Ngobambiswano singalwa nefuthe le-COVID-19

vukuzenzele unnamed

Ihlabathi likwiimbu laleko zonxunguphalo lwempilo yoluntu kangangobubanzi obungazange babonwa kwithuba lenkulu ngwane.
 Ukusasazeka kwentsho longwane ye-corona, ebangela isifo esaziwa ngokuthi yi-COVID-19, kukhawuleza kwaye kwanda ngendlela exhalabisayo, kwaye ngoku kucha zwa njengokugula okugubungele ihlabathi jikelele. Ayithintelwa yimida ephakathi kwamazwe nephakathi kwemimandla, isulela abancinane nabadala, futhi yanda emazweni aphuhlileyo nasaphuhlayo ngokufanayo. Njengoko ukuhluza neemvavanyo kusandiswa,  inani labantu abasulelekileyo eMzantsi Afrika kulindeleke ukuba lande. Kutshanje ndibhengeze isimo sesizwe sentlekele, inyathelo elihambelana nobuzaza besothuso phakathi kwabantu bethu, kuluntu lwethu nakuqoqosho lwethu. Oku kuya kwenza ukuba sikwazi ukuba nentsebenzo-cebo yolawulo lwentlekele emanyanisiweyo nenxulunyaniswayo nokuseka iinkqubo zokusabela kwimo yonxunguphalo, ezingxamisekileyo nezisebenzayo. Le ntsholongwane iza kuphazamisa ngokugqithisileyo, kanti okuphambili kuthi kukukhusela impilo nokuphila jikelele kwabo bonke abantu baseMzantsi Afrika. Kwakhona sifanele ukuhlangabeza intsilelo engenakuthinteleka kuqoqosho. Kufune ka silindele ukwehla kwiimve liso ezithengiswa ngaphandle, ukwehla kwamanani abakhenkethi abafika kweli kunye nefuthe elixhalabisayo kwimisebenzi yokwenza iimveliso, uzinzo loshishino kunye nokudalwa kwemisebenzi kananjalo nokugcineka kwayo. IKhabhinethi iphezu kokuqoshelisa umqulu oqukani selweyo wamalinge ongenelelo ukuze kuncitshiswe ifuthe elilindelekileyo le-COVID-19 kuqoqosho lwethu. Oku kwenziwa ngokubonisana naboshishino, abasebenzi kunye namanye amaziko anonxulumano. Ngu-Louis Pasteur owathi ithamsanqa lithanda ingqondo ezilungiseleleyo. UMzantsi Afrika uzilungiselele, kwaye sekulithuba kunjalo. Ukususela mhla kwaxelwa le ntlekele okokuqala senze amanyathelo okumisela imigaqo yokuhluza nokuthintela ukwanda kwentsholongwane ye-corona. Ukusabela kwethu njengesizwe bekuqhutywa yiKomiti yabaPhathiswa bamaSebe ahluka-hlukileyo (i-IMC) echotshelwa nguMphathiswa wezeMpilo, uGq Zweli Mkhize. Indlela i-IMC namaqela anika inkxaso asabele ngayo kolu nxunguphalo ingumzekelo omhle kwaye iqinisekisa, ngakumbi ngokuncedisa ekugxo theni uloyiko loluntu. Ndiza kuchophela iBhunga leSizwe loYalelo malunga nonxulumaniso lwayo yonke imiba yokusabela kwethu kwesizwe. UMzantsi Afrika unerekhodi yomkhondo onika ithemba kulawulo lweemeko zonxunguphalo malunga nempilo yoluntu.Sinalo ulwazi, sixhobile kananjalo sinobuchule. Iingcali zethu zenzululwazi kunye nezeendyikitya zezifo zezodidi lwehlabathi. Simisele isiseko samanyathelo emo yonxunguphalo, kwaye siza kubonelela ngenkxaso-mali yokuxhasa impumezo yawo. Aquka ukuvalwa kohambo lweendwendwe ezivela emazweni angumngcipheko ophezulu; iimvavanyo ezigunyazisiweyo, ukuzikhwe bula kwabanye okanye uku valelwa okwenzelwa abemi baseMzantsi Afrika xa bebuya kula mazwe; ngokunjalo nokomelezwa kobucuphi, ukuhluza neemvavanyo kumazibuko ekungenwa ngawo kwiRiphablikhi. Ukuqelelana ngokwentlalo kubalulekile ukuze sinqande ukusasazeka kwe-COVID-19. Zithintelekile iindibano zabantu abangaphezu kwe-100 