Isikhokelo senyathelo ngenyathelo lokusetyenziswa kwezigqubuthelo-buso (iimaski)

vukuzenzele unnamed

ISebe leSizwe  lezeMpilo licebi-sa ukuba wonke umntu eMzantsi Afri ka ufanele ukuba anxibe isigqubuthelo-bu-so enziwe ngelaphu (ekwaziwa ngokuba yimaski engasetyenziswa kwezonyango) xa ephakathi koluntu.
 Abakhweli beeteksi nezinye iintlobo zezithu thi zikawonke-wonke, ngokunjalo nabantu aba-chitha ixesha bekwiindawo ekunzima kuzo ukungaso ndelelani, banyanzelwa ngakumbi ukuba banxibe izigqubuthelo-buso eze-nziwe ngelaphu.
Inzuzo ephambili yomntu  wonke onxiba imaski isigqubuthelo-buso kukucutheka kobungakanani bentsholongwane i-Co-rona (iCOVID-19) ekhohlelwa ngabantu abosulelekileyo ukuze kunci-tshiswe ukusasazeka kwayo ngamathontsana.
Njengoko abanye babantu abanentsholongwane iCo-rona besenokungabi nazi-mpawu okanye besenoku-ngayazi ukuba bosulelekile, wonke umntu makanxibe isigqubuthelo-buso.
Ucoceko lomjelo wokuphefumla ngesigqubuthelo-buso selaphuKucetyiswa ukuba  izigqubuthelo-buso zelaphu zisetyenziswe njengenxa lenye yococeko lomje-lo wokuphefumla okanye njengemimiselo yokuzipha-tha equka ukukhohlelela nokuthimlela engqinibeni egotyiweyo okanye kwiphetshana lokosula impumlo.
Isigqubuthelo-buso mayigqume impumlo nomlomo ngokupheleleyo. Isigqubuthelo-buso  akufanelanga ukuba  zehliselwe ezantsi xa kuthethwa, kukhohlel-wa okanye kuthimlwa.
Kubaluleke kakhulu ukuba izigqubuthelo-buso zelaphu zisetyenziswe ngendlela echanekileyo. Ukungasetyenziswa  kwazo kakuhle kuse-nokukhokelela ekubeni abasebenzisi bazibeke emngciphekweni woku-sasaza i-COVID-19 .
Nokuba unxibe izigqubuthelo-buso kusafu-neka ukuba: • uhlambe izandla zakho • ungasondeli kwabanye abantu• ukhumbule ukuthimlela nokukhohlelela  engqinibeni yakho  • ukuthintele ukuthinta  amehlo akho, impumlo  okanye umlomo ngeza ndla ezingacocekanga.
Uluntu malungazisebe-nzi -zigqubuthelo-busoe-zisetyenziswa kuqhaqho (kunyango) okanye  ezezixhasi zokuphefumla ze-N-95 kuba ezo zigcinel-wa oonompilo kunye na-banye abasebenzi boncedo lokuqala.
 vEkaCanzibe 2020 Ushicilelo 2 Indlela yokuphatha isigqubuthelo-buso sakho selaphu  1. Sebenzisa kuphela sigqubuthelo-bu-so ethe sahlanjwa yaza ya-ayinwa.2. Hlamba izandla zakho phambi kokuba unxibe sigqubuthelo-buso.3.  Beka icala elichanekileyo sigqubuthelo-buso ebusweni ba-kho, uze uqinisekise ukuba iyigqu-ma kakuhle impumlo yakho nomlomo ngokunjalo.4. Bophelela imitya yaso emva kwentloko yakho, okanye ukuba use-benzisa eselastikhi, qinisekisa ukuba siqine nkqi.5. Qinisekisa ukuba sikulingana kaku-hle. Sise ngapha nangapha ide silingane kakuhle. Ungaze ulithinte icala lelaphu.6. Wakuba usinxibile sigqubuthelo-bu-so, MUSA UKUTHINTA UBUSO BAKHO kwakhona ude usikhulule. 7. Xa usikhulula, khulula amaqhi-na, uze usisonge ngononoph-elo imaski icala langaphakathi libe ngaphandle, sibambe ngemitya/ngelastikhi uze usifake sigqubuthelo-buso kwisikhongoze-lo esisetyenziselwa ukuhlamba isigqubuthelo-buso selaphu. 8. Hlamba izandla zakho kakuhle uze uzosule  phambi kokwenza nayiphi na enye into.9. Kufuneka umntu ngamnye abe zigqubuthelo-buso ezimbini ubuncinane ukuze akwazi ukuthi xa ehla mbe enye, abe nesinye ecoceki-leyo esilungele ukusetyenziswa.10. Izigqubuthelo-buso kufuneka zihlanjwe ngamanzi ashushu anese-pha, zipu-lwe kakuhle zandule uku-ayinwa.
Ukubaluleka ngokungasondelelani kwabantu Kwidabi lokulwa nentsholongwane ye-COVID-19 enosulelo oluphezulu, ukungasondelelani kwabantu kubaluleke ngokugqithisileyo ekuncedeni ukunqanda ukusasazeka kwesi sifo elizweni jikelele. Ukungasondelelani kwabantu kuthetha ukugcina umgama onokhuseleko omalunga neemitha ezi-2 kwabanye ukuze unciphise ukudluliselwa phambili kweCOVID-19 . Esi senzo sibaluleke kakhulu njengoko sisephakathi kubhubhane wentsholongwane iCorona  apho intsholongwane isasazeka ukusuka komnye umntu isiya komnye ngokudluliswa ngumntu owosulelekileyo okhupha amathontsana xa ethimla, ekhohlela okanye ethetha.Ukuphunyezwa kokungasondelelani kwabantu nokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile eMzantsi Afrika kubalulekile ekuthotyweni kweqondo losuleleko, elibonakala ngokwehla kwamanani abantu abosulelekileyo.
Ezi nkcukacha zinikezelwe liSebe lezeMpilo.