Ushicilelo 2Sikunye singayoyisa iCOVID-19

vukuzenzele unnamed

Ngexesha lokuphela kweveki yokuqala yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwesizwe jikelele ukuthintela ubhubhane wentsholongwane yecorona  etshabalalisa ihlabathi, siye saba novuyo zindaba ezi-mnandi nezisiphathele ulonwa-bo nethemba ngeli xesha linzi ma kangaka lokungaqiniseki.Abemi boMzantsi Afrika abafuduswa e-Wuhan, e-China kwiiveki eziliqela ezidlulileyo, balugqibile uvaleleko lwabo baza badityaniswa neentsa-pho zabo. Bonke bafumaneke bengenayo intsholongwane ku-vavanyo kwaye basempilweni entle nomoya omhle.Ibe ziinyanga bevaleleke phantsi kwemiqathango ethile, ekuqaleni bavaleleka e-Wuhan iintsuku ezingama-51 emva koko ePolokwane iintsuku ezili-14. Bebengakwazi ukuba kunye neentsapho nezalamane zabo, bengakwazi ukuphuma kwiindawo abahlala kuzo kwaye bengaqinisekanga uku-ba le nzima bakuyo yoze iphele kusini na. Xa sidibanisa nezintsuku zili-17 ziseleyo uMzant-si Afrika useza kuba phantsi kokuvaleleka phantsi kwe-miqathango ethile ngazo, baza kuba bephantsi kokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile iintsuku ezingama-82. Kube mnandi ukuchitha ixe-sha neli qela lohlukileyo labemi boMzantsi Afrika abaminya ka y ahlukileyo, ab alwimi ngeelwimi nabaneemve laphi ezahlukileyo. Ndibe nemincili kukuzimisela nokuba nesibindi kwabo nokuzimisela kwabo ukuhlala besempilweni. Bavela kumbindi apho le ntsholongwa ne yecorona  iqhambuke khona e-Wuhan, e-China kwaye bay ibonile indlela etshabalalisa ngayo le ntsholongwane ne-bhuqe ngayo ubomi babantu. Akumangalisi ukubeva be-sithi bakwiphulo lokukhusela iimpilo zabo babangqongileyo. Ngoku umonde nobukhalipha babo buye bawongwa, kuba babuyela kwiintsapho zabo. Ukubuyela kwabo emakhaya kuye kwenziwa kwayimpu-melelo ngabantu abaninzi ababalaseleyo abaye bazinikela ngandlela zonke ukwenzaumsebenzi wokubuyiselwa kwabo emakhaya ube yimpumelelo.  Njengesizwe, sizele yimibule-lo emikhulu kurhulumente na-kubantu base-China ngokunika abemi belizwe lethu inkath-alelo enkulu nentle kangaka, noncedo lwabo lokuququzelela ukubuyiselwa kwabo ekhaya. Kubalulekile ukuqaphela uku-ba abemi boMzantsi Afrika abaliqela abase-Wuhan bebeye khona ngenkxaso-mali yokufun da abayifumene kurhulumente wase-China; esi sisenzo sesisa nesobuntu esisibulela kakhulu.
