Ukuvalwa kokuthengiswa kwemidiza kuya kusindisa ubomi babaninzi

Silusapho Nyanda

Abantu abatshayayo abanentsholongwane i-corona (COVID-19) bakumngci-pheko wokubulaleka zimpawu ezimandundu.
I-COVID-19 yintsho-longwane echaphazela ukuphefumla. Ngokunjalo, abantu abatshayayo basemngciphekweni wokubulaleka ngokuphindwe kabini ngaphezulu zimpawu ezimandundu kunabantu abangazange batshaya, utsho uGqirha Catherine Egbe, usonzululwazi oyingcaphephe leBhunga laseMzantsi Afrika loPhando-nzulu kwezoNyango  ngoTywala, iCuba neZinye iziYobisi.UGqi Egbe uthi ukutshaya kwaziwa njengonobangela wezigulo ezininzi ezinganyangekiyo abantu abaphila nazo ezayanyaniswa neempawu ezimandundu ze-COVID-19.Oko kuquka:
• umhlaza• isifo sentliziyo
nokufa icala• umbefu• isifo seswekile. “Nkqu nokuba ukutshaya akubangeli lowo utshayayo asweleke ngokuthe ngqo yi-COVID-19, kusenokubangela oku ngokungathanga ngqo kuba abantu abatshayayo basemngciphekweni wokuba nezifo ezinokukhokelela ekuswelekeni kwabo ngenxa yale ntsholongwane,”  utshilo.Ukongeza apho, ukutshaya umdiza konzakalisa phantse ilungu ngalinye lomzimba kwaye ngokwesiqhelo kunciphisa amandla omzimba okulwa nezifo.UGqi Egbe uthi ukutshaya icuba kuvelisa amachiza angaphezulu kwama-7 000; ama-250 walamachiza angqinwe njengawungcolisayo umzimba womntu. Kula machiza angama-250, angama-69 aziwa njengabangela isifo somhlaza. Oku kuyayicutha impilo yomntu otshayayo kunye nabo basesichengeni somsi wokutshaya abawuphefumlayo bengatshayi benjalo bona, ucacisa atsho uGqi Egbe. Uthi abo bazizigulana ze-TB nombefu nabo basemngci-phekweni omkhulu ngoku-malunga ne-COVID-19. “Ukuza kuthi ga ngoku, bukhona ubungqina obubo-nakalisa ukuba abo bagula ngumbefu basemngciphekweni wokuba neempawu ezimandundu okanye  bangade basweleke xa be-nokosulelwa yi-COVID-19. Alukho uphononongo olushicilelweyo olubonisa ukuba izigulana ze-TB zisemngciphekweni kodwa uMbutho wezeMpilo weHla-bathi (WHO) ucebisa ngelithi asiyonto inokungalindeleki ukuba abantu abane-TB babe neziphumo ezingezihle ku-nyango xa benokosulelwa yi-COVID-19. Uthi isigqibo sokuvala ukuthengiswa kwemidiza phantsi kwenqanaba langoku lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile ku-hambelana ngqo neemfuno zoluntu.Ukuthengiswa kwemidizaUMongameli u-Cyril  Ramaphosa ekuqaleni wathi wavakalisa ukuba phantsi kweNqanaba leSine, ukuthengiswa kwemidiza kuza kuvunyelwa kodwa ke urhulumente waphinda wasijika eso sigqibo emva kokuba iBhunga leSizwe loLawulo lweNtsholongwane i-corona lithe la-fakana imilomo neengcali zezonyango kunye nabanye abadlali-ndima ababaluleki-leyo. UGqi Egbe uthi ngaphandle nje kwempembelelo ukutshaya okunayo empilweni, amaxesha amaninzi umdiza kuyatshayiswana ngawo into leyo enokukhokelela ku-suleleko olukhawulezileyo lwe-COVID-19 kuluntu lwasekuhlaleni.“Khumbula, ukuba abantu bayacelwa ukuba bangazi-phathi emlonyeni, iimpumlo namehlo. Xa umntu etshaya, akazokwazi uku-thobela lo mthetho wezempilo,” utsho uGqi Egbe.Kwilizwe apho khona iNtsholongwane kaGawu-layo/noGawulayo (HIV/AIDS), isifo sephepha (TB), ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi notywala kugqubayo, phakathi koku-nye, uGqi Egbe ukholelwa ekubeni urhulumente uthathe isigqibo esifanele-kileyo.  Uthi urhulumente use-benzisa ulwazi analo uku-thatha amanyathelo okuhlala elumkile ukuqhubeka ukukhusela uMzantsi  Afrika ukuba ungazibhaqi ukwimeko efana nombono obonwe kumazwe afana ne-Italy.“Asikokuvalwa ngokusigxina oku; abantu mabakukhumbule oko,” utshilo.Ngokwangoku, uMzantsi Afrika unenani elimbalwa lezixhobo zokukhupha zingenise umoya kwaye uku-ba kunokwenzeka ukuba inani labo bazidingayo ngeli xesha lalo bhubhane lonyuke, ilizwe lethu lakuzibhaqa lisengxingweni lize lingakwazi ukubanceda abo badinga uncedo. “Izixhobo zokukhupha zingenise umoya esinazo zingaphezulu kancinci kuma-3 000. Khawufane ucinge xa kunokwenzeka ukuba abo bangaphezulu kweminyaka engama-65 batshayayo, banokudinga izixhobo zokukhupha zingenise umoya. Singadinga ngaphezulu kwe-10 000 lezixhobo zokukhupha zingenise umoya ukwenzela elo qela nje kuphela. Zezinye zezinto urhulumente azama ukuzithintela ukuba zingenzeki ezo. Siyathemba ukuba abantu oku bayakubona njengesizathu esilungileyo sokuyeka ukutshaya,” utshilo.
Ubusazi na?  Ungatsalela umnxeba iBhunga leSizwe eliChasene nokuTshaya kwa011 720 3145 ukuze likuncede uyeke ukutshaya.  UMbutho woMhlaza waseMzantsi Afrika uqhuba inkqubo yomnathazwe/ye-intanethi, enikezela ngenkxaso nolwazi kubantu abatshayayo abangathanda ukuyeka ukutshaya kwahttp://www.ekickbutt.org.za.
