Masisebenzisane silungise  imeko yezimali yeli lizwe

vukuzenzele unnamed

Ntetho yoHlahlo Lwabiwomali eyenziwe nguMphathiswa wezeMali uTito Mboweni isinike umfanekiso owoyikisayo wemeko yoqoqosho lweli lizwe lakuthi.
Imeko yezimali yeli lizwe ikucacisa gca ukuba kufuneka sithathe amanyathelo oku tshintsha izinto ngoku, ngapha koko kuza kuba nzima kakhulu kwezi nyanga zizayo.
Ngamanye amazwi, sichitha imali engaphezulu kakhulu kule siyingenisayo.
Isiphumo soko kukuba sibole ka imali eninzi, futhi neendleko zokubhatala la matyala nazo ziyenyuka. Okuyinene kukuba iindleko zokubhatala ityala ziyeyona mali ininzi kuluhlu lwezinto urhulumenete imali yakhe ayichitha kuzo. Sisebe nzisa imali ukubhatala ityala  eninzi ngaphezulu kwale siya bele ezempilo; licandelo leze mfundo nelezophuhliso loluntu afumana imali engaphezulu kwale siyibhatala ematyaleni.
Le meko ayintlanga kwaphela futhi iza kuseyelisela kungeku dala.
Zininzi izinto ekufuneka sizitshintshile kwaye kufuneka sizitshintshe ngoku.
Zininzi izinto ezibangele uku ba sibe kule meko. Uqoqosho lweli lizwe alukhange lukhule kule minyaka ilishumi idluli leyo, ubukhulu becala, ngenxa yombhodamo owenzeka kuqo qosho lwehlabathi ngowe-2008 kunye nokuhla komthamo wezimbiwa ezithengiselwa amazwe angaphandle. Into leyo ebangele ukuba ibe ncinci imali eyingeniso eqokelelwa ngurhu lumente. Nako ukubanjwa ngobhongwane kombuso kunye norhwaphilizo kuluchaphazele ulawulo, ukusebenza ngendlela efanelekileyo kunye nozinzo lwezezimali kumaqumrhu ka rhulumente amaninzi, kuquka namashishini aphantsi kolawu lo lukarhulumente (ii-SOE).
Amalinge enziweyo kule minyaka mibini okuvuselela uqoqosho nokwakha ngoku tsha amaqumrhu ombuso nawo ngoku achatshazelwa yile  ngxaki yombane, into leyo nayo echaphazela ngakumbi uhlumo loqoqosho, itye imali yombuso.
Izinto ezikhokeliswe phambili kolu hlahlo lwabiwo-mali lwalo nyaka zenzelwe ukubuyisela uqoqosho kwindlela eya eku hlumeni, kuphungulwe imali echithwa ngurhulumente kuze kubanjwe ityala lingakhuli kakhulu.
Uhlahlo lwabiwo-mali luba luleke kakhulu kumalinge ethu ohlumo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke, okudala  imisebenzi, utyalo-mali nombu so onezakhono ezifanelekileyo.
Sisithathe isigqibo ngabom sokuba singabophi ibhanti.  Ukwenza oku bekuza ku khokelela ekubeni siyiphu ngule kakhulu imali esiyichitha kwiinkonzo zezentlalo esele ziyinto abaphila ngayo abantu abangathathi ntweni. Oku bekunokukhokelela nasekubeni sicuntsule kakhulu kwimivuzo yabasebenzi bakarhulumente, siphungule inani labasebenzi bakarhulumente, siyiphelise imali yebhonasi siphungule nakwimali yomhlalaphantsi, songeze irhafu size sithengise amaqumrhu abalulekileyo ombuso.
Uhlahlo lwabiwo-mali olu gxininisa kumba wokubopha ibhanti beluza kuwanciphisa kakhulu amathuba okuba uqoqosho lweli luhlume, ngolo hlobo luthene amandla  ombuso okuvuselela uqoqosho ukwazi ukubonelela abantu  ngezidingo zabo.
Endaweni yoko imali siyi hlahle saze sayaba ngendlela equka amanyathelo aqiqisisi weyo nahlakaniphileyo okutho thisa isantya esiyichitha ngaso imali, kunyuswe umthamo wemali eyingeniso kukhutha zwe nohlumo.
Kule minyaka mithathu izayo, silindele ukuba sikwazi ukonga imali ezibhiliyoni ezingama-261 zeerandi ngokuthi siphu ngule imali esiyabela amasebe ahlukeneyo ombuso kunye nezinga enyuka ngalo imivuzo yabasebenzi bakarhulumente.
Ngaxeshanye sifuna ukuse benzisa imali eninzi sisenza utshintsho kwii-SOE ezifana no-Eskom no-SAA. Ke ngoko, silindele ukuba yehle ngemali ezibhiliyoni ezili-156 leerandi imali esiyichitha kwiiprojekthi ezingenanzala kwezi nyanga zimbalwa zizayo.
Oku kuza kuphungula imali elityala kuze kuphungule nema li esiyibolekayo.
