Masibambisaneni ekulweni kwethu iCOVID-19

vukuzenzele unnamed

Ihlabathi liphela liphantsi kohlaselo olungadambiyo lobhubhane we-ntsholongwane icorona , oku-nwenwa kwayo kuphinda-phi-ndene ngokoyikisayo. Ichiza lokutofa ukuyithintela alika-fumaneki. Ehlabathini jikele-le, ngabantu abangaphezulu kwezigidi ezi-3.4 abaziwa njengabosulelekileyo baze babe ngama-240,000 abaswelekileyo. Ngokwenene la ngamaxesha anzima nokuphelelwa lithemba.
Ekubhengezweni kwexesha lentlekele kwilizwe lonke kwiveki ezintandathu ezidlu-lileyo, uMzantsi Afrika ubune-zehlo zosuleleko ezingama-61 kuphela ezingqiniweyo. Nango-na ilinani eliphantsi elo, iimbono zeengcaphephe namava ezizwe ngezizwe abonakalise ukuba usuleleko luza kwanda ngoku-cacileyo. Ndithe kudingeka ukuba kuthathwe amanyathelo angxamisekileyo nangqongqo.Loo manyathelo – naquka ukuvaleleka phantsi kwemiqa-thango ethile nokuvalwa kwe-mida yethu – kuye kwabonakali-sa ukusebenza ekulibaziseni uku-nwenwa kwesi sifo.Oku kwenzekile kuba uninzi lwabemi baseMzantsi Afrika ba-yithobele imiqathango yoku-valeleka phantsi kwemiqa-thango ethile, ukulandela ukungasondelelani kwabantu nokunxiba izigqubuthelo-buso. Ndinothulela umnqwazi ngako oko kunye nazo zonke ezinye izinto enizincamileyo. Xa kungoko ekuqhubeleni phambili kwalo bhubhane, amanye amazwe anezehlo zosuleleko ezingaphezulu ku-nezethu. Okwangoku – zintsuku ezingama-46 ukususela sashicile-la isehlo se-100 sentsholongwane icorona  – sinama-6,783 sezehlo zosuleleko ezingqiniweyo. IItaly , nenabemi abalinganayo nabethu, inezehlo ezingaphezu-lu kwe-140, 000 ize i-Melika ibe namalunga nama-700,000 ezehlo ezingqiniweyo xa bephawula iintsuku ezingama-46. Kodwa oku akuthethi ukuba siphumile engozini. Asikafi keleli encotsheni yosuleleko singuMzantsi Afrika. Zonke iinkqubo zobunzululwazi zibo-nakalisa ukuba izinga losuleleko liza kuqhubeka nokwenyuka ngesantya esikhawulezileyo kwezi nyanga zimbalwa zila-ndelayo.Kodwa ke, isantya enwenwa ngaso le ntsholongwane kunye nenani labantu abosulelekayo ekugqibeleni liya kuxhomeke-ka koko sikwenzayo. Kungoko ukunyenyiswa kweqondo lokuvaleleka phantsi kwemiqa-thango ethile kufanele kwenziwe ngokuthe ngcembe nangobulu-mko. Kungenxa yeso sizathu kanye uninzi lwemimiselo kufanele ihlale isebenza kwaye kubalulekile ukuba abantu kufuneka beyihloniphile. Ndiyayazi ukuba kunzima ka-ngakanani kwaye ndiyiqonda inkxalabo abathandi besizwe bakuthi abaninzi abanayo malunga nokuba le mimiselo iwachaphazela kwaye iwathi-ntela njani na amalungelo abo. Kodwa konke oku kuyimfuneko. Eyona njongo yethu ibalase-leyo kukukhuselwa kobomi. Ukungasondelelani kwabantu nokugcina imithetho yezempi-lo lolona khuseleko lungcono nekukuphela kwalo esinalo kulo mlo. Kuko oku ekuseke-lwe kuko imimiselo esiyimiseleinqanaba lesi-4 lokusabela kwethu. Iingqwalasela zethu zisekwe kubungqina obugxile kumava, kwiindaba ezaziwayo, kwezenzululwazi noqoqosho nezona ndlela zingcono zokwe-nza kwezizwe ngezizwe. Kwisigwebo sowe-1995 se-Nkundla yoMgaqo-siseko ese-nza ukuba singabikho mthe-thweni isigwebo sentambo, uJaji Arthur Chaskalson wabha la wathi: “Ilungelo lokuphila nelungelo lesidima ngawona malungelo abaluleke kakhulu kunawo onke amalungelo olu-ntu kwaye angunozala wawo onke amanye amalungelo umntu anawo. Ngokuzibophe-lela kwethu kuluntu olusekwe ekuhlonipheni amalungelo olu-ntu, silindeleke ukuba siwa-xabise la malungelo mabini ngaphezu kwawo nawaphi na amanye amalungelo.” Le mimiselo siyimiseleyo ise-kwe kwesi sibophelelo sobomi nesidima, nesinika ilungelo – kwezi meko zinzima – isithi ntelo sethutyana kwamanye amalungelo, afana nelungelo lokuhamba ngokukhululekileyo nokuzibandakanya.  