UMzantsi Afrikaungena kwisigaba sesi-3

vukuzenzele unnamed

 UMongameli uCyril  Ramaphosa ubhe ngeze ukuba  uMzantsi Afrika ungene kwisiGaba sesi-3 ukususela ngomhla woku-1 kweyeSi limela – apho kwandiswe khona amacandelo oqoqosho avulwayo kananjalo ku suswe izithintelo eziliqela kwiintshukumo zabantu.
Esenza intetho esizweni kutshanje ngemiba emi tsha yesicwangciso-cebo esilungisiweyo semingcipheko yaseMzantsi Afrika kulawulo lokusasazeka kwe-COVID-19, uMongameli uthi ilizwe liya kusebenzisa iindlela ezahlu keneyo  kulawulo lweendawo ezinabantu abaninzi abanale ntsholongwana nabosulelekayo.
Iindawo ezinabantu abaninzi ngokugqithisileyo abane COVID -19Ezi ndawo zibhengezwe njengeendawo ezinababantu abaninzi abanentsholongwane ye-corona. Ziquka  ezi zixeko zimbaxa zilandelayo:
isiXeko saseTshwane  isiXeko saseGoli  Ekurhuleni  eThekwini  isiXeko iNelson Mandela Bay i-Buffalo City isiXeko saseKapaEzinye iindawo ezichongwe njengeendawo ezinabantu abaninzi ngokugqithisileyo abanesi sifo ngumasipala wesithili waseWest Coast, iOverberg neCape Winelands eNtshona Koloni, isithili saseChris Hani eMpuma Kolo-ni, kunye nesithili sase-iLembe KwaZulu-Natal.Indawo enabantu abaninzi ngokugqithisileyo yindawo enabantu abangaphezu kwesi-hlanu abasulelekileyo kubantu abangama-100 000 okanye apho inani labantu abatsha abasulelekayo landa ngesantya esikhawulezayo. Njengelinge lokunqanda le ntsholongwane kwezi ndawo, urhulumente uza kuqalisa izicwangciso ezinzulu zonge-nelelo ezijoliswe ekunciphiseni inani labantu abatsha abasule-lekayo.“Siseka imimiselo enamandla yokucupha, ukunqanda usule-leko ngokunjalo nolawulo. Siza Kubeka iqela labasebenzi abanamava eliza kugxumeka iintente zalo lihlale isigxina kwindawo nganye enabantu abaninzi ngokugqithisileyo abanale ntsholongwane,” utsho uMongameli.Eli qela liya kuquka iingcali zezifo ezingoobhubhane, iingcali zempilo yeentsapho, abongikazi, abasebenzi bempilo yoluntu, iingcaphephe zempilo yoluntu kunye neenkonzo zonyango kwiimeko zikaxakeka, kwaye liya kuxhaswa ziingcaphephe zaseCuba.“Siza kuqinisekisa ukuba indawo nganye enabantu abaninzi ngokugqithisileyo abane-Covid-19 inazo nkonzo zova-vanyo, izibonelelo zokubekwa komntu yedwa, izibonelelo zolwahlukaniso kuthintelo losasazeko, unyango, iibhedi zasesibhedlele nokufumaneka komkhondo wabadibene na-basulelwe yile ntsholongwane.“Ukuba kukho imfuneko, nayiphi indawo yelizwe  inokubuyiselwa kwisigaba sesi-4 okanye sesi-5 ukuba inani labantu abosulelekileyo liyaqhubeka nokukhula nangoku sele sithathe la manyathelo okungenelela kwaye kubonakala ukuba amaziko ethu ezempilo aza konganyelwa ngamandla ngumthwalo wabantu abafuna uncedo,” utshilo.Uluhlu lweendawo ezinabantu abaninzi ngokugqithisileyo abanale ntsholongwane luza kuphengululwa rhoqho emva kweeiveki ezimbini kodwa oku kuza kuxhomekeka ekwandeni kwale ntsholongwane.Ukuvulwa koqoqoshoUkungena kwisigaba sesi-3, esingene kuso ekuqaleni kwenyanga yeSilimela,  kubandakanye ukubuyiselwa kwamacandelo oqoqosho amaninzi emsebenzini, kodwa kufuneka athobele imimiselo engqongqo yempilo kunye nemithetho yokungasonde-lelani phakathi kwabantu.  Bathe chatha nabasebenzi bakarhulumente ababuyele emisebenzini ngokwamaso-lotya oMthetho wokuKhusela uMonzakalo neziFo emSebenzini nangokukhokelwa liSebe leeNkonzo zikaRhulumente noLawulo, nangokubambisana nawo onke amanye amasebe karhulumente.

