Inkxaso enikwa izigulana ibalulekile ekutshatyalalisweni kwe-TB

Dale Hes

I-Projekthi ye-US AID Tuberculosis  yoMzantsi  Afrika (The US AID Tuberculosis South Africa Pro ject) izibonakalisa njengomze kelo ogqibeleleyo wendlela urhulumente, amaqela oluntu nee-NGO zinokwahlulelana ngayo ngokusitshabalalisa ngobambiswano isifo sephepha (i-TB) ngokunika izigula na inkxaso efanelekileyo.  UMzantsi Afrika uthathe indawo yokhokelo ehla bathini kwidabi lokulwa i-TB, kanti i-Arhente yeZizwe eziManyeneyo yoPhuhliso lweHlabathi (i-USAID) nayo ingenelele ngokunika unce do.
Iprojekthi yeminyaka emihlanu, eqalise ngowama-2016, iqhutywa ngolwahlulelwano neSebe leSizwe leMpilo kumaphondo asibhozo ase Mzantsi Afrika.
Enye yeenxenye ezibaluleke kakhulu zeprojekthi kukuni ka inkxaso kwii-NGO ezisekwe eluntwini. Iprojekthi inika inkxaso-mali kwii-NGO ezingama-21 ezixhase nga phezu kwezigulana ezinga ma-3500, uninzi lwazo lukwi indawo ezisemaphandleni.
I-Mosamaria e-Free StateI-Mosamaria, ese-Mangaung yenye yee-NGO ezifumene inkxaso-mali evela kwiprojekthi. Lo mbutho uneqela labasebenzi bempilo baseluntwini, kukho umlawuli weprojekthi nomcholacholi weenkcukacha ezigciniweyo kwaye bonke basebenzela ukuqinisekisa ukuba izigulana zihlala zisebenzisa unyango lwazo ukuze ziphile kwithuba leenyanga ezintandathu.
 “Siqeshe abaniki bokhathalelo abangama-74 malunga nale projekthi. Siqale ngokusebenza ngezigulana ezingama-200, lakhula inani laba ngama-400, kanti kwikhontrakthi yethu yangoku sinezigulana ezingama-500 esisebenza nazo yonke imi hla. Izigulana zithunyelwa kuthi zivela kwiiklinikhi ezilithoba ezahluka-hluki leyo kwiziPhaluka zase-Ma-ngaung xa zifunyaniswe ngoxilongo ukuba  zineTB,” utsho u mququzeleli wase Mosamaria u-Trudie Harrison.  I-Mosamaria iqhuba ama phulo okuhluza ngokunge na kumnyango nomnyango ngenyanga nganye ukuze ku funyaniswe izigulana ezitsha ezine-TB ukwenzela ukuba zinikwe unyango kwangoko.
U-Harrison uthi umsebenzi ka-Mosamaria ulinciphisile igama elibi malunga ne-TB, waza wakha ubudlelwane obufudumeleyo noluntu fu thi wakhokelela kumaxabiso aphucuke ngakumbi onyango oluphumeleleyo.
“Umzekelo, ngowama-2018, kunyangwe izigulana ezinga ma-514,” utshilo u-Harrison.
U-Harrison ubalisa ibali lesinye sezigulana zase-Mosa maria. Wayenikwa inkxaso yonke imihla ngumniki wokhathalelo wase-Mosama ria, owayeqinisekisa ukuba uziginya kuzo zonke iintsuku iipilisi zakhe aphinde futhi ancedise ngomgubo wombona nangeempahla ezintsha . “Walugqiba unyango lwakhe futhi waphila. Ubuyele emsebenzini njengoko umqe shi wakhe ebemgcinele isithuba sakhe somsebenzi,” utsho u-Harrison.
Zazi iimpawu ze-TB  Ukuba unezinye zezi mpawu zilandelayo, kufuneka utyele le eyona klinikhi ikufutshane kuwe okanye isibhedlele uku ze uvavanyelwe i-TB:
• Ukukhohlela okugqiba iiveki ezintathu okanye nangaphezulu• Ukukhohlela igazi• Iintlungu esifubeni, okanye iintlungu xa uphefumla okanye ukhohlela• Ukwehla kobunzima bomzimba okuzenzekelayo • Ukudinwa•	Ifiva . 
