Inkxaso yamashishini amancinci ngexesha leCOVID-19

Dale hes

UKUNGAQINISEKI nobunzima bezezimali obubekwe koosomashishini abasakhulayo nabanini bamashishini amancinci ngubhubhane wentsholongwane yecorona  buyadanjiswa ngandlela ithile liqela lezicwangciso zenkxaso zikarhulumente nezamashishini abucala.
Abanini mashi shini abancinci noosomashishini abathengisa ecaleni kwendlela baphakathi kwabantu baseMzantsi Afrika abangabona ba-chatshazelwe kakhulu yile nkqubo yokumiswa ngxi kweentshukumo. Khona ukuze bakwazi ukumelana neli xesha linzima kangaka, abanini bala mashishini bangase-benzisa uncedo lweendi-di ngeendidi zongenelelo olumiselwe ngurhulu-mente ukubanceda.
INgxowa-mali yoNcedo lwaMatyala wamaShishini amaNcinci aPhakathi naKhulayo (SMME)Ngokuhambelana nesibhengezo sokumiswa ngxi kwe e-ntshukumo, iSebe lezoPhu-hliso lwaMashishini amaNci-nci kwangoko likhuphe ingxo wa-mali yoncedo kumatyala achaphazela amashishini amancinci kakubi ngenxa yobhubhane weCOVID-19 .Yimali engaphezulu kwezi-gidi ezingamakhulu amahlanu eerandi (R500 zezigidi) ebeke-lwe ukuba ifumaneke, nano-kuthi amashishini amancinci naphakathi afake izicelo kuyo ngenkqubo yokufaka izicelo eyenziwa kwi-intanethi.
Nanga amanyathelo eku-fanele alandelwe:1. Ishishini lakho kufanele libe libhalisiwe kwiSango lwamaShishini amaNcinci aseMzantsi Afrika (i-SMME South Africa). Kanti ukuba awukabhalisi, kufanele ungene ku: www.smmesa.gov.za ukubhalisa.
2. Xa sele ugqibile ukubha lisa, ungasifaka isicelo kwiNgxowa-mali yoNcedo kuMatyala wamaShishini amaNcinci yeCOVID-19 . Ifomu yokufaka isicelo ungayifumana kwiwebhu-saythi yeSebe loPhuhliso lwaMashishini amaNcinci. 3. Ukuba uzenzile zonke iimfanelo (ezifana nokuba ishishini lakho lizifezeki-sile zonke iimfanelo zalo zezerhafu kwaye ubunini balo bo babemi baseMza

ntsi Afrika ngokupheleleyo), inkxaso-mali yoncedo iza kuhlawulwa zingadlulanga iintsuku ezi-12 zempangelo kwabo izicelo zabo ziphumeleleyo. Ukuba ungumnini weshi-shini elincinci eliphuhlayo, i-Arhente yoPhuhliso lwaMa-shishini amaNcinci aPhuhlayo ikhona ukuba ikuncede uku-faka isicelo kwisicwangciso soncedo kumatyala. Izicelo zoncedo mazithunyelwe nge-imeyli ku: debtrelief@seda.org.za. INgxowa-mali yoku-Hlangabezana neMbu-mba yaManyamaUMongameli u-Cyril Rama-phosa wazise nangokumise-lwa kweNgxowa-mali yoku-Hlangabezana neMbumba yaManyama, nethe yafu-mana umlumiso olikhulu elinamashumi amahlanu zezigidi zeerandi (R150 zezigidi) kurhulumente. Le ngxowa-mali yenza ukuba imibutho nabantu bakwazi ukwenza umnikelo kweli li-nge lesizwe jikelele ukuxhasa amashishini amancinci kunye namalinge okuhlangabezana ne-COVID-19 .Kwiiveki ezimbini zokuqa-la, le ngxowa-mali ifumene umnikelo ongaphezulu kwee-Bhiliyoni eziMbini zeeRandi, noza kudluliselwa kumalinge okunceda.
Inkxaso yezipazaUrhulumente uyayiqonda imingeni ebangelwa ngulo bhubhane kwabo basebenza kwicandelo loosomashishini abathengisa ecaleni kwendle-la. Kulo meko, uMphathiswa woPhuhliso lwaMashishini amaNcinci uKhumbudzo Ntshavheni ukwanikezele ngemigodlo yenkxaso uku-nceda abo baphangela kwelo candelo.Oku kuquka nesicwangci-so sokunikezela ngenkxaso kwizipaza.“Inkxaso yezipaza iza kuquka ukunikezelwa konxibelelwano lwamacandelo awohlukeneyo, amagunya okuthenga no-kuthenga ngezixa ezikhulu ngokusebenzisa oonovenkile abathengisa ngezixa ezikhu-lu abasebekhethiwe baze bavunywa kwangaphambili,” ucacisa atsho uMphathiswa.  Le nkxaso iza kuvumela izipaza ukuba zikwazi uku-fikelela kwiimpahla ezinoku-zithengisa. UMphathiswa uNtshavheni wongeza athi esi sicwangciso siza kubone-lela abanini bezipaza ukuba bakwazi nokuthenga ngetyala, ukubanika ithuba lokufumana imali abayidingela ukuthenga istoko. “Oku kuza kulandelwa luncedo lwendlela yokuba abanini bezipaza bakwazi ukuthenga ngetyala, nkqu nasemva kokuba kudlulile ukuqhambuka kwe-COV-ID-19.”Eli sebe liza kubonelela na-ngeengcebiso zokuba bangazi-phatha njani iivenkile zabo ngokuyimpumelelo.“Sikwabaxhasa nange-nkxaso yolawulo lwama-shishini kuba siyayazi ukuba zikhona iingxaki kwizipaza ekulawuleni amashishini azo ukuze enze ingeniso,” utshilo uNtshavheni.
Ukunceda oosomashishini abangekho sesikweniUrhulumente ukwasebenza ngokudala ingxowa eza kubonelela ngoncedo loo-somashishini abathengisa ecaleni kwendlela abathe ba-lahlekelwa yingeniso ngenxa yale ntlekele.
Amashishini woosomashishini abathengisa ecaleni kwendlela nawo anelungelo kwiNgxowa-mali yoNcedo kuMatyala wamaShishini amaNcinci kodwa alindeleke ukuba abhalise kwiSebe nge-ndlela efanayo kunye na-manye amashishini amanci-nci.