Imimiselo nezicwangciso kwiindawo zokuphangelaNgokuya kusandiswa ama-candelo oqoqosho avulwayo, urhulumente uya kuthembela kwizivumelwano zentsebenzisano  nabo bonke abadlali-ndima abaphambili kwiindawo zokuphangela nakwintsebenziswano  phakathi kwabasebenzi no-luntu.
“Ngoko ke, siza kuqoshelisa imimiselo yamacandelo eli-qela futhi siya kufuna ukuba inkampani nganye iqulunqe esayo isicwangciso sendawo yokuphangela phambi koku-ba ivule,” utshilo.Ngokwezi zicwangciso, iinkampani kuza kufuneka ukuba ziseke imimiselo nezi-bonelelo zococeko nezoku-kuthaza ukungasondele-lani phakathi kwabasebenzi; kuza kufuneka ukuba zihlole abasebenzi zijonga iimpawu ze-Covid-19 xa befika emse-benzini yonke imihla, ziba-beke bodwa abo bafumaneke benale ntsholongwane zize zenze amalungiselelo okuba bavavanywe.
“Kwakhona afanele uku-ncedisa ngokufumaneka komkhondo wabadibene nabo bafunyaniswe benale ntsholongwane. Ngenxa yokuba besemngciphekweni omkhulu wokosuleleka, bonke abasebenzi abaneminyaka yobudala engaphezu kwama-60 kunye nabo bebesele benezifo ebezibahlupha kakade ezifana nesifo sentliziyo, eseswekile, isifo semiphunga esesinethuba sikhona kunye nesomhlaza bafanele ukuhlala ekhaya,” utsho uMongameli.Abasebenzi abanokusebenzela ekhaya mabavunyelwe ukuba benze njalo.Ngokuthobela le mimiselo, yoonke imizi-mveliso,  imi-godi, icandelo lezokwakha, eleenkonzo zezimali, iinkonzo zobungcali nezoshishi-no, ezobuchwepheshe beenkcukacha, ezonxibelelwano, ezikarhulumente nezosasazo lweendaba, ziza kuvulwa ngomhla woku-1 kweyeSilimela. Ukuqalisa ngokutsha okufanelekileyo nokufakelwa kwezicwangciso ngokwamabakala kuya kufuneka kwenziwe ngokwendawo nganye yoku-phangela.“Iivenkile ezinkulu nezo zithengisa ngezixa ezikhulu ziza kuvulwa ngokuphele-leyo, kuquka iivenkile zesiqhelo, iivenkile ezizizikroxo (iziphaza) naba-thengisi abangabhalisanga ngokusesikweni. Urhwebo olwenziwa nge-intanethi luza kuhlala luvulelwe. Amanye amacandelo ebevuliwe ngaphambili, afana nelezolimo kunye nezamahlathi, awezinto ezisetyenziswa imihla ngemihla, iinkonzo zonyango, awokwenziwa kweemveliso zokutya naweemveliso zococeko, aya kuqhuba ngokuvulwa ngokupheleleyo,” utshilo.