Isixa esikhulu semali esiza kuyonga iza kuvela kule mali iza kuphungulwa kwimivuzo yabasebenzi. Oku kuza kufu na ukuba kubanjwe iingxoxo eziza kugxila kanye kulo mba ngamahlakani ezentlalo, inga kumbi imibutho yabasebenzi bakarhulumente. Ezi ngxoxo kuza kufuneka zibanjwe ngee njongo zokuba kusonjululwa le ngxaki. Indichulumancisa kakhulu into yokuba onke amaqela abonakalisa umdla wokusebenzisana kusonjululwe le ngxaki.
Indlela esiza kuyisebenzisa ayizikuphungula inani elininzi labasebenzi bakarhulumente ngoku, koko iza kujonga isantya ekhula ngaso imivuzo yabasebenzi bakarhulumente.
Isantya ekhula ngaso imivuzo yabasebenzi sekuyiminyaka ngoku sinyuka ngaphezulu kwesantya anyuka ngaso ama xabiso, kwaye oku kufuneka sikulungise ukuze singayibeki emngciphekweni imali yombu so. Nabantu ngokunwabo benza njalo ngemali yabo, umzekelo xa kukho into enyuka yodwa kwizinto ozihlawulela imali, ingangumbane, imali yedata okanye yokutya – loo nto  ingayiphazamisa indlela umntu lowo ayicwangcisa ngayo imali yakhe.
Imali ehlawula imivuzo ya basebenzi eseyiyeyona mali ininzi kwiindleko ezikudidi  olunye nayo. Ukukhula kwema li yemivuzo kutya kwimali ebekufanele ukuba isetyenziswa kwiiprojekthi ezinkulu naku manye amaphulo abalulekileyo kuhanjiso lweenkonzo.
Imali ehlawula imivuzo ya basebenzi bakarhulumente asi yiyo yodwa esifuna ukuyiphu ngula. Ndithathe isigqibo soku ba inganyuswa imivuzo yama gosa aphezulu karhulumente kulo nyaka. Oku kulandela uku phungulwa kwamaqithi-qithi, into leyo yenzeke emva kokuba kwenziwe utshintsho kwiNcwadi enoLuhlu lwama Qithi-qithi abaPhathiswa. Siza kupapasha umthetho omtsha kulo nyaka oza kunika ingcaci so ngendlela eza kuhlawulwa ngayo imivuzo kumaqumrhu kunye namashishini aphantsi kolawulo lukarhulumente ukwenzela ukuba siphelise lo mkhuba wokuhlawulwa kwamalungu eebhodi kunye nezikhulu eziphezulu imivuzo ephezulu ngokugqithisileyo.
Iinkokeli zemibutho yabase benzi zinyanisile xa zisithi kufuneka sinqade ngokubo nakalayo ukusetyenziswa kakubi kwemali karhulumente ngokuthi silwe urhwaphilizo, siyeke ukudyuwaza nokusebe nzisa ngokungekho mthethweni imali karhulumente.
 Nangona kubalulekile uku thoba isantya enyuka ngaso imali yemivuzo yabasebenzi bakarhulumente, ukuphucula umgangatho womsebenzi wabasebenzi bakarhulumente nako kubalulekile ukuba si funa ukwakha urhulumente onabasebenzi abanezakhono nabasebenza ngobunono. Sifu na ukuba abantu abafaneleki leyo baqeshwe kwizikhundla ezibafaneleyo.
Njengoko siza kuphungula imali echithwa ngurhulumente, sikwakhangela nohlumo. Ku ngenxa yeso sizathu le nto sithe, nangona ityala likarhulu mente liselikhulu, singakhange siyinyuse kakhulu irhafu.
Endaweni yoko siyiphungule irhafu ehlawulwa ngabantu saze sathatha namanyathelo okuqinisekisa ukuba sandisa inani lamashishini ahlawula irhafu. Senza neenguqu ezi mandla kwicandelo lombane, kumazibuko nemizila kaloliwe kunye nakwiziseko zonxibele lwano ukuze siphungule  iindleko zokuqhuba ishi shini kweli. Ngokusebenzisa  iNgxowa-mali yeziSeko zo Phuhliso, siza kuqokelela imali kwiindawo ezahlukeneyo uku ze ityalwe kwiinkqubo enkulu yokwakha. Ngokusebenzisa inkqubo yezoshishino nama phulo okuzingela utyalo-mali siza kuvula imimandla ebalule kileyo eza kukhuthaza uhlumo.
Silungisa imeko yezimali zikarhulumente ukwenzela ukuba kubekho uhlumo olu za kuxhanyulwa ngumntu wonke kudaleke nemisebenzi.
Amaxesha afana nala afuna ukuba sisebenzise ukuqiqa, hayi inkani. Afuna sisebenzisane, singagquzulani. Kufuneka zibekhona izinto emasilungele ukuzincama nokophulela kuzo.
Yingxaki yethu sonke le, ke ngoko kufuneka sisebenzisane ngokubambisana ukuze sikwazi ukukhupha eli lizwe lethu laku thi kule ntsunguzi likuyo.