  Sinombulelo kakhulu kubo bonke abo bantu bathe batha-tha inxaxheba kulo msebenzi, ukususela kwiqela labase-benzi beNkampani yeHambo zoMoya yaseMzantsi Afrika (iSAA) ukuya kwiqela lezon-yango, kumapolisa namajoni athe ababuyisela ekhaya. Umntu ngamnye kubo uye wazigqatsela ukuthatha uxa nduva lokhuseleko nokuphila kwabanye. Bebekulungele ukwenza umsebenzi onzima nonobungozi baze bazifaka kwimeko yokuvalelwa. Kwaye ngoku, bebonke bandixelela ukuba, bakulungele ukwenza umsebenzi wabo olandelayo.  Ndinqwenela ukubulela abasebenzi nabaphathi be-Ranch Hotel , ePolokwane, nabathe banika abo babuyela ekhaya inkathalelo entle. Be-bekulungele ukudlala eyabo indima kwilinge lethu lesizwe lokusoyisa esi sifo. Umntu nga-mnye obebandakanyeka kulo msebenzi, uwenze uMzantsi Afrika wakwazi ukuzingca.  Amava abemi boMzantsiAfrika abadlule kuwo e-Wuhan abonakalisa ukusebenza kunye –nemfuneko– yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile. Oku kwenzeke ngenxa yaman-yathelo angqongqo athathwe ngurhulumente wase-China ukunqanda ukunwenwa kwe-si sifo kwisixeko sase-Wuhan, ukuba bonke abantu bakuthi bakwazi ukubuyela ekhaya bengosulelekanga kwaye be-sempilweni.I-Wuhan, esisixeko esinabantu abazizigidi ezi-11 kwiphondo lase-Hubei, inabantu abanga-phezu kwamawaka angama-50 abosulelekileyo. Ngoku, emva kwexesha elingaphezu kweenyanga ezimbini emva kokumiselwa kwamanyathelo angqongqo okuvaleleka phantsi  kwemiqathango ethile, eli phondo libe neemeko ezi-ntsha zosuleleko ezingaphantsi kwama-20 kwezi veki zimbini zidlulileyo.  Ukunqandwa kwesi sifo ukuba singanwenwi kwiSix-eko sase-Wuhan, kwiPhondo le-Hubei nakwezinye iindawo kwelase-China kuye kwafunisa ilinge eliquka wonke umntu nelithe chatha ukungaqhele ki. Kuquka nemiqathango engqongqo kubomi bemihla ngemihla kwaye oku kuye kwanempembelelo engekho ntle kuqoqosho lwase-China. Amanye amazwe athe athatha amanyathelo afanayo, aba nempumelelo enkulu  ekulawuleni  ukunwenwa kwesi sifo kuna-lawo aye acotha ukusihoya.
 Njengokuba inani elingqini-weyo elipheleleyo leemeko zeCOVID-19  ehlabathini jikelele likhula ngaphezulu kwamawaka angama-700 libe lona elokusweleka likhule la-ngaphezulu kwamawaka anga-ma-33, kukhona esinokukufu-nda kula mazwe. Ngoku kucaca elubala ukuba eyona ndlela isebenzayo kulu-ntu yokuthintela ukunwenwa kwesi sifo, kukuba abantu bahlale emakhayeni abo baze bahlale ngokwahlukeneyo om-nye komnye isithuba esingan-geeveki eziliqela. Kwaye kuba-lulekile ukuba oku kuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kunye nawo onke amanye amanyathelo angxamisekileyo athotyelwe ngqongqo kwaye anyanzeliswe ngokungagu-ngqiyo. Njengoko abemi boMzantsi Afrika abavela e-Wuhan be-nokuyingqina eyokuba, imiqa-thango ekumila kunje kubomi bemihla ngemihla, kwiintshu-kumo nokunxulumana koluntu ngokwesiqhelo kunzima kakhulu ukuyinyamezela. Ngokomxholo woMzantsi Afrika, ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kuzisa intsokolo eyongezelekileyo neenzima, kwaye senza konke okusemandleni ukunciphisa impembelelo yayo kubantu bakuthi. Kodwa isifundo esivela kubemi baseMzantsi Afrika abasuka e-Wuhan sesokuba ukuvaleleka phantsi kwemi-qathango ethile kuyasebenza. Sibonakalisa okokuba ukuba siyithobela ngqongqo imiqa-thango emiselweyo ukunqanda ukunwenwa kwale ntsholong-wane, singakwazi ukulehlisa izinga losuleleko. Oku kubo-nakalisa okokuba ukuba siyas-ebenzisana nabasemagunyeni kwezempilo ngokwenza oko sifanele ukukwenza, asizoku-ba sisindisa nje ubomi bethu kuphela kodwa siya kusindisa nobomi babo basingqongileyo.
Eli bali labemi boMzantsi Af-rika ababuya e-Wuhan kufune-ka lisinike inkuthazo nethemba kwezi veki zinzima sisajongene nazo ukuya phambili. Ibali labo lisixelela ukuba likhona ithemba emva kwabo bonke obu bunzima, okokuba sihlala siyithobela imigaqo, okokuba sihlala sinembeko sikuhlonipha ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, okokuba siyasebenzisana, siza kuphumelela.
