Uncedo lwabantu bakuthi abangathathi ntweni

vukuzenzele unnamed

Amazwe amaninzi ehlabathi amisele ixesha lokuvalele ka phantsi kwemiqa-thango ethile,ngeenjongo zokusindisa abemi bawo ekubulaweni sesi sifo. Senze  njalo nakweli lizwe lakuthi, kodwa ukuvaleleka phantsi  kwemiqathango ethile kwethu kuveze intlungu embi ekhoyo kwesi sizwe sethu indlela ebathwaxa ize ibaphehluzelise ngayo abantu bakuthi indlala ebomvu, ukungalingani kunye nentswela-ngqesho.Akukho nkxwaleko inoku-ba ngaphezulu kweyomzali onabantwana abakhala kuye befuna ukutya abe yena engazi nokuba uza kukufumana phi na oko kutya.
Akukho ntlungu inokuba ngaphezulu kweyesizwe esinegcuntswana labantu aba-zizinhanha nabanento yonke, ngeli xesha abanye bephila ngamabona-ndenzile, okanye beswele bengenanto.
Ewe, lo ngumonakalo owashiywa ngumbuso wa-ngaphambili owawusekelwe kucalu-calulo ukhuthaza uku-ngalingani. Kodwa ukwa zimpa wu zeempazamo nokusilela ekwenzeni umsebenzi wawo lo mbuso wethu ulawulwa ngokwentando yesininzi. Olu valeleko phantsi kwemiqa-thango ethile kukazwelonke kumiselwe ngeenjongo zokulwa  intsholongwane icorona  ethe yaziveze elubala ezi ngxaki kudala sijamelene nazo.
Kwezi veki zimbalwa zidlu lileyo besibone imifanekiso eyophula umphefumlo yaba-ntu bakuthi abatyiwa yindlala bexhwithana ngokutya okuni-kezelwa kumaziko okuhambisa ukutya kunye nemingcelele yo-qhankqalazo yoluntu lukhala-zela ukunqongophala kokutya.
Besikhe saxakana nezityholo ezimbi nezilihlazo. Amaphondo  amaninzi afumene iingxelo zabantu abaneentliziyo ezi-mbi, abanye babo ekutyholwa ngokuba ngamagosa karhu-lumente, abathe bazithathela okanye bathengisa oku kutya kulungiselelwe ukunika abantu bakuthi abangathathi ntweni nabasweleyo, okanye oku kutya bakunike izihlobo neentsapho zabo. Ukuba kuye kwafumaniseka ukuba ezi zityholo ziyinyani, siza kubathathela amanyathelo aqatha aba bantu bachaphaze-lekayo.
 Sisisizwe siyayizibula le meko yesimo sentlekele ka-zwelonke kunye neyokumise-lwa kwemeko yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwizwelonke. UMzantsi Afri-ka zange wajongana nengxaki yabantu abangaka abafuna uncedo lwezempilo.
Kuye kwanyanzeleka uku-ba sithathe amanyathelo akhawulezileyo ukuze sisindise abantu bakuthi. Siyakuqonda ukuba kwiintsuku neeveki zokuqala emva kokuba sithathe esi sigqibo, khange sibanike inkxaso eyaneleyo abantu bakuthi abangabona base-mngciphekweni wokuba nga-maxhoba ale ntsholongwane, kwaye zikhona neempazamo esizenzileyo.
 Noko kunjalo, iinkqubo yokuhlawulwa kwemali yenkam-nkam khange ibe nawo amagingxi-gingxi amaninzi, nasemva kokuba zibekhona iingxakana ezininzi, inkqubo yokuhanjiswa kokutya nayo iyalungiswa.
Ukumiselwa kwemeko yoku-valeleka phantsi kemiqathango ethile kukazwelonke nge-siquphe kubangele iingxakana ezimbalwa. Kuye kwafuneka siqwalasele amanyathelo esithe sawathatha sisisizwe siwathe-lekise namiqathango ekufune-ka siyimisele.