Amacandelo ezoqoqosho anobungozi asavaliweAmacandelo ezoqoqosho asemngciphekweni omkhulu wokusasaza le ntsholongwane aseza kuvalwa. La macandelo aquka:
• Iirestyu, izimokolo nezinye iindawo zentselo, ngaphandle kokuba uku-tya kuza kusiwa okanye kuza kulandwa.• Iindawo zokuhla-lisa abahambi nezothutho lwasemoyeni lweli lizwe, ngaphandle kwabo  bahambela iingxaki zoshishino, oluya kuvulwa ngokwamabakala ngemi-hla eya kubhengezwa.• Iinkomfa, amatheko, ne-micimbi yokuzonwabisa neyemidlalo.• Iinkonzo zokhathalelo lobuqu bomntu, kuquka iinkonzo zokulungiswa kweenwele nezobuhle.Ukuhamba-hamba kwabantu nokuthengiswa kotywalaAbantu baya kukwazi ukulolonga imizimba yabo nangeliphi ixesha emini, kodwa bangakwenzi oko ngokwamaqela. Kuya ku-vulelwa ukuhamba-hamba kwabantu.“Utywala bungathengiselwa umntu oza kubuse-lela ekhaya kuphela phantsi kwemiqathango engqongqo, ngemihla exeliweyo futhi kwiiyure eziqingqiweyo. Kuza kwenziwa izibhengezo malunga nalo mba  sakuba sigqibile ngeengxoxo neli candelo malunga nemiqathango eyahluka-hlukeneyo,” utsho uMongameli.Intengiso yeemveliso zecu-ba ayizikuvumeleka nalapha kwisigaba sesi-3, ngenxa yobungozi beemveliso ze-cuba kwabo batshayayo.“Zonke iindibano azivume-lekanga nangoku, ngaphandle kwemingcwabo nayo engafanelanga kuba nabantu abangaphezu kwabanga-ma-50 okanye iintlanganiso zemisebenzi kwindawo yokuphangela,” utshilo.Kulindeleke ukuba linyuke inani labasule-lekileyoUMongameli Ramaphosa uthi, njengamalungiselelo okunyuka okulindelekileyo kwamanani abantu abasule-leke nge-COVID-19 kweli lizwe, zimalunga nama-20 000 iibhedi zezibhedlele ezi-lungisiweyo, nezilungisele-lwa izigulana ze-COVID-19, kanti kwakhiwa nezibhedlele zethutyana ezingama-27 eli-zweni jikelele. “Ziliqela kwezi zibhedlele esezilungiselelwe ukwamkela abantu abosule-lwe yintsholongwane yeCorona.” UMongameli uthi urhulu-mente uyawubulela umse-benzi abaqhuba ngokuwenza abasebenzi bakarhulumente, ngakumbi abo basebenza ngqo noluntu kweli dabi lokulwa i-COVID-19.“Ukhuselo lwabo bonke abasebenzi, kuquka abase-benzi bakarhulumente, ngumba osentloko kuthi. Siza kuqhuba  ngokwenza onke amalinge okunika inkxaso yobonelelo olwane-leyo lwezinxibo zokhuselo lobuqu bomntu ukuqinise-kisa ukhuselo lwakhe wonke umntu osemsebenzini.“Okuphambili kuthi kukunciphisa amathuba okusasa-zwa kwale ntsholongwane nokudala isizwe esikhusele-kileyo kuye wonke umntu,” utsho. 
Amacebiso afanele ukulandelwa ukuthintela ukusuleleka sisifo sentsholongwane yeCorona .
 »Hlala ekhaya kangangoko unakho. »Khumbula ukungasondelelani nabanye abantu »Nxiba imaski yakho yobuso »Hlamba izandla zakho ngesepha ngocoselelo. Hlamba imiva yezandla zakho, phakathi kwemi nwe naphantsi kweenzipho. Qho phambi kokuba utye hlamba izandla zakho ngesepha emva kokuba ubuphandle phakathi koluntu.  »Gquma umlomo wakho ngephepha lokusula impumlo xa ukhohlela okanye uthimla. Kuthintele ukubamba ubuso bakho ngezandla ezimdaka ngawo onke amaxesha.  »Funa uncedo lonyango xa uziva ungaphilanga. Iimpawu eziqhelekileyo zeCOVID-19 emzimbeni ziquka ukukhohlela, impumlo evuzayo, umkhuhla ne nephika. Ukuba uziva unazo naziphi kwezi mpawu, cela uncedo lweengcali zonyango kwa ngoko.
Ngolwazi oluthe vetshe tsalela umnxeba kwiZiko leSizwe leZifo eziSulelayo (i-NICD) kumnxeba ohlala uvuliwe imini nobusuku kule nombolo 0800 029 999 okanye ngena apha: www.health.gov.za  nalapha: www.nicd.ac.za