Ulawulo lwethu lwentando yesininzi luza kusinceda siyoyise iCOVID -19

vukuzenzele unnamed

Ngamanye amaxesha siyithatha lula into yempilo yethu no-lawulo lwentando yethu ye-sininzi oludlamkileyo. Kanti mhlawumbi kokona kukhulu sinako kumzabalazo wethu okhulayo ukoyisa ubhubhane wentsholongwane ye-corona.
Sinabona bemi babandakanyeka ngamandla kwezopolitiko ehlabathini. Uphando luvo lo-wama-2018 olwalusenziwa liziko lophando-nzulu i-Pew Research Centre lubonisa ukuba abemi baseMzantsi Afrika bathambekele ngamandla ekutha-theni amanyathelo ezopolitiko malunga nemiba abakholelwa ngamandla kuyo, efana nenkathalelo yezempilo, ezemfundo, ukuthetha ngokukhululekileyo norhwaphilizo.  Olu phando luvo lungqina ngakumbi oko sesikwazi malunga nathi. Akukho nto siyonwabela kakhulu ngathi kukubandakanyeka ngamandla kwingxoxo eziphilileyo norhulumente wethu naphakathi kwethu kwimiba etshisa ibunzi yosuku. Sinoluntu olusebenzayo olusoloko lukulungele ukukhusela iinkululeko namalungelo wethu abalulekileyo. Enye yeempumelelo zolawulo lwentando yethu yesininzi yeyokuba ummi ngamnye waseMzantsi Afrika ukholelwa uku-ba uMgaqo-siseko uyamkhuse-la kwaye inkundla ngumlamleli ofanelekileyo nongakhethi cala kwiimfuno zakhe. Ndizibhaqe ndicinga ngayo le miba kutyelo lwam lwakutsha nje lwaseMpuma Koloni lokuhlola isimo sokulungela kweli phondo ukuqubisana nentsholongwane ye-corona. Ndikhe ndabuzwa ngunondaba othile ukuba ingaba andixhalabanga na sisimangalo esifakwe enkundleni sithetha nje esicela umngeni kwizi-bonelelo ezithile zoMthetho woLawulo lweNtlekele. Lo mthetho sisiseko semimiselo ekubhengezwe phantsi kwayo ubume bentlekele besizwe esi-the sasibhengezela ukuthintela ukunwena kwentsholongwane ye-corona.Ukususela ukuqala kwale ntlekele, linani elininzi labantu abasebenzise ilungelo labo lokuya ezinkundleni. Imimiselo yokumiswa ngxi kweentshu-kumo yaye yacelwa umngeni kwakwiveki yokuqala yoku-miswa ngxi kweentshukumo ngummi waseMpumalanga obefuna ukunxaxha kokuthintelwa kwehambo kuba efuna ukuvunyelwa aye emngcwa-beni. Kwiiveki ezisixhenxe (7) eziye zalandela, kuye kwafakwa iqela lemingeni yezomthetho livela kwiqela labantu abazimeleyo, imibutho yezenkolo yakwa-lizwi, imibutho yezopolitiko, imibutho engekho phantsi ku-karhulumente (ii-NGOs) nemibutho yezoshishino ngokuchasene nelinye lama-linge emimiselo yokumiswa ngxi kweentshukumo okanye nangaphezulu abangaxolanga yiyo. Abanye baye baphumelela kwimingeni yabo yezomthetho abanye abaphumelelanga. Abanye baye ezinkundleni phantsi kwebango lokungxa-miseka kwamatyala wabo apho iingxoxo zokungxamiseka kwa-matyala wabo ziye zachithwa yinkundla abanye baye balandela ndlela zimbi ukufumana uncedo abebelufuna. Abanye kamva baye bazirhoxisa izicelo ababezifakile zemingeni emva kokuthethana norhulumente. Nangona sinokuthanda ukuyiphepha imfuno yokuba kuthathwe nawaphi na amanya-thelo ezomthetho achasana norhulumente, kufanele siyamkele eyokuba abemi abangaxolanga nangalo naliphi na inyathelo urhulumente agqibe ukulife-zekisa banelungelo lokuya ezinkundleni ukuya kufuna naluphi na uhlobo lo ncedo abalufunayo. Lo ngumthetho-siseko oqhelekileyo wolawulo lwentando yesininzi omili-selwe kumgaqo-siseko nendlela eyamkeleke ngokupheleleyo yokwenza kwilizwe elisekwe phantsi kolawulo lomthetho.  