 Saye sakhetha ukuba siphaza mele kweli cala liza kusindisa abantu bakuthi ekubulaweni yile ntsholongwane. Nanje-ngoko ingxelo enikwe yi-Oﬁ  si yoMphathiswa wezeMpilo ku-tsha nje, ukumisela ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile ngela xesha sayimisela ngalo kwasithoba isantya abantu abo-suleleka ngaso, kwaye okuba-luleke ngamandla, kwasinika umtyhi wokuba senze onke amalungiselelo okulalelisela xa linokuthi linyuke inani labantu abosulelwa sesi sifo kwezi veki nezi nyanga zizayo. Kwaye kwafuneka ukuba sithathele ingqalelo umonakalo onokwenziwa sesi sifo ngoku nakwixa elizayo kuqoqosho lwethu olutsala nzima kunye neziphumo zolu phazamiseko lungaka kubomi bezigidi za-bantu.
 Kuye kwafuneka ukuba sithathele ingqalelo umonakalo onokwenziwa ziveki ezininzi bevaleleke emakhaya abantu abasebenzayo abangafumani mivuzo rhoqo, abo bangase-benziyo kunye nabo bafuna imisebenzi, abo bangxungxa yo kunye nabo basebenza ngamaxesha athile onyaka, abo banamashishini angabhaliswanga ngokusesikweni, abo basokalayo kunye nabo bangathathi ntweni. IKhabhinethi iza kuqukumbe-la amanyathelo aza kuthathwa ukusabela kwiinzima eziza kuza nokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kubomi babantu bakuthi. Oku kukhokelwe zindibano ezininzi zokubonisana namahlakani amaninzi aquka abezoshishi no, abasebenzi, imibutho yezenkolo, imibutho yoluntu kunye neBhunga labaCebisi bezoQoqosho bakaMongameli.
 Amahlakani ezentlalo eze nezindululo ezininzi zokungenelela eziza kunce-da ngokukhawuleza abantu abangabona basokola kakhulu, uninzi lwabo oluphila ngemali yesibonelelo sikarhulumente.
 Siza kuzandisa izibonelelo zentlalontle ngeli thuba ukuze sincede amakhaya asokola kakhulu.
 Nasemva kokuba kuphelisi-we ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile ku-kazwelonke, iziphumo zayo ziza kubonakala isithuba eside ngoku sele kugqithile.  Abo banethamsanqa lokuba babe nemivuzo ehlawulwa rhoqo baza kubuyela emise-benzini yabo; kodwa kwizigidi zabanye le inyanga iza kuba yinyanga eyilahleko kuba ka-loku ngebefumene imisebenzi yethutyana, benze ubugcwa-balalana kumashishini abo angabhaliswanga ngokusesikweni okanye bonge imali abayenzi-leyo bakwazi ukuyisebenzisa kwizinto zeentsapho zabo.
 Isibonelo sokutya linyathelo likaxakeka lethutyana. Kuza kufuneka silandeliswe nga-manye amanyathelo ethuba elide aza kunceda abantu bakuthi abangathathi ntweni bakwazi ukumelana nezi nzi-ma zizayo.
 Ndibulela ii-NGO ezininzi, imibutho yezenkolo kunye nabantu ngokubanzi abathe baliza ngemali basebenzisa nexesha labo besipha ukutya abantu ababhuqwa yindlala nabangathathi ntweni.
 Ukulwa indlala ayisosenzo sobubele nesisa. Sisenzo esiba-luleke kakhulu kuso nasiphi na isizwe esisekelwe kumba wokuhlonipha amalungelo oluntu.
 Sikwilixa apho ngoku kweli dabi sililwayo ukuphazama siyekelele umxakatho kungasi-tshabalalisa sonke. Ndihlaba ikhwelo kubo bonke abantu ukuba bahlale bevundlile, baqhubeke nokuthobela imiqa-thango, bazigcine bona kunye nabanye abantu bekhuselekile.
Njengorhulumente siza kuni-ka iinkcukacha ezigcweleyo ngamanyathelo okungenelela ngqo esiwathathayo ukuze sikhusele abantu bakuthi abangathathi ntweni kwindlala embi ezayo.
Phakathi kweengxaki aba-jamelana nazo abantu bakuthi, eyokuba baza kuyifumana phi into esiwa phantsi kwempu-mlo, yona mayingabi yenye yazo.