kananjalo irhoxisiwe nemibhiyozo yezihlwele zabantu ngeentsuku zesizwe. Lonke utyelelo kuwo onke amaziko oluleko lumiswe kwiintsuku ezingama-30 ukususela ngoku. Naluphi uhambo olungekho phambili lwasehlabathini lwamagosa karhulumente aluvumelekanga kanti nohambo olungekho phambili phakathi kweli lizwe alukhuthazwa. Kuza kuvalwa amazibuko asemhlabeni angama-35 ephelele kunye namazibuko aselwandle amabini, ngokunjalo nezikolo ukususela ngomhla we-18 kweyoKwindla kude kube semva kwempelaveki yePasika. Siza kukhawuleza sivakalise amanyathelo malunga neeyunivesithi kunye neekholeji. Siya kwiPasika kwinyanga ezayo, ithuba elingcwalisiweyo malunga neemvaba zenkolo eziliqela elikwalixesha lobukho beenkonzo zezihlwele zabantu kunye neendibano. Uluntu lweenkolo malwenze izigqibo malunga nalo mba ngengqalelo eyiyona ibonisa umdla kwimpilo yamabandla alo nakwilizwe liphelele. Ulawulo lococeko lufanele ukugxininiswa kuwo onke amacandelo.  Ummi ngamnye ufanele ukulawula ukhuseleko lwakhe ngokuthobela amanyathelo afana nokuhlamba izandla rhoqo ngesepha okanye ngezicoci zezandla nokugquma impumlo nomlomo wabo  ngephepha lokusula impumlo okanye ngengqiniba egotyiweyo xa umntu ekhohlela okanye ethimla. Njengenxenye yelinge lesizwe iSebe leMpilo liza kuqhuba ngephulo eligxininisa nelisoloko liqhuba lokwazisa abantu ngothintelo lweempawu, ukudluliselwa kwazo kwabanye nezokusuleleka. Ndikhuthaza bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba baziqhelanise nempahla efanelekileyo yothintelo. La manyathelo afana nalawo amanye amazwe, futhi kubalulekile ukuba sonke siqonde ukuba awasiso isohlwayo kodwa alilinge lokhuseleko loluntu. Enye yeengozi ezizezona zinkulu kweli xesha kukuswela ulwazi nokufumana iinkcuka-cha ezingachanekanga. Makhe siyeke ukusasaza  iindaba ezingeyonyaniso nezingaqinisekiswanga, ngakumbi ku majelo osasazo lwasentlalweni. Oku kungawenza mandundu umoya wenkxalabo wesizwe osowukhona konakalise nomzamo wesizwe.Kwakhona masingazibandakanyi neentetho ezichasene nokulunga esizibone kwamanye amazwe ezingqaliswe kwizizwe zamazwe apho indyikitya yesifo iqale khona okanye ezisesizikithini sayo ngoku eYurophu. Ngokucacileyo le ntsholongwane ye-co rona ichaphazela abantu bazo zonke izizwe. Masibonakalise isisa kwabo basulelekileyo, kananjalo nakwabo babuyele ekhaya bevela emazweni angumngcipheko ophezulu. Masibancedise abasweleyo nabo banobuntununtunu obuthe chatha, endaweni yokubaphepha. Ngolo hlobo siya kuhlala sithembekile kwiintsulungeko zokunyamezelana nezentlonelo ezisichaza njengabantu abanye.  Egameni labo bonke abantu baseMzantsi Afrika ndibulela iqela elilande abantu bethu e-Wuhan, e-China, ngokunjalo neenkokeli kunye nabantu baseLimpopo abasincedisa kwinkqubo yokuvalelwa kwabachaphazelekayo. Lixesha lobunzima eli. Kanti kukumaxesha embandezelo apho amandla ethu abonakala khona. Siza kwenza izigqibo ngaphandle kokuthandabuza, ngokuzimisela nangogqaliselo. Siza kusebenza njengembumba, kuba impumelelo yemizamo yethu ixhomekeke kwizenzo zommi ngamnye waseMzantsi Afrika. Ithuba likaThuma Mina liphezu kwethu, mhlawumbi ngendlela engazange yaba khona ngaphambili. Nako oku kuza kudlula. Siza kweyisa. Singabemi baseMzantsi Afrika.
