I-Vulekamali ixhobisa abantu baseMzantsi Afrika

More Matshediso

Ngokucofa iqhosha, abantu bakwazi lula ukuqwalase la iintlobo zolwabiwohlahlomali zeli lizwe, siyayibulela inkqubo yekhompyutha ebizwa ngokuba yiVulekamali.
Eli sango lasekwa kwiminyaka emibini edlulileyo nguNondyebo weSizwe ngokusebenzisana nemibutho ethile yoluntu .
Le projekthi yesindululo esi tsha inikwe imbasa ngethuba leeMbasa zeziNdululo eziTsha zesihlandlo se-17 kwiCandelo loLuntu ngowama-2019, phantsi koluhlu lweInnovations Harnessing 4IR Solutions .
Umbhexeshi kaNondyebo weSizwe u-And ile Best, okho kela usungulo lwesango iVulekamali, uthe injongo yayo ephambili kukwandisa umdla woluntu, inxaxheba nolwazi ngeenkqubo zemali zikarhu lumente.
“Oku kukuzinikela kukaNondyebo weSizwe ekungafi hlisini ngakumbi ngeemali zoluntu. Iinkcukacha zolwabi wo hlahlo-mali sezipapashwe kwiwebhusayithi kaNondye bo, kodwa isango liqulethe iinkcukacha	ezifikeleleka	lula	futhi ngolungiselelo anokulise benzisa lula umsebenzisi, ukuze kwabelwane ngendlela encomek a ngakumbi ngee nkcukacha, naxa kusenziwa uhlalutyo nophando,” uchaze watsho.  Ngokombono ka-Best, iVulekamali ixhasa ukuzibanda kanya koluntu  ngokubanzi malunga neenkqubo zolwabi wo hlahlo-mali baze abemi bakwazi ukuba neengxoxo ezixhaswa ngolwazi ngemi gaqo-nkqubo karhulumente.
“Ukuba sicela uluntu ukuba lube nenxaxheba kwiinkqubo zolwabiwo hlahlo-mali kodwa abantu babe bevela kwimo yokungabi nalwazi, abakwazi kuba negalelo olusemgangathweni. Okwesibini, sinqwene la ukuba uluntu luyazi indlela urhulumente ayichitha ngayo imali evela eluntwini,” utshilo u-Best.
Umzekelo, imibutho yoluntu ikholisa ukufuna ukwazi indle -la urhulumente azinika ngayo iinkonzo, indlela ezinxulumene ngayo iinkonzo nolwabiwo hlahlo-mali nokuthi ingaba ngurhulumente wesizwe, wephondo okanye wendawo na onoxanduva lweenkonzo ezithile.
U-Best uthe phakathi kwamaqela ababandakanyeka yo nabelana ngomdla kwipro jekthi kukho  iSebe loCwangciselo, uQwalaselo noVavanyo; imbumba yoluntu  Imali Yethu; uSungulo lweHlabathi kunye neZiko likaRhulumente leeNgcebiso ngezobuGcisa. Kwinqanaba ngalinye lokwenziwa kwezigqibo nakulwakhiwo ngalunye lolawulo, kukho abamele urhulumente kunye noluntu , utshilo.
Ethetha egameni lemibutho ebandakanyekayo yoluntu , uZukiswa Kota, intloko yeNkqubo yoQwalaselo noThethelelo kwiiNkonzo zoLuntu zoQwalaselo lokuziPhendulela nonguMququze leli oyintloko kwi-Imali Yethu, uthe zibaluleke kakhulu iinkqubo zokuziphendulela malunga nolwabiwo hlahlo-mali kulawulo ngentando yoninzi. Injongo yase kugqibeleni kukuphembelela ukuphuculwa kokunikelwa kweenkonzo, utshilo.
“Malunga	nathi,	ukufikelela	kwiinkcukacha ezikhawulezi leyo kuthetha ukuba akusoloko ujongana namaqela oluntu aqumbileyo nangazaziyo iinkqubo zolwabiwo hlahlo-ma li,” utshilo, esongeza nokuthi kufuneka abantu abanengqiqo ephucukileyo ngokungxamise ka okufunekayo kokuhlomla ngeziganeko zolwabiwo hlahlo-mali kanti futhi mabazi nokuba bafanele ukuthetha nabani ngeenkxalabo zabo . 