoko sisenza amalungiselo okuvula izikolo nama ziko emfundo ephakamileyo ngokwezigaba, amagosa emfundo awasalali imini nobusuku esebenza eqinisekisa ukuba enziwe onke amalungiselo ezempilo nawokhuseleko. Nokuqinisekisa ukuba nama xwebhu anika iingcaciso nge endlela zokusebenza zomntu wonke anikwe zonke izikolo. Ezi ndlela zokusebenza zo mntu wonke ziquka imiba efana noqeqesho nokufundi swa kwabantu abaza kuhlola iimpawu ze-COVID-19, uku tshintshwa koluhlu namaxe sha okufunda nokuvavanya, ukutshintshwa kwindlela ekuhlalwa ngayo kumagumbi okufundela ukuze kukwazi ukuba kungabikho ukuso ndelelana kwabafundi.Siyaqhubeka nenkqubo yokuthumela izixhobo zokuzikhusela ezikolweni kwano kuqinisekisa ukuba iinkonzo zamanzi nezogutyulo zikho na. Ukufunda, xa sekuqa lile, kuza kuqhutywa phantsi kwemiqathango engqingqwa egxininisa ukuba liqingqiwe inani labafundi abakwigumbi lokufundela ngexesha. Njengabazali, ootitshala, amaqumrhu olawulo lwesikolo kunye norhulumente, si yavumelana ukuba akukho si kolo siza kuvulwa ade enziwe onke amalungiselo okhuselo. Kufuneka ziziswe ngapha mbili ingxelo ezicacisa imeko yesikolo ngasinye malunga nokulungela ukuvula. Wonke umntu ongumdlali-ndima ophambili, nokuba ngumza li, iqumrhu lolawulo lwesi kolo, utitshala okanye igo sa likarhulumente kufuneka akwazi ukufumana ulwazi oluchanekileyo ngemeko yokulungela ukuvula yesikolo ngasinye. Luxanduva lwethu sonke ukuqinisekisa ukuba  indawo yokufunda ikhusele kile.Ndibothulela umnqwazi ikakhulu abazali nabagcini-bantwana ngendima abayidla lileyo kwezi nyanga zimbini zidlulileyo. Ngethuba izikolo bezivaliwe, ibingabo abebesenza umsebenzi omkhulu wemihla ngemihla wokufu ndisa nokukhulisa abantwana babo. Abazali abaninzi naba gcini-bantwana bebencedisa abafundi ngomsebenzi wabo wesikolo emakhaya, ngolo hlobo ndiqinisekile ukuba nabo baye bawubona nomsebenzi onzima owenziwa ngoo titshala beli imihla nezolo. Lakuba ligqithile ixesha lokuvalelwa phantsi kwemiqathango ethile baze na bafundi abaninzi babuyela esikolweni, thina bazali kufuneka siqhubeke nokudlala indima emandla kwimfundo yabantwana bethu, nokuba kukuba yinxalenye yequmrhu lolawulo lwesikolo, nokufaka isandla ngokuthi sinike uncedo njengamavolontiya esikolweni nokuba loluphi uhlobo loncedo esinokulinika. Abazali bangancedisa ngokuthi bancedise kumaphu lo okucoca isikolo, ukulima izitiya zemifuno okanye babe yinxalenye yeekomiti zabahlali zokukhusela isikolo. Oku kungazitshintsha izikolo zitsho zibe ‘zizikolo zoluntu’ ngenene.Nangona sinexhala noloyiko njengoko abantwana bethu bephuma ezindlwini zethu, kufuneka kodwa sihlale ne themba elithi akukho nto ingenziwanga ukuqinisekisa ukuba bakhuselekile. Njengabazali, nisinike uxanduva lwentlalontle nokhu seleko lwabantwana benu. Lo msebenzi siyabuqonda ubu nzulu bawo. Kwezi ntsuku neziveki zizayo, siza kuyibeka esweni le nkqubo yokubuyela kwabantwana esikolweni. Ukuba silandela yonke imigaqo sithathe namanyathelo okuzikhusela – njengabazali, ootitshala, uluntu nabafundi – singaluthena ulwamvila lwentsholongwane i-corona.  Ekugqibeleni zizinto ezenzi wa ngumntu ngamnye ne sizenza sisonke eziza kukhu sela abantwana bethu. Nanto ni na esiyenzayo elandelayo ngoku, kufuneka siyenze ngokubambisana.
 