Ngokwenza njalo, uMzantsi Afrika awohlukanga kwamanye amazwe amaninzi.Kuthelekelelwa ukuba sisinye kwisihlanu sabantu kuluntu lwehlabathi jikelele oluphantsi kokuvaleleka phantsi kwemiqa-thango ethile, nokukhula kweli nani ngokuphinda-phindana ngokuphendula kusuleleko olwandayo. Oku kuquka ama-zwe anoluntu oluninzi kakhulu kunolwethu, afana ne-Indiya enabantu bayo abafikelela kwi-1.5 yeebhiliyoni zabantu.Uninzi lwamazwe lumisele imiqathango yokuba kuhlalwe ngendlu nexesha ekungaha-njwa ngalo efana naleyo ikhoyo ngoku apha. Amazwe amaninzi amisele ukuthintelwa kokuha-mba koluntu. E-UK nakwido-lophu eyintloko yase-Fransi, i-Paris, ukuzivoca-voca  kwindawo kawonke-wonke kumiselwe ukuba kwenzeke phakathi kwamaxesha athile naphakathi komgama othile uku suka kwikhaya lomntu lowo.Amanyathelo omthamo noku-thintela afana nala wethu amise-lwe kuninzi lwamazwe. Umze-kelo, ukuthengiswa kotywala ngexesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile bekuthi-ntelwe okanye bekuvaliwe kwimimandla ethile nango orhulumente bamakhaya, kuquka nemimandla ethile yaseMexico , e-Hong Kong  naseGreenland , nethe kule nyanga iphelileyo yamisela uku-valwa kokuthengiswa kotywala ngexesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile ukuthi-ntela usuleleko kodwa ‘kwa-nokunqanda ubundlobongela obujolise kumanina nabantwa-na.’ Kuye kwabakho ukunxakama okukhulu koluntu ngesigqibo sikarhulumente sokwandisa ukuthintela kokuthengiswa kweemveliso zecuba kwinqana-ba lesi-4. Isigqibo esikumila ku-nje bekulindelekile ukuba siza kudala ingxokozela yokuphikisana, kodwa ke akulunganga ukunika iingqondo zokuba ku-kho abaPhathiswa okanye uMongameli owenza nothetha nantoni na ayithandayo kulo mba.
Ngomhla wama-23 kuTsha-zimpuzi, ndavakalisa ukuba ukuthengiswa kwemidiza kuza kuvumeleka ngexesha lenqanaba lesi-4. Oko kwakususela kwimi-bono yeBhunga leSizwe loLawu-lo lweNtsholongwane yeCoro-na (i-NCCC), nokwakuqulathwe kwinkqubo-sikhokelo eyi-lwayo neyayishicilelelwe ufa-kwano-mlomo.  Emva kokuqwalaselwa  ngobunono nokuxoxa, i-NCCC iphinde yasiqwalasela ngoku-tsha isigqibo sayo kulo mba wecu-ba. Ngenxa yeso sizathu, imi-miselo eqinisekiswe yiKhabhi-nethi eyavakaliswa nguMpha-thiswa uNkosazana Dlamini-Zu-ma ngomhla wama-29 kuTshazi-mpuzi ikwandisile ukuthintelwa kokuthengiswa kwecuba. Esi ibe sisigqibo sendibanisela yethu sonke kwaye neentetho ezenziwe elubala ndim neze-nziwe nguMphathiswa zenziwe egameni, kwaye zigunyaziswe, yindibanisela ekhokelwa ndim.Nawuphi na ummiselo esi-wumiselayo uqwalaselwe kaku-hle nangobunono. Apha ethube-ni kuye kwabakho ukufakana imilomo kunye neengcaphephe kwezonyango, imimandla ethile kunye namashishini awohlukeneyo. Siye sakhokelwa yimibutho yezizwe ngezizwe kunye namava wamanye ama-zwe. Ubunyani bobokuba siqhuba isikhephe emanzini angabha-lwanga ndlela emephini. Kuse-kuninzi okungaziwayo malunga nendyikityha  yale ntsholongwane. Kungcono senze impazamo ngokubaxa ukulumka kwethu kunokuba sihlawule ixabiso elikukutshabalala kwixesha elizayo ngenxa yempazamo yokudelela kwethu.Lo gama kukho iimbono ezahlukeneyo kwezinye  zezigqibo esizithathileyo – kwaye kwezinye iimeko ezi iba ziimbono eziphikisanayo kwakumntu lowo wazo – urhulumente wenza onke amalinge okuba asebenze nge-ndlela ekhokelisa ubomi nesidi-ma sabo bonke abantu bakuthi.Ukumamela abantu baku-thi neenkxalabo zabo ngeli xesha ibe zezinye zempawu ezibalulekileyo zokuba thina singurhulumente siwulawule njani lo bhubhane. Siyaqhu-beka nokumamela iinkxalabo zabantu bakuthi size silungi-selele ukwenza uhlenga-hlengiso oluzamana neenkxalabo zabantu kunye nemingeni abajongene nayo ukusindisa ubomi babo.  Ngeli xesha linzima kangaka, amandla ethu edibene kufuneka ajolise ekuqinisekiseni ukubaimpilo nobomi buyakhuselwa, ukubonelelwa ngokutya, amanzi, inkathalelo yezempilo, ukhuse-leko lwezentlalo nenkxaso yeze-ntlalo ayiphazanyiswa.Phantsi kwezi meko zinga-qhelekanga kangaka, njengorhulumente, njengabantu nga-banye-ngabanye nanjengoluntu ngamanye amaxesha siza kuze-nza iimpazamo. Xa oko kuse-nzeka, siza kuzilungisa. Kodwa kufuneka siqhubeke, singasilahli nakanye isibindi sethu nokuzi-ngisa kwethu.Imeko esizibhaqa siphantsi kwayo idinga ukuba sibe ne-sibindi nomonde. Ifuna inzo-ndelelo nokuthembana phakathi kwenu, nina ningabemi, norhu-lumente wenu, naphakathi komnye nomnye.