Sineendlela zokukhangela novavanyo ezikhoyo ukuqini-sekisa ukuba zonke iinkalo zo-lawulo zingakwazi ukumelana nopicotho olugxile kumgaqo-siseko. Apho sifumaneke khona sibhadula, siza kwenziwa ukuba siphendule zinkundla kwaye, ngaphezu kwako konke, ngabemi bakuthi. Ngaphandle kweenkundla zethu, sinalo i-Ofisi yoMkhuseli WoLuntu kunye neKomishini yamaLungelo oLuntu yoMzantsi Afrika ukuphuhlisa amalungelo wa-bemi, ngokufanayo nemibutho enikwe uxanduva lokongamela nokubeka esweni ii-arhente zonyanzeliso mthetho.Njengoko nditshilo kunondaba, ummi ngamnye wa-seMzantsi Afrika unelungelo lokubhenela ezinkundleni nkqu nam, njengoMongameli, andi-nako tu ukuthintela nabani na osebenzisa elo lungelo.Bekusoloko kukho, kwaye kusezakuhlala kuqhubeka kukho, ukugxeka okudlamkileyo nokungqwabalala  kwemiba eliqela endlela yethu yesizwe esiqubisana ngayo nentsholongwane ye-corona, ukususela ekusetyenzisweni kolwazi olukhoyo nokubo-nisa, ukuya kwimpembelelo yezoqoqosho lokumiswa ngxi kweentshukumo, ukuya kwi-mimiselo. Singurhulumente asikhange simeme ukuba ku-danjiswe okanye kuthuliswe oko kugxekwa.Ngokuchasene noko,  ukugxekwa, apho kuneenjongo zokwakha khona, kuyasinceda sikwazi ukulungelelanisa size sihambe ngokugqadazayo ukuqubisana neemeko ezine-mingeni. Kutyebisa ingxoxo-mpikiswano kawonkewonke kuze kusinike ukuyiqonda ngokubanzi imiba ekuphethwe yona. Sisoloko sisitsho ukuba sixhomekeke kulwazi lobunzululwazi, loqoqosho nolwabakholose ngamava xa kufanele sithathe izigqibo nokuqulunqa imimiselo malunga nokuqubi-sana kwethu nentsholongwane ye-corona. Ikakhulu apho kunokwenzeka khona phantsi kwezi meko zinemingeni, sizimisele ukufakana imilomo nothethathethwano. Sifuna wonke ummi waseMzantsi Afrika ukuba abe yinxalenye yeli linge lesizwe. Ilizwi la-bemi abaqhelekileyo kufuneka liqhubeke ukuhlala livakala kwixesha elinzima elifana neli langoku.  Ubhubhane wentsholongwane ye-corona namanyathelo esi-wathathileyo ukuthintela kuye ekutsaliseni abantu bakuthi nzima. Kuye kwabangela ukuphazamiseka okukhulu nenzima. Nangona sinokubona-kalisa inkqubela esiyenzileyo ekulibaziseni usuleleko lwale ntsholongwane, kuse kude ngaphambili. Iiveki neenyanga ezisezayo zisezakuba nzima kwaye zizakufuna nangakumbi kubantu bakuthi.  Ngoko ke lo bhubhane useza kuqhubeka ukubeka ubunzima obukhulukazi kuluntu lwakuthi nakumaziko. Nangona siluvula kancinci-kancinci uqoqosho, impembelelo kwiimeko zabantu bakuthi iza kuba buhlungu. Lo gama oku kusenjalo, ukulindeleka kokungaboni ngaso-nye, ukungavisisani nokungo-neliseki kuya kuhlala kukho.Njengoko sihamba sifunisa indlela kumanzi alephuzayo, uMgaqo-siseko wethu sesona sikhokelo sethu sibalulekileyo nolona khuseleko lwethu lulo-lona luxabisekileyo. Ulawulo lwentando yethu yesininzi oludlamkileyo lusibonelela ngamandla nokomelela esi-kudingayo ukuze siyoyise le ntlekele inzulu kangaka.Kanye ngale ndlela urhulu-mente ekuqonda ukuba uninzi lwezicelo zemingeni ezifakwe enkundleni ziqhutywa bubuhle obuqhelekileyo, kufanele si-kuqonde ngokunjalo ukuba nezigqibo ezithathwa ngurhulumente zenziwa ngomoya olungileyo kwaye iinjongo zazo zintle, kwaye azenzelwanga ukwenzakalisa, iimfuno zabemi boMzantsi Afrika. Owona mba wethu ubaluleke kakhulu kukusindisa ubomi. Isigqibo ngasinye esisithathayo siqhutywa yimfuno yokuqhu-tyelwa phambili kwamalungelo okuphila nelungelo lesidima njengoko kubhaliwe kuMgaqo-siseko.  Siza kuqhubeka ukwamkela iimbono ezahlukeneyo – nkqu nezo zinxaxhileyo – malunga nendlela yethu yokuqubisana netsholongwane ye-corona yesizwe. Zonke iimbono ziyasinceda kwaye zisinceda ukuba sisebenze ngcono nakakuhle.Ukusebenzisa ilungelo lokubaluleka kokuvakalisa izimvo ngokukhululekileyo, ukuzibandakanya nokuthetha ngokukhululekileyo yindlela esikhangela ngayo uxinize-lelo kwimpilo entle yolawulo lwethu lwentando yesininzi. Kodwa okungaphezu koko, la malungelo abaluleke kakhulu ekuphumeleleni komzabalazo wethu wesizwe nodibeneyo ekoyiseni kwethu intsholongwane ye